xhosa.716.gogo
ABANTU BETHU
Kusenokwenzeka ukuba ungomnye wabona bantu badala ehlabathini, kodwa eli xhegokazi lisomelele, kwaye lithi liseza kuphila iminyaka emininzi ezayo... Kubhale kwafota uSidwell Guduka
LO ngumakhulu uMannakoe Makobane, ohlala eTambo Section, kude kufuphi naseSenekal eFreyistata. Ungomnye wabona bantu abadala ehlabathini, ubegqiba iminyaka eli-106 ngoJulayi.
Kwaye usazimisele ukuphila ixesha elide!
UMannakoe unabantwana abasibhozo, kodwa ababini kubo sele belandulele eli phakade. Unabazukulwana abangama-38, isizukulwana esingama-46 nesizukulwana sesizukulwana esimbalwa.
Uthi ubenako ukufikelela kule minyaka kuba ukhule ehlonipha abadala esitya nokutya okusempilweni, njengemifuno neziqhamo.
"Ndicebisa ukuba ulutsha nalo lwenze njalo. Ukuhlonipha kwandisa imihla yakho yokuphila," utsho.
"Ndibulela uThixo ngokundigcina iminyaka emingaka. Ngenxa yobabalo nobulumko Bakhe ndisaphila - kwaye ndisonwabele ukuba kunye nesizukulwana sam!
UMakhulu Mannakoe uyeva kwaye ubona kakuhle, ingxaki anayo kukuhamba.
Kwaye akuyonto imangalisayo leyo kumntu ozalelwe efama ekude kufuphi neWinburg ngonyaka ka-1902!
Akazange akwazi ukufunda waza wathi ngo-1933 watshata noLetsatsi - owasweleka ngo-1993.
"Ubomi babunzima ngelo xesha leminyaka yoo-1930. Saqala ukusebenza sisebancinci kwaye sasihlawulwa imali engekhoyo!"
"Lwaze ucalulo lobuhlanga lwasehlutha ithuba lokuba sifunde. Andikwazi ukufunda, ukubhala nditsho negama lam eli. Kodwa abangoku abantwana bayakwazi ukuya esikolweni bafumane imisebenzi ebhetele. Thina sikhule sihlupheka!"
UMannakoe uthi akazange wabufaka utywala emlonyeni wakhe - kwaye loo nto yenye yezinto ezimenze wanempilo ende! [x]
BONA XHOSA September 2008
UMannakoe uthi akazange nakanye abufaka utywala emlonyeni wakhe - kodwa angakubulala ngeelekese!
UMakhulu ubhiyozela ikhulu elinesithandathu leminyaka kunye nabahlobo nezalamane.
