XHOSA.625.legalapr
BONA XHOSA - April 2006
Inkabi yenkomo
Kwiinyanga eziliqela ezidlulileyo ndabonana nomthengisi weenkomo eMthatha ndifun' ukuthenga inkomo. Wandisa komny' umfama baza bandibonisa iimazi zenkomo neenkabi ezimbini. Enye yayibomvu enye imnyama. Ndathanda le ibomvu ndathi ndifuna yona. Wavuma umfama waza umthengisi wathethana naye wandixelela ukuba iyi-R1 000.
Ndayibhatala loo mali. Ndathi ndiza kuyilanda inkomo xa sele ndifumene inqwelo yokuyithwala. Ndaye ndayifumana inqwelo ndaza ndafika sele kukho le imnyama kuphela inkomo. Azange ndivum' ukuyithatha ndasuka ndaya kumfama.
Wothuka xa ndisithi ndatheng' inkomo ebomvu. Wathi mna ndamalathis' inkomo emnyama ndathi ndifuna yona.
Ndamxelel' ukuba ndatheng' inkomo ebomvu kodwa wala ukundinika ndaza ndafun' imali yam. Wathi ndim owenz' impazamo kwaye akasoze andibuyisel' imali yam.
Ndaya kumthengisi weenkomo waza wakhumbula ukuba ndatheng' ebomvu waza wandithembisa ukuba uza kundinceda siwuse enkundleni lo mba.
Andiyifumananga imali yam nenkomo endayithengayo. Ndiyavuma yenzek' impazamo kodwa ndiyayifun' imali yam okanye inkomo endayithengayo.
nguXolise X, eMthatha
lAbantu bayazenz' iimpazamo xa bethengiselan' izinto yaye umthetho unazo izisombululo zeengxaki ezivela apho.
Zininzi iindidi zeempazamo: umzekelo, ingenziwa ngumntu omnye okanye yenziwe ngabantu abathengiselanayo bobabini. Impazamo nganye kwezi isonjululwa ngokwahlukileyo.
Xa yenziwe ngabo bobabini kuthiwa "yimpazamo eyenzeke macala."
Ngokwasemthethweni le mpazamo yenzeka xa omny' umntu kukho into angayivisisanga abe lo omnye engayiqondi into yokokuba isithembiso okanye isigqibo sakhe asivakali kakuhle kulo omnye.
Xa bobabini aba bantu bevumelana ngento ethelekelelwayo engekhoyo, siyapheliswa eso sivumelwano sabo.
Xa umntu ethelekelela uba nento angayihoyiyo ibe loo nto ithatyathwa njengeyinyaniso emsulwa engafuni bungqina. Loo nto ithetha ukuba ningakwazi ukusicima isivumelwano senu ngenxa yempazamo ebingenzeka nakubani na.
Kufuneka ubonis' ubungqina bokuba nenz' isivumelwano ngokuthelekelela kwaye undoqo wokuthelekelela kwenu wawubaluleke kakhulu kwisivumelwano senu sokuthenga nokuthengiselana.
Loo nto ithetha ukuba xa omnye wenu wayesazi ukuba le nkomo yayiselel ithengisiwe naningeke nithengiselane.
Kuyacaca ukuba umfama uyakuqhitsa ngoko kuza kufuneka umhlawulise aze abuyis' imali yakho yaye kuza kufuneka uzifunel' igqwetha. Xa unengxaki yokufuman' igqwetha qhagamshelana ne-ofisi yeScorpion ekufuphi nawe. [x]
Niziphathelwe yiBONA nabeScorpion Legal Protection
Sizamile ukuqinisekisa ukuba iingcebiso esikunika zona zifanelekile. Kodwa ke imeko yengxaki nganye ifuna ukuphandisiswa. AbakwaScorpion Legal Protection (Pty) Ltd, amalungu eengcali ezicebisayo, iBONA nabashicileli bale magazini abanakubekwa tyala nguye nabani na osebenzisa ezi ngcebiso.
Iingxaki Zomthetho
Thumel' ingxaki yakho kule dilesi: BONA Legally Yours, Box 32083, Mobeni 4060. AbakwaScorpion baza kunika wonk' umntu ofake isikhalazo sakhe ivawutsha yemizuzu engama-30 yokuncokola negqwetha e-ofisini yabo naphi na kweli okanye ngomnxeba.
