xhosa.668.metropolitan
inqaku lentengiso elixhasiweyo
UBUSI noMandla batshata baza bathenga umzi ungekapheli unyaka betshatile - kungekudala balizwa ngonyana uLobanzi.
Babechwayitile bengazi nokuba benze ntoni na . . Ingaba bafanele bathenge imoto enkulu" Baza kulucebela njani usapho imali" Babefuna ukutyala imali yokufundisa usana lwabo. Babezimisele nokuphucula umgangatho womzi wabo...
UBusi noMandla babesoloko bethetha ngazo ezi zinto kangangokuba uBusi waqhagamshelana nomcebisi wezimali. Bahlalutya imeko yabo yemali waza umcebisi wabacebisa ukuba batyale imali kwi-inshorensi yobomi enceda nakwiimeko zokungxwelerheka neengulo ezimbi.
UMandla azange aye ukuyotyikitya le inshorensi kumcebisi wezimali.
Iingxaki
"Ndimanxada-nxada emsebenzini. Ungakhathazeki wena sithandwa sam akukho nto iza kundehlela mna!" wayesoloko esitsho uMandla.
Zonakala izinto emva konyaka. Bavelelwa yingozi besendleleni eya ekhaya, imoto yabo yatshayiswa yimoto eyagqitha iirobhothi zibomvu waza wonzakala kanobom uBusi, uMandla yena wasweleka.
Ingozi wayengenako ukuyiphepha kodwa wayenako ukuxhobisela usapho lwakhe iimeko ezilolu hlobo ngemali.
Wathi xa ephuma esibhedlele uBusi emva kweeveki eziliqela wahlangabezana namatyala amakhulu amlindileyo. Kwanyanzeleka ukuba awuthengise umzi wabo webhongo kuba engasakwazi ukuwuhlawulela.
Ukuba ngaba uMandla wayeyityikityile laa inshorensi yobomi wawuza kuhlawulwa umzi wabo luze usapho lwakhe lubenendawo yokuhlala.
Ukhuseleko
Xa uthatha i-inshorensi uyakhuseleka kwiingxaki zemali ezivela zingabhungisanga. Awukwazi ukuzithintela izehlo ezilolu hlobo.
Xa sifuna ukuzikhuphela endaweni ekude, siba sesichengeni seengozi kwaye noloyiko lokungxwelerheka nokufa luyakhula. Kufuneka uzibuze le mibuzo...
tIngaba imali endiyongileyo iza kuluthwala usapho lwam"
tSiza kuphila ubomi obunjani"
tIngaba iza kubakho imali eyaneleyo yokufundisa abantwana"
tIngaba iza kubakho imali yemitshato nemingcwabo"
Xa uthatha i-inshorensi uqinisekisa ukuba iingozi, ukufa, ukungxwelerheka akushiyi usapho lwakho lungenayo nepeni. Zikhusele - thatha i-inshorensi.. [x]
XA UFUNA ULWAZI OLUTHE KRATYA: Tsalela iMetropolitan Life Call Centre ku-0860-724-724
BONA XHOSA - November 2007
Cebela iingxaki
Ukuhlangabezana neengxaki zobomi ngempumelelo
Yintoni irisk cover"
1. I-Risk cover... ikukhusela kwiimeko ongenako ukuzilawula - iingozi, ukugula okumandla nokufa ngebhaqo. Iinkampani ze-inshorensi ziquka nemali yembekelo xa ungxwelerheka, xa ufikelwa yingulo embi naxa uvelelwa yingozi kwi-inshorensi yobomi.
2. I-Risk cover... ikunceda ukwazi ukuziphilisa xa sele ungaphangeli ngenxa yokuvelelwa yingozi okanye ngenxa yokugula.
3. I-Risk cover... efana neyakwaMetropolitan, umzekelo, ikuhlawulela naxa sele ungakwazi ukwenza ngokukuko into obukade uyenza kakuhle ngenxa yokugula okanye ngenxa yengozi.
