xhosa.682.lizard e
BONA XHOSA - October 2005
Isicelo sakhe esilusizi
UBUSO bukaMaggie Nhuvunga buhle kodwa umzimba wakhe wonke uyaqaqamba yaye unofele olomileyo oluneentanda nezilonda ezivulekileyo. Xa lishushu ilanga iintanda ziyopha zize izilonda zirhawuzele. Ukuze abe bhetele kuye kufuneke angene emanzini abandayo ahlale kuwo. Akufuneki nokuba ayisebenzise isephu xa ehlamba.
"Xa ndihlamba ngayo kuba ngathi ndihlatywa ngeenaliti," utsho.
UMaggie unesifo ekuthiwa "lufele lukarhoqotyeni" esenza umzimba uqaqambe, udumbe.
Esi sifo samqala esemncinane. Samenza wangathandeki ebantwini baseBurghersdorp ngaseTzaneen.
Abantwana bayalelwa ukuba bangadlali naye yaye nabantu abadala babengamfunquli kuba besoyik' ukosuleleka.
Unina wayemtshixela endlwini kuba eneentloni ngaye.
"Ndandikroba ngefestile ndibukele abany' abantwana bedlala. Ndandifun' ukudlala nabo nam! Kwakubuhlungu ukubukela abany' abantwana bedlala ndibe ndingenakho ukudlala nabo," utshilo.
Uyise kaMaggie wasweleka eselusana uMaggie waza unina wazama kangangoko ukufuman' uncedo.
Amagqirha ayebhideka, amayeza okuthambisa ayewanikwa ekliniki ayengamncedi nawo.
Abongikazi bamxelela unina ukuba akusekho nto banokuyenza ukunceda uMaggie.
Bamcebisa ukuba amse kwindawo ayeza kugcinwa kuyo ngabantu abaqeqeshiweyo.
Wathi xa eneminyaka emine wasiwa kwiziko leengxwelerha. Wahlala apho de wane-18 leminyaka.
"Andiyongxwelerha mna. Ndashiywa nje apho kwalityalwa ngam. Ngumama kuphela owayendityelela. Andizange ndibabone abantakwethu yonke le minyaka," kutsho uMaggie.
Nakwelo ziko akazange onwabe.
Uthi wanyanzelwa ukuba anxibe iibhulukhwe neetophu ezinemikhono emide naxa lishushu. Ngaloo ndlela kwakukhuselwa abany' abantwana ababemoyika.
Wayengadlali nemidlalo yaye bambalwa abantwana ababengabahlobo bakhe.
Wayelilolo elambel' uthando. Loo nto yenza ukuba amadoda adlale ngaye eseneminyaka eli-18. Wakhulelwa waza wagxothwa kweloo ziko.
Ngoku unama-40 eminyaka yaye uhlala kwindlu kaRhulumente eBurghersdorp nabantwana bakhe abane.
Uvuka ngeyesine kusasa enze imisebenzi yakhe yasekhaya ngaphambi kokuphuma kwelanga.
"Xa lishushu uyaqaqamba umzimba wam. Kufuneka ndenze yonk' into lingekaphumi.
"Ngeny' imini ndaya komnye umzi ndiye kucela amanzi okusela. Ndathi xa ndiyibuyis' ikomityi bayilahla kude phaya. Ndakhathazeka kakhulu," utshilo.
Kodwa ubomi bukaMaggie buza kutshintsha.
Ugqirha wasekuhlaleni uthembise ukuba uza kumnceda. Uthi xa nje enokufumana unyango olululo uza kufana nabany' abantu naye.
Kaloku inyaniso yeyokuba esi sifo siyanyangeka!
"Unyango lusimahla kwizibhedlele zikarhulumente. Mandulo abantu babengabanyangi abantwana abanesi sifo kuba besithi siza kuphela xa sele bebadala," kuchaza uGqr Anisa Mosam oyingcali yomhlohli kwizifundo zolusu eNelson R. Mandela Medical School eThekwini.
"Ngoku siyazi ukuba ayenzeki loo nto yaye sizimisele ukusinyanga kwangoko esi sifo
"Sikuqwalasele ukubaluleka kokukhathalela ulusu kuba luqhekeka lula nto leyo ilwenza losuleleke. Lunobungozi kakhulu xa lufikelela kwimithambo yegazi."
Amayeza asesinye sezixhobo zokunceda abantu abanesi sifo kuba anciphisa ukwanda kwaso.
UMaggie uza kuzinxib' iimpahla ezimfutshane okokuqala ebomini bakhe.[x]
Ndifun'ukufana nabany' abantu
Ubomi bentwazana enofele olufana nolukarhoqotyeni abuzange bube mnandi kuba yayingafunwa mntu...
kubhale uGLACIER NKHWASHU noPATRICIA McCRACKEN
kufote uNEVILLE MAAKANA
Yintoni isifo sofele lukarhoqotyeni"
Oogqirha bathi yiichthyosis nto leyo ithetha ukuqhekeka komzimba.
Sikho kwihlabathi jikelele esi sifo yaye siphatha abantu bazo zonk' iintlanga.
Asosuleli.
Uyakwazi ukusibona kwangoko ngenxa yokuba senza ufele lome kakhulu, luqhekeke. Ubuncinane siziintlobo ezingama-28 ezahlukeneyo nezahluke ngokweempawu zaso nobunjani.
Xa ukhulelwe ungahlolwa ukuze kufunyaniswe ukuba umntwana akasithathanga na esi sifo kunina. Asibonakali xa esandul' ukuzalwa koko sidla ngokubonakala ngaphambi kokuba abe nonyaka.
BONA XHOSA - October 2005
EKHOHLO: "Xa ndihlamba ngesephu kuba ngathi ndihlatywa ngeenaliti umzimba wonke," kutsho uMaggie.
KUDE EKHOHLO: UMaggie ophile ubomi bakhe bonke engafunwa mntu uza kufuman' uncedo kugqirha weli onesisa.
NGASEZANTSI EKUGQIBELENI EKHOHLO: Ulusu lukaMaggie xa ulubonela kufutshane.
