xhosa.723.triviajun
BONA
BONA XHOSA - June 2007
A MAQOKOBHE amaqanda aqinile. Unawo umfanekiso-ngqondweni weqanda elineqokobhe elithambileyo" Linga oku kulandelayo...
Kuza kufuneka:
1 iqanda elibilisiweyo
1 ikomityi yeviniga
iglasi okanye ibhotile ekhanyayo
Indlela yokulenza:
Galel' ikomityi yeviniga eglasini
Faka iqanda kuyo uliyeke imini yonke
Likhuphe iqanda ulive ukuba linjani.
Okwenzekileyo:
Kaloku amaqokobhe amaqanda anento ekuthiwa yicalcium carbonate. Yiyo ewenza aqine.
Iviniga iyi-asidi ekuthiwa yiacetic acid.
Xa kudibana icalcium carbonate (yeqokobhe leqanda) ne-acetic acid (iviniga) kulwa amachiza kuze kuphume icarbon dioxide (engumoya).
Xa ulifaka kwiviniga iqanda kuphuma amadlu ecarbon dioxide.
Ukulwa kwamachiza kuqhubeka de wonk' umoya oseqandeni uphume - oko kuthabatha malunga nosuku.
Iqanda ulikhupha lithambile kwiviniga kuba yonke icarbon dioxide ekulo iphume yangamadlu.
Ngoku linga oku...
Beka elo qanda etafileni imini yonke, uphinde ulive ukuba lisathambile na emva koko.
Uya kuliva liqinile!
Ikhalsiyam eshiyeke kwiqokobhe leqanda ifunxa icarbon kwicarbon dioxide esemoyeni esiwuphefumlayo.
Okanye oku...
Yintoni eyenza amathambo ethu aqine" Yicalcium carbonate - nekuyiyo eyenza amaqokobhe amaqanda aqine.
Linga oku - uya kubashiya bebamb' ongezantsi abahlobo bakho...
Thatha amathambo amancinane enkuku uwafake imini yonke kwiviniga. Wakhuphe, uya kuwafumana ethambile njengamaqokobhe amaqanda.
Ngendlela athambe ngayo ungawabopha iqhina okomsonto.
Wabeke phezu kwetafile uwayeke, aza kuqina kwakhona!
Waphathe esikolweni ubone ukuba abahlobo bakho bazokwazi na ukuba uwaqhine njani!
Baxelele bafunde iBONA!
YOTHUS' ABAHLOBO BAKHO!
ukanti igazi loonamvuna libhlu.
IGAZI lezidalwa ezincancisayo libomvu...
logama igazi lezinambu-zane lityheli...
amakhasi okuzonwabisa
Eyona ntaba inde eAfrika
IKilimanjaro yintaba esemntla-mpuma weTanzania. Yenziwa lugqabhuko-dubulo lwamandulo kwaye eyona ndawo iphakemeyo kuyo kuthiwa yiUhuru Peak.
Le yeyona ndawo iphakemeyo eAfrika njengoko iphakame nge-5 895m. Ngenxa yendawo ekuyo le ntaba nokuphakama kwayo, abantu abagwencela kuyo bafumana zonke iindidi zemozulu yaseMhlabeni kwindlela esinge enkcochoyini.
Zimalunga ne-1 470 iindidi zemithi eseTable Mountain - elo nani lingaphezulu kwayo yonke imithi eseUnited Kingdom.
Konke...
... ngemvubu
Igama lesiNgesi lemvubu elithi "hippopotamus" lisuselwa egameni lesiGrike elithetha "ihashe lomlambo."
Iimvubu zihlala zingamaqela ezilwanyana ezingama-40.
Ziphila iminyaka engama-40 ukuya kwengama-50.
Iimvubu zinobude obuyi-3,5m, ukuphakama nge-1,5m emagxeni yaye zinobunzima obuyi-3 200kg.
Nangona inkulu imvubu ibaleka ngaphezulu komntu emhlabeni, kwaye ifikelela kwisantya esiyi- 30km/h kumgama omfutshane.
Amehlo, iindlebe neempumlo zemvubu zibekwe phezulu kwintloko yayo. Oko kuyinceda ikwazi ukuhlala umzimba wayo ungaphantsi kwamanzi ukuze ihlale ipholile ingatshiswa lilanga.
Enye into eyikhusela elangeni kukuba umzimba wayo ukhupha okungamanzi okubomvu okuyikhusela elangeni. Oku maxa wambi abantu bakubiza "ngombilo oligazi" kodwa akulogazi yaye akungombilo.
Iimvubu zitya izityalo ngaphandle kwamanzi ebusuku ikakhulu kwaye zingatya uhlaza olunobunzima obuyi-50kg ngemini.
Imvubu ifakwe kuluhlu lwe- "Red List" yiWorld Conservation Union ngoMeyi 2006. Oko kuthetha ukuba iimvubu zisecicini lokuphela.
UBUSAZI NA" Ukuba de kube ngo-1985 izazi zendalo beziyibeka kudidi lweehagu imvubu. Kodwa uphando olutsha lwavelisa ukuba imvubu ifana namahlengesi neminenga!
Unscramble
Misa oonobumba ngendlela benze igama elifundekayo.
BONA XHOSA - June 2007
ICanary Islands ayithiwanga ngegama lentaka. Eli gama ligama lale mihla elithi Latin Canariae Insulae - Island Of Dogs.
Ingwe- nkala kuphela kwekati ezitsho- nisayo iinzipho zayo.
BONA
BONA XHOSA - June 2007
UMTSI OMKHULU!
Owona mtsi mde owenziwa lisele elitsibayo uyi-10,3m. Loo mtsi wenziwa lisele laseMzantsi Afrika elinempumlo etsolo ekuthiwa nguSantjie kukhuphiswano lwemitsi yamasele olwalusePaulpietersburg ngomhla wama-21 kuMeyi 1978.
Multi-Game
Isipho setitshala yakho
KWAMANYE amazwe njengaseUSA i-apile ebomvu sisipho esinikwa ititshala. Oku kususela kwiNkulungwane ye-18. Ngoko iititshala zazisamkela imivuzo ephantsi, ngoko abazali babeyipha ukutya ititshala yomntwana wabo. Njengoko ii-apile zazixhaphakile, iititshala zaziphiwa iminyazi ezele ii-apile. Yathi yakunyuswa imivuzo yeetitshala i-apile enye yaba sisipho sokuncoma umsebenzi wazo.
amakhasi okuzonwabisa
Vavanya ulwazi lwakho lolwimi. Umfanekiso sisikhokelo, liyintoni igama lawo"
Imbongi yomNgesi, uLord Byron waba buhlungu ngokufa kwenja yakhe de wabhala kwilitye lengcwaba yalo: "Ubuhle obungabuniyo, amandla angenasiphelo, isibindi esingenambaliso, nako konke ukulunga kwendoda ingenawo amasekela ayo."
I-anaconda eyenye yeenyoka ezinde ehlabathini izala amantsho-ntsho enyoka ayizaleli amaqanda njengezinye.
Amatha-mbo ehobe anobunzi- ma obunga- phantsi kweentsi- ba zalo.
Yenz' igama
Yenza amagama esiNgesi anonoobumba abane okanye abahlanu ngoonobumba obanikiweyo. Unobumba ophakathi (obomvu) mawusetyenziswe kwigama ngalinye. Emva koko yenz' igama elibasebenzisa bonke oonobumba. Unobumba ngamnye makasetyenziswe kanye.
Picture Puzzle
Umnenga obhlu sesona silwanyana sinesikhalo esikhulu eHlabathini. Isikhalo sawo sifikelela kwi-188 decibels. Eso sikhalo singavakala kumgama wamawaka eekhilomitha ngaphantsi kwamanzi
BONA XHOSA - June 2007
Umfanekiso ngamnye usisikhokelo somawukubhale kwizithuba ezingabhalwanga.
