xhosa.63.yourbackpage_last_2
Ilizwi lokugqibela
Isinxibo sokugqibela endandingasifuni...
Yeny' ibhulukhwe engumsiko omhle endayibona eParis, ndangena kuloo venkile yempahla ndathi, "Ndihamba nayo le!" Ukubuya kwam ekhaya, ndathi ndiyayinxiba ngobunye ubusuku - ndadibana nentlekele! Yandenza ndamila ngokungaqhelekanga. Ndandingenakuyinxiba. Sisifundo esikhulu eso - linganisa phambi kokuthenga.
Indumasi esokolisayo ogqibele ukusebenza nayo...
Ngumfana! Ndandinxibisa uDumisani weGenerations, uSizwe Mbebe, wayeza kufota kwaye wayengazifuni ezo mpahla. "Hayi, andizukunxiba le nto. Andinxibi olu hlobo," watsho.
"Jong' apha. Kudala ndaba kweli shishini. Ndiqeshiwe kulo msebenzi, ndiyakuxelela ukuba kunxitywa kanje ngoku. Xa ungakwazi oko, funda ke," ndatsho.
Ukugqibela kwam ukuvaleka...
Kwakungo-2001 kwaye oko kwandenza ndayitshintsha impilo yam. Ndandiseyimodeli ngoko kwaye ndandilinda iinyanga ezintathu phambi kokuba ndihlawulelwe umsebenzi wam. Ndandilambile ikomityi yekofu kwakuyinto enkulu. Ndandisazi ukuba ndidinga into entsha eza kundinika imali rhoqo ngenyanga, kulapho ndaqala khona ukuba ngumnxibisi weenkqubo ze-TV nokuyila iimpahla.
Ukugqibela kwam ukulala sibabini ebhedini...
Ndandilele nenja yam encinci! Ngobunye ubusuku ndavuswa kukuva into eshukumayo ebhedini! Kwathi kanti yinja yam, uRickymol. Intle ndiyayiyeka izisonge kum.
Ukugqibela kwam ukukhwel' iteksi...
Ndacaphuka ngaloo mini kuba umqhubi wayethetha nebhinqa laseCongo ngesiZulu. Ndathetha naye ngesiSuthu wathi akuthi akandiva, Ndathi kuye: "Heke! Naye ke akeva. Yeka ke ukumjongela phantsi."
Ndigqibele ukuphuza umntu...
Ngomyili wefashoni weli, uDavid Tlale - ezidleleni zozibini, okwamaFrentshi, kwakungumzuzu wefashoni ngenene. Mncwa!
Ndigqibele ukupheka...
KwiiCawe ezimbalwa ezidlulileyo ndipheke inkuku eqhotsiweyo nenyama yenkomo namadombolo. Umama nomakhulu babesithi amakhwenkwe kufanele ayazi yonke imisebenzi yasekhaya, basifundisa ukupheka, ukuthunga nokuhlamba iimpahla.
Ukugqibela kwam ukoyika...
Mhla umntakwethu uThabiso waxhwilelwa imoto e-Ellis Park kunyaka ophelileyo. Nam ndike ndakhuthuzwa ndabekwa nemipu entloko, kodwa xa ingumntu omthandayo kokona koyikisayo.
Inkozo ebendiye kuyo...
Yi-NG Reformed Church eSebokeng. Kulapho abazali bam bahlala khona, ndiya kunye
nabo.
Amazwi endigqibele ukuwatsho kumama...
"Ndakuhlala ndikuxabisile ebomini bam. Andisafuni uqhubeke nokungcungcutheka. Uza kuba nento yonke oyifunayo." Uyazi ukuba ndandinyanisile. Ndandisoloko ndimthembisa ngendlu, wayifumana kwiminyaka emithathu edlulileyo. Kaloku usapho lwam lolona luphambili. [x]
Umqulunqi nguPatricia McCracken
IKHASI LAKHO LOKUGQIBELA
Umyili wefashoni owayefudula eyimodeli, u-Ephraim Molingoana usixelela ngendoda yokugqibela ayiphuzileyo, indumasi esokolisayo nokuthenga eParis
