xhosa.1256.yourfamily_child
Ubuciko boonomngqusho
Umntwana obethayo nolumayo
Nangona oku kungakothusa kodwa ukuba nomsindo komntwana yinxalenye yokukhula kwakhe. Ngokutsho kukaGqr. Rone Thomas oyingcali yengqondo yabantwana, ukubetha nokuluma abanye abantwana yinto eqhelekileyo ebantwaneni. Kodwa oko akuthethi kuthi kufuneka ungakuhoyi.
Mxelele umntwana wakho ukuba akwamkelekanga oko yaye umbonise eziny' iindlela zokubonakalisa iimvakalelo.
Nanga amacebiso:
Xa umntwana wakho engena kwindawo yeebhola kwiziko lokudlala labantwana, mkhuphe xa egibisela abany' abantwana ngeebhola.
Hlala naye phantsi nibukele abany' abantwana bedlala. Mchazele ukuba naye angaya ayodlala nabanye abantwana xa engazukubabetha.
Kuphephe ukuxambulisana nomntwana ngokungambuzi
ukuba: "Ungathanda wena
ukugityiselwa ngebhola?"
Ungabi nomsindo kuba ukumngxolisa nokumbetha kuya kumenza abenomsindo nangakumbi. Ukulawula owakho umsindo linyathelo lokuqala lokufundisa umntwana wakho ukulawula owakhe.
Xa ebetha okanye eluma abany' abantwana, ungahleki phambi kwakhe.
Xa eluma omnye, sebenzisa amagama alula kodwa angqongqo. Yithi: "Yek' ukuluma abany' abantwana'!"
Mchazele ukuba kubuhlungu ukuluma nokubetha kwabany' abantwana, nokuba awuthandi akwenze.
Thetha ngendlela enye
Thetha naye ngendlela efanayo kwinto nganye ayenzileyo engamkelekanga. Oko kumenza azi amakakulindele xa enze into.
Nokuba uneentloni ngento eyenziwa ngumntwana wakho kuba uphakathi kwabantu, kodwa oko kungakwenzi ungxolise kabuhlungu. Mohlwaye ngendlela eqhelekileyo.
Cel' uncedo
Maxa wambi izinto ezingalunganga ezenziwa ngumntwana azifuni umzali nje kuphela, utsho uGqr. Thomas. Xa umntwana wakho esoloko enomsindo, esoyikisa okanye ecaphukisa abany' abantwana, cela uncedo lukagqirha. Angakucebisa ngomcebisi okanye isazi sezengqondo ongamsa kuzo.
Ukhumbule ukuba umntwana uselula. Xa uzama ukumnceda ngomonde, makhulu amathuba okuba atshintshe. [x]
Ziziphi izilwanyana ozithandayo, uzithandiswa yintoni?
Ndiyayithanda ingonyana nengwe kuba nam ndifana nengwe.
Awuzoyiki ezi zilwanyana njengokuba ziyingozi nje?
Andizoyiki, umama uza kundithengela iskutha yaye ndiza kutsala ingonyama ngeendlebe ndize ndibaleke ngaso.
Ndinike amagama amaxesha amane onyaka?
Ndililibele elinye. Lihlobo,
ubusika, intwasa-hlobo
nokwindla.
Uthe elinye ulilibele, kodwa
uwatsho omane...
Ndiyazi. Kaloku ndiyazilibala ezi zinto.
Kukuphi ukutya okuthandayo?
Yinkuku yenyama nespinatshi.
Bangaphi oomongameli
baseMzantsi Afrika?
Andikhumbuli.
Ngubani umongameli wethu?
NguMandela, uThabo Mbeki noZuma.
UMNTWANA WAKHO
Kule nyanga sincokola no-Onalerona Lerefolo oneminyaka emihlanu waseModikwe eMntla Ntshona
Xa ufuna "sidlan' indlebe" nomntwana wakho, bhalela kule dilesi: BONA/Kidspeak, Box 473014, Parklands, 2121. Sixelele iminyaka yomntwana yaye ufake nefoto yakhe nenombolo yomnxeba ofumaneka kuyo emini.
UMZALI OYINDUMASI
Imvumi neprodyusa eyaziwayo, u-Arthur Mafokate, uthetha nathi ngokulungiselela umntwana ukuya kutyando
IKUMKANI yekwaito u-Arthur Mafokate onentombi engu-Owami eyenziwe utyando lwentliziyo kwiminyaka embalwa edlulileyo, usinika amacebiso ngokulungiselela umntwana wakho utyando.
Qala uthethe nabantu: thetha nabahlobo, izalamane noogqirha ukuze ufumane iinkcukacha ngotyando olo.
Xa sele ekhulile umntwana, mchazele isizathu sokuba enziwe utyando, umqinisekise nokuba uza kuphila emva kolo tyando.
Mxelele nokuba uya kuphaphama emva kolo tyando usecaleni kwakhe.
Ungamqhathi ukuze akuthembe. Mxelele inyaniso kangangoko unako.
Abantwana banento yokucinga ukuba ukugula kwabo nokufuneka batyandwe kwenziwa kukungaziphathi kakuhle kwabo. Basenokungatsho kodwa babe benesazela sokuba loo nto yenzeka ngenxa yabo.
Ezinye iinkcukacha sizifumene kwi: kidshealth.org.za
Umqulunqi: Kamogelo Sebola
