xhosa.666.comment
ULUVO LOMNTU
Yekani ukukhalaza ngo-2010!
NDIYAKU-QINISEKISA - wonke umntu uza kube ebobotheka luncumo ezitratweni zeli ngemini apho unompempe eza kube ekhalisa impempe yokuqala kwemidlalo yeNdebe yeHlabathi eSoccer City.
Olo ncumo lwakube lukho nasezintliziyweni zenginginya elungiselela ubukho beNdebe yeHlabathi kweli. Abantu abaqikelelwa kwi-5 000 bakube besebenza njengamavolontiya bengabonwa ukuqinisekisa ukuba abadlali bakhwela ezibhasini zabo kwaye bayawafumana namagumbi okunxibela.
Kodwa inyaniso kukuba, noxa abantu bethu sele befuman' uqeqesho ukulungiselela le ndibano inkulu kangaka yezemidlalo kwimbali yeli, akukho mntu waziyo ncam amabakulindele!
Kodwa kusekho abanqwenela ukuba ingaqali le midlalo. Abacingi, kwaye bajijekile kuba banqwenela izinto zingahambi kakuhle, kungenjalo kubekho intlekele edalwa yimo yezulu, ukuze iNdebe yeHlabathi isiwe kwelinye ilizwe.
Okumangalisayo, kukuba noxa umongameli weFIFA uSepp Blatter ethe ingayimfazwe eya kunyikimis' umhlaba engenza iNdebe yeHlabathi ingabikho.
Kwahlukile ukulumka okanye ukuxhalaba ngenxa yomsitho oza kubakho, kodwa ukude unqwenelele ilizwe lakho ukuba lehlelwe kokubi khon' ukuze kubonwe ukuba ubunyanisile, ziintloni ezingathethekiyo.
Sekukho namaziko eendaba ahambisana neli qela licing' okubi. Bajong' indlela yokutshabalalisa imisebenzi kaDanny Jordaan nabanye abantu abasebenze nzima ukuze siphumelele ngeentetho ezigxekayo.
Imbi loo nto.
Kodwa eyona nto imbi, aba noondaba abasixelelanga nokuba akukho mfuneko yakuxhalaba ngenxa yentetho kaBlatter.
Nokuba ibanjelwe phi iNdebe yeHlabathi kusoloko kukho indawo eyonyulwayo yokubambisa.
Ayinanto yakwenza nobunjani belizwe elikhethiweyo, zizicwangciso nje zokulungiselela okungekehli.
Intetho kaBlatter isetyenziselwe ukuhlekisa ngomsebenzi omninzi osele wenziwe.
Ngelo xesha, kukho iziganeko eziliqela apho amazwe ayesingethe iindibano ezinkulu zemidlalo ekwafuneka ajongane "neemeko," ezinzima. Umzekelo kwiSummer Olympics kunyaka ka-1972 eWest Germany, abagrogrisi babulala abadlali bakwaSirayeli abali-11. Noxa kwabanjalo imidlalo yaqhubeka ukuze kunikw' imbeko loo maxhoba.
Ngexa sasisingethe iNdebe yeHlabathi yoMbhoxo ngo-1995, wonke umntu wayesithi ayizukuphumelela. Kodwa yezisa umanyano elizweni lethu. Ngoku lithuba lebhol' ekhatywayo.
Mna ndiza kuhlala ndilindele ukubona obo buso bunoncumo - mhlawumbi ndim oya kube encume kakhulu... [x]
Pule wa Sekano
Xa unqwenelela ilizwe lakho ukuba lihlelwe yintlekele ukuze ubonwe ukuba ukuchanile okuza kwenzeka, ulihlazo elingathethekiyo...
