xhosa.634.yourlifeguide_legal
WAZI AMALUNGELO AKHO
Kule nyanga: okwenza inkampani onetyala layo lemali ingakwazi ukuthimba iimpahla zakho xa usoyiswa kukuhlawula
INGABUYA IMPAHLA YAM"
Ndineshishini lam, ngoko bendifuna iikhompyutha endiza kubhala kuzo yonke imicimbi yalo. Ndaboleka imali yokuzithenga kwinkampani encinane ebolekisa ngemali.
Emva koko izinto azizange zihambe kakuhle kwishishini lam. Ndabachazela ingxaki yam kwinkampani ebolekisa ngemai. Bathi baza kulolula ixesha lokuhlawula, banciphise nezavenge zam zenyanga.
Ndazixelel' ukuba yonk' into ilungile, kodwa emva kweentsuku ezimbalwa ndafika e-ofisini yam iikhompyutha zithinjiwe yiloo nkampani endaboleka kuyo imali. Xa ndibafowunela bathi baya kuzibuyisa ndakugqiba ukuhlawula ityala lam ngokwesivumelwamo endasisayinayo, esithi loo nkampani inelungelo lokuthimba iikhompyutha ingandibhungisanga xa ndingahlawulanga.
Ezo zinto zikwisivumelwano sethu, kodwa ndandingakholwa ukuba bangakwenza oko. Zonke iinkcukacha zokuqhuba ishishini lam zikwezo khompyutha - ngoko ndiza kuyenza njani imali yokuhlawula ityala lam"
ICEBISO LESCORPION
Sisibona singekho mthethweni isenzo sale nkampani. Yayifanele ikuthumelele ileta efun' imali yentlawulo uze xa ungahlawuli ikuthumelele iisamani.
Iisamani beziza kukunika izinto ongakhetha ukuzenza njengokuhlawula ityala lakho lonke okanye ukwenza eziny' izicwangciso naloo nkampani.
Ngamany' amazwi yayifanele ikulumkise ngamanyathelo efuna ukukuthabathela wona. Ngaphezulu wawuyile kuyo wayoyichazela ingxaki yakho!
Kwakhona yayifanele iye kucela imvume yenkundla yokuthimba iikhompyutha zakho.
Siyavuma ukuba iikhompyutha "zezayo" de ugqibe ukuhlawula ityala layo, kodwa oko akuthethi kuthi ingalandeli umthetho.
Kaloku yona "inelungelo lobunini" kanti wena "unelungelo lokuzigcina uzisebenzise".
Bangazithimba iikhompyutha xa bebonise inkundla ukuba ufuna ukuzonakalisa. Kucacile ke ukuba wawungafuni ukuzonakalisa kuba uthi uyazifuna ekwenzeni umsebenzi wakho ukuze ufuman' imali yokuhlawula ityala lakho.
Akukhathaliseki nokuba isivumelwano enasenzayo sithini - loo nkampani yenza okunxamnye nomthetho.
Kufuneka bazibuyise iikhompyutha ngaphambi kokuba wenze izicwangciso zokuhlawula ityala lakho.
Ungakwenza ngokulula oko kuba umthetho ungecala lakho - kodwa kuza kufuneka ubenegqwetha. [x]
SIFUNDISISE ISIVUMELWANO NGAPHAMBI KOKUSAYINA!
Ndafak' ibango kwinkampani ye-inshorensi emva kokubiwa kwemoto yam. Ngoku le nkampani ithi ndenza ubuqhetseba kuba andizange ndiyixelele ukuba amapolisa ayifumene imoto yam. Kodwa amapolisa ayifumana sele ndizifakile iifom zebango. Ngaphezulu yafunyanwa yonakalisiwe kwaye ndacinga ukuba njengoko ndandihlawula rhoqo ngenyanga, ndandinalo ilungelo lokuyilanda imoto emapoliseni. Ngoku kufuneka ndihlawule imali endayibhatalwa yinkampani ye-inshorensi ndiphinde ndihlawule nezavenge zetyala lemoto. Ndingazikhupha njani kule ngxaki"
ICEBISO LESCORPION
Inkampani ye-inshorensi ifanele ikuhlawulise imali eyakunika yona. Wawufanele uyixelele ukuba imoto yakho ifunyenwe ngamapolisa nokuba uyilandile kuwo. Kucacile wawungazami kwenza ubuqhetseba, kodwa awunakuzithethelela ngaloo nto. Siyababongoza abafundi beBONA ukuba bazifundisise izivumelwano ngaphambi kokuzisayina.
AMANDL' OMTHETHO
ABAFOTIWEYO BAYALINGANISA
Thumela ingxaki yakho yomthetho ku -BONA Legal Advice, Box 32083, Mobeni, 4060 - uya kufumana ithuba lokuxoxa negqwetha imizuzu engama- 30 ngaphandle kokuhlawula, kwi-ofisi zalo naphi na kweli okanye emnxebeni.
Sizamile ukuqinisekisa ukuba ufumana iingcebiso ezizizo. Kodwa ityala netyala lifuna ukuphandisiswa kwaye abeScorpion Legal Protection (Pty) Ltd, igqiza labacebisi neBONA nabashicileli bayo abanakubekwa tyala ngelahleko engafunyanwa ngumntu osebenzise iingcebiso zalo mhlathi.
