xhosa.650.muthi
sithetha ngamayez' esintu
Imfihlo yemali 'yethamsanqa'
AMAGQIRHA namaxhwele amaninzi xa elandulela eli ahamba neemfihlo zawo. Nali ibali lendoda ehlala kwilizwe elingummelwane elisemantla omlambo iLimpopo...
"Utatomkhulu wam wayeligqirha elidumileyo.
"Wasweleka kwiminyaka embalwa edlulileyo zaza izixhobo zakhe zobugqirha zalahlwa emlanjeni ezinye zafihlwa emqolombeni.
"Nguye owayalela ukuba kugcinwe ezithile ezinye zilahlwe.
"Umzekelo, wathi mazilahlwe emlanjeni ezinye izixhobo zakhe kuba wahlala emanzini iminyaka xa wayothwasa.
"Ngoko izixhobo azifumana ngethuba esemanzini wazibuyisela emanzini."
Isipho esikhethekileyo
Uyisemkhulu wale ndoda wayishiyela isipho esikhethekileyo.
"Wandishiyela ingxowa ezele imali eziinkozo ezindala. Ndaxelelwa kamva ukuba waxelela oobawokazi ukuba undinika le mali kuba ndinegama lakhe.
"Ndandixakiwe ukuba utatomkhulu uyigcinela ntoni na le mali eziinkozo de ndaxelelwa ngoobawokazi le mfihlo. Ngelinye ixesha ndandicinga ukuba ungumntu oqokelela imali eziinkozo. Ngoku ndikholelwa ekubeni kukho isizathu esasimenza aqokelele le mali.
"Kukho into endixelela ukuba ezi nkozo zemali zinentsingiselo enzulu kunale ndiyixelelweyo.
"Ndaya egqirheni laseMalawi ndalibuza ngezi nkozo laza labonisa umdla omkhulu kuzo lafuna ukuzithenga. Alizange lindixelele unobangela wokufuna kwalo ukuzithenga.
"Emva koko enye indoda yafuna ukuzithenga ezi nkozo.
"Yathembisa ukuba iza kundinika isithuthuthu esitsha esinamavili amane ndala yaza yathi iza kundinika imali entle.
"Yonke le nto yandenza ndanomdla nangakumbi wokwazi intsingiselo yezi nkozo zemali.
"Ndaya kweny' inkonde yomlungu yaza yandixelela ukuba noxa zingenza eninzi yona imali kodwa zinexabiso elikhulu lomoya."
Lo mfundi ufuna ukwazi ukuba ithetha ukuthini na yonke le nto.
Iintsikelelo namandla okunyanga
Kwezi nkozo kukho isixpeni yaseRhodesia enamazembe amabini axwesileyo, elinye linemikhonto emithathu, iishilingi zaseMpuma Afrika, inye kuzo inengonyama nepeni esilivere.
"Wayezenza ntoni utatomkhulu ezi nkozo zemali"" kubuza lo mfundi.
Intatheli endixelenga nayo ithi yona ngaba kudala yazithengisa ezi nkozo - kuba uyisemkhulu wale ndoda wayefuna ingasweli!
Mna ndicebisa ukuba le ndoda izigcine endaweni ekhuselekileyo ezi nkozo, ingazithengisi.
Xa uligqirha ezi nkozo zikunxibelelanisa nezinyanya zakho.
Iinkozo zemali zikwaneentsikelelo namandla okunyanga.
Uninzi lwamagqirha azigcina kwindawo ekhuselekileyo ezi nkozo zemali kwiindawo anyangela kuzo.
Ezi nkozo zigqithiselwa kwizizukulwana ngezizukulwana zosapho.
Xa ndisitsho kanje andiphengululi iimfihlo zamagqirha kwaye andiwabeki esichengeni sokuqhekezelwa kwiindawo anyangela kuzo kuba abantu befuna ezi nkozo.
Ezi nkozo "zikhuselwe" kwaye uzinqikela oluneenkume xa uzama ukuziba ezi nkozo! [x]
nguFORCE KHASHANE
BONA XHOSA - October 2007 93
Xa unemibuzo ngamayez' esintu, bhalela kule dilesi:
Muthi Talk, Box 473014, Parklands, 2121 okanye umthumelele i-email ku- muthi@caxton.co.za
