xhosa.652.muthi
Xa IZINYANYA zihleli esizalweni sakho
Wayemfuna ngamandla umntwana, waza walala negqirha elalimnyanga
IBHINQA elixhalabileyo libhale lathi kwathiwa kulo alinakukhulelwa ngenxa yokungavumi intwaso. Sele lifikile kwiminyaka engama-40 kwaye litshate iminyaka eli-18.
Kuqala lalingafuni kwanto ilidibanisa nobugqirha, noxa lalixelelwe ukuba seso sizathu esenza amanyange "ahlale esizalweni salo." Endaweni yoko lagqiba kwelokuba lohlukane nomyeni walo.
Kodwa lafikelwa liphupha elathi xa lisohlukana nomyeni walo nasemtshatweni omtsha alizukuba nabo abantwana. Lawuva umyalezo wephupha laze laya kuthwasa.
Ngelo xesha ayengayekanga ukulifikela amaphupha. Kwelinye kwathiwa kufuneka lithabathe uhambo liye kudibana negqirha eliza kulinceda.
Lahamba imini yonke, kodwa ekugqibeleni lalifumana ixhego eliliphuphileyo.
" Emva kweentsuku ezimbalwa ndidibene neli gqirha ndaba nelinye iphupha elandenza ndakhala ndacinga nokuzibulala."
"Ephupheni ndaxelelwa ukuba kufuneka ndibe nendibano yesondo nelo xhego. Ukuze ndibe nabantwana.
"Andizange ndimxelele umyeni wam ngaloo nto, ndaya kulibona elo gqirha kwakhona.
"Lothuka ndakulixelela ngelo phupha. Lathi liyaqala ngqa kwiminyaka engama-50 liligqirha ukuba licelwe lenze into enjalo.
"Lalitshatile kwaye nalo lalingafuni ukukhathaza usapho lwalo njengam," litsho.
Kodwa lavuma elo gqirha kwisihlandlo sesithathu. "Landilumkisa ukuba kufuneka ndizithobele izinyanya latsho lisithi liyakholelwa kwiphupha lam kuba besingazani ukufika kwalo. Emva kwaloo mini saba nendibano yesondo, akubanga xesha lingakanani, ndakhulelwa umntwana walo.
"Kwakungathi ndiyaphupha ukubeleka kwam umntwana oyinkwenkwe emva kokuba abantu babesithi sendimdala ukuba ndinganomntwana."
Aphinda abuya kwakhona amaphupha. Waphupha etshata nelo gqirha laze lamakhela umzi.
"Andikholelwa kwisithembu kwaye andifuni kuhlupha umyeni wam."
Xa kuphele iintsuku ezimbini engalibonanga elo gqirha ubanomqolo nesifuba esibuhlungu. "Xa ndithethe nalo emnxebeni okanye ndiye kulo, iintlungu ziyaphela.
"Ingaba zizinyanya ezenza okwenzekayo phakathi kwam neli gqirha"" libuzile.
Lifuna ukuba nomnye umntwana - kodwa ngoku ibe ngowomyeni.
Ubunzima bobokuba uya ngokulithanda eli gqirha. "Ndiyalithanda kwaye nalo liyandithanda," litsho eli bhinqa.
UFORCE UYAPHENDULA
Eish! Amanyange andiqondi ukuba ayakuthanda okwenziwa leli bhinqa. Ngokwesiko lethu indoda ivumelekile ukuba itshate isithembu, kodwa ibhinqa alinakuba namadoda amabini.
Malicingele ikamva likanyana walo, okuza kwenzeka xa sele emdala enabantwana abangabakhe.
Unyana walo kufuneka eyazile ifani kayise namasiko akowabo.
Inye indlela endiyibonayo yokusombulula le ngxaki yalo. Malithethe nenye yeengwevu zakowalo idibane nabantu bakulomyeni walo. Kule ndibano makaxele zonke iimfihlelo zakhe.
Emva koko kuthunyelwe abantu kweliya gqirha lixelelwe ukuba "limoshe" umfazi womntu. Zakuxolelana ezi ntsapho, lo mama neli gqirha kufuneka bangxengxeze kwabaphantsi
bacele ukuxolelwa. [x]
Bhalela kuForce Khashane: Muthi Talk, Box 473014, Parklands, 2121, e-mail: muthi@caxton.co.za
UNYANGO LWESINTU
Ndaxelelwa ephupheni ukuba mandilale negqirha elalindinyanga ukuze ndifumane abantwana
EZAMAYEZA
IMBELEKO
Amabhinqa angafumani bantwana amele ukucinga ngesiko lembeleko.
Imbeleko yenziwa ngofele lwebhokhwe kwaye kudala abadlezana babebeleka ngayo abantwana.
Lalisithi ibhinqa xa lingafumani abantwana - kwaye kukholelwa ukuba loo nto inento yokwenza nezinyanya - kwakuxhelwa ibhokhwe kwenziwe imbeleko kusenzelwa izinyanya.
Eli siko lifanele lenziwe kulomtshakazi yaye lichotshelwe ngutat' omncinci nodadobawo wakhe, ibe ngabo "abangamagosa" aza kuthetha nezinyanya.
