xhosa.719.wwf
Le projekthi yokhenketho eyodwa ayiphelelanga ekunikeni abakhenkethi ithuba lokuhamba phezu kwemithi koko ikwavula namathuba emisebenzi kuluntu lwendawo oluhluphekileyo
kubhale uMARIA SITHOLE
UMANAH Ntuli (28) uhlala eShowe eKZN kunye nabantakwabo ababini, intombi yakhe, unina noninakhulu. Wayesebenza esuphamakethi waza waphelelwa ngumsebenzi. Kungokunje untinga neentaka yaye ufumanise nokuba xa ubani ezimisele ukuphumelela kweli lizwe akanakunqandwa naziinkwenkwezi!
Untinga neentaka"
Siyibeka ngolo hlobo xa sithetha kodwa eneneni uManah ngomnye wabakhokeli kwiprojekthi yokhenketho exhaswe lisebe laseMzantsi Afrika leWorld Wildlife Foundation ibambisene neSappi.
Idibana phi ke loo nto nokuntinga neentaka"
Kaloku le projekthi eseDlinza Forest kufuphi naseShowe yenye yeeTreeRoutes ezisixhenxe kweli lizwe. Apha kubekwa ibhodi yokuhamba emithini ukuze ikuvumele uhambe phezu kwemithi ubone le nto ihlala ibonwa ziintaka phaya phezulu.
Akufuneki ube ungumntu othanda ukujima okanye ube yinkawu ukuze ukhwele kule bhodi yaye nokuba umdala okanye umncinane uza kuyonwabela le nto.
Ngaxeshanye le projekthi inika uluntu lwale ndawo umsebenzi kunye nemfundo.
Abakhokeli aba-6 abasebenza kule bhodi ngabasekuhlaleni yaye uThabile Khuzwayo noNomusa Ntuli baqala kunye nale projekthi ngo-Oktobha ka-2001. Kamva kwangenelela uSiziwe Zungu, uZinhle Dladla, uSiyabonga Mthethwa noManah Ntuli.
Emnye kubo unebali lakhe elahlukileyo kodwa ikho into ebenza bafane: bahlala kwindawo exhwalekileyo yaye eli thuba lize kuguqul' ubomi babo.
Baya kuqeqeshelwa izifundo ngeentaka kunye nezokhenketho eWakkerstroom kufuphi naseVryheid kwiziko elilawulwa yiBirdLife SA.
Apho bafunda ukwahlula iintaka nokukhala kwazo kwaye bakwafunde nokubona imithi eyahlukeneyo namabhabhathane.
Aba bakhokeli bonwabisa abakhenkethi bamazwe angaphandle nabakweli ngamabali esiZulu neenkolelo ngehlathi iDlinza kwakunye nembali yeli hlathi.
Abakhenkethi baye bafumane nento ebebengayilindelanga xa aba bakhokeli bebaculela iingoma ezingezilwanyana neentaka ezikule ndawo.
"Ndaqal' ukusebenza kulondolozo lwendalo ndiseyintombazana encinci," utsho uThabile Khuzwayo (33) owayengutitshala ongaqeshwanga ngokusisigxina de waba utyiwa lizembe ngo-1997.
Wayefuna ukufundela ulondolozo lwendalo esakuphumelela imatriki kodwa kwaye kwasweleka uyise kwaza kwanyanzeleka ukuba axoze mphini wumbi.
"Ndiyakuthanda kakhulu ukufundisa abantwana ngendalo," kutsho yena.
UNomusa Ntuli (25) ungomnye wabantwana abasibhozo. Naye njengoManah Ntuli ungumzali ongenandoda owayengafumani msebenzi noxa wayefunde izifundo zekhompyutha nezokhenketho.
Uyakuthand' ukufunda ngendalo yaye sele efumene ulwazi olukhulu lweentaka ezahlukeneyo nemikhwa yazo.
Ukusebenza kule projekthi kumfundise ngolondolozo lwamahlathi nendlela yokuphatha abakhenkethi yaye unethemba lokuba ngeny' imini uza kuba neyakh' inkampani yokhenketho.
USiziwe Zungu onama-20 eminyaka nguyena mncinci. Uyaqal' ukusebenza yaye kufuneka aphucul' isiNgesi sakhe ngokukhawuleza kodwa uyawuthanda kakhulu lo msebenzi.
UZinhle Dladla (21) ngumama osemtsha waseNqutu. Uqeqesho alufumeneyo lukhulise umdla abe nawo wolondolozo lwendalo kangangokuba ngoku xa ethetha ngayo uthetha ngomdla omkhulu.
"Ndiyakuthand' ukusebenza nabakhenkethi nokubafundisa ngokubaluleka kokulondoloz' indalo. Ndifun' ukuziqalela isikolo sam solondolozo lwendalo. Ndinomdla kakhulu kwimbali yale ndawo," kutsho yena.
USiyabonga Mthethwa onama-21 eminyaka nguye kuphela indoda phakathi kwamabhinqa yaye ayamthanda kuba uyabukeka yaye utsho ngeenwele eziphothiweyo.
Ububele bakhe kunye nolwazi lweentaka analo lumenza abe ngumkhokeli ofunwa ngamandla.
"Ndandingaphangeli kodwa ngoku yonk' into itshintshile," utshilo.
Le projekthi ifuna ukuxhasa izikolo ezikwiindawo ezixhwalekileyo zithabath' inxaxheba kwiindibano zokufunda eziza kubanjelwa kwiziko labatyeleli. [x]
Bayantinga
BONA XHOSA - February 2006
Neenkwenkwezi azisayi kubanqanda
BONA XHOSA - February 2006
EKHOHLO: Ukusebenza kule projekthi kuyabakhulisa abakhokeli kuba kubafundis' izinto ezininzi.
NGASENTLA EKHOHLO: Abatyeleli abaselula basemajukujukwini bafunda ngobomi emithini.
NGASEZANTSI: Abakhokeli aba-3 abasebenza ngokupheleleyo kule projekthi: (ukusuka ekhohlo ukusa ekunene) nguZinhle Dladla, uManah Ntuli noSiziwe Zungu.
