xhosa.61.lead
Uphando lweBONA
UNGAFUNGA uthi kukho into entsha eyenziwayo kumsitho woMhlanga kuba qho xa usiza kuqhambuka ingwaba-ngxwaba enkulu kuvele nothotho lwemibuzo...
Ingaba ukuhlolwa kweentombi kuyinto eyamkelekileyo kweli xesha siphila kulo" Ingaba kuphikisana namalungelo oluntu akumgaqo-siseko wethu"
Ingaba ukuhlolwa kweentombi yindlela abhiyoza ngayo amaZulu nekufanelwe ingangenwa ngabantu abangayaziyo"
Okanye ingaba lo ngumkhwa onempoxo nongakwaziyo ukufeza injongo yawo yokubona intombi xa inyulu naxa ingekho nyulu"
Kulo nyaka kuphunyezwe iChildren's Act, engumthetho okukhabayo ukuhlolwa kweentombi ezingaphantsi kweminyaka eli-16.
"Thina sizwe samaZulu asizuxelelwa ukuba silenze njani na isiko lethu. Asinantloni ngesithethe sethu,"
"Akukho sebe siza kucela imvume yalo ukuze senze amasiko nezithethe zethu," kutsho uKumkani Goodwill Zwelithini kumsitho walo nyaka.
Umkhosi Womhlanga wamiswa ngo-1879 xa uKumkani uCetshwayo esohluthwa ubukhosi ngamaBritane. UKumkani Goodwill wawuvuselela ngo-1984 ukuze "kubhiyozelwe imvelaphi yamaZulu azingca ngayo."
"Kulo msitho iinkaba zethu zinxibelelana ngqo nezinyanya zethu," kutsho uKumkani Goodwill.
"Lo ngumsitho apho ikumkani, abantu bayo nabahlobo bevuselela ubunye besizwe."
Ziintombi ezinyulu ezithath' inxaxheba kulo msitho kwaye ziphatha iingcongolo ezizikhe emlanjeni - intombi engekho nyulu iyaphoxeka phambi kwesizwe kuba iyophuka eyayo ingcongolo.
Kufuneka ziqale zihlolwe kwiindawo ezihlala kuzo iintombi ukuze zikwazi ukungenela Umkhosi Womhlanga.
Iintombi zihlolelwa ekhusini ngoomakhulu basekuhlaleni kwaye inkqubo ayifani kwiingingqi ngeengingqi.
"Amehlo entombi kufuneka abonise ubunyulu, amabele nesisu ziqine kwaye izihlunu ezisemva kwamadolo kufuneka ziqine kwaye zingagobi," kutsho enye inkonde.
Omnye uthe iintombi zilala ngomqolo zivul' imilenze xa zihlolwa.
"Sihlol' ubuntombi bayo, sijong' iimpawu zokungenwa," utshilo.
"Xa uthenga isofa entsha uyayijonga kuqala ukuba akuhlalwanga kuyo na kwaye kulula ukubona xa kukho undonakele. Nentombi enyulu uyibona ngolo hlobo."
Iziphumo zipapashwa ngoko nangoko kwaye kwezinye iindawo iintombi zifumana iziqinisekiso zobunyulu bazo.
I-Children's Act entsha ayikuvumeli ukuhlolwa kweentombi ezingaphantsi kwe-16 leminyaka kwaye abo bahlolwayo kufuneka baqale bolulekwe ngokukuko, iziphumo zabo zingapapashwa nemizimba yabo ingaphawulwa.
Umntu ongahambisaniyo nale mithetho uza kubanjwa avalelwe.
Uninzi lweentombi eziya eMkhosini Womhlanga zingaphantsi kwe-16 leminyaka nto leyo ithetha ukuba amaZulu ophula umthetho.
"Siza kuzihlola iintombi kwaye xa befun' ukusibamba, mabaqhubeke," utshilo uNomagugu Ngobese weNomkhubulwana Culture And Youth Development Organisation xa ebethetha neThe Mercury ngoSeptemba emva nje kokuhlolwa kweentombi ebezilungiselela ukuya eMkhosini Womhlanga ka-2007.
"Asoze sililahle isiko lethu. Nkqu nangexesha localu-calulo sasingabanjwa xa sisenza amasiko ethu!"
Inkxaso
Abantu abaxhasa ukuhlolwa kweentombi bathi kugxininisa ukuzigcina unyulu de utshate, kukhuthaza ukuzithiba kwisondo nto leyo inceda kumlo kagawulayo neziny' izifo ezosulela ngesondo kwaye kuthintela ukukhulelwa kolutsha.
"Isizathu sokuhlolwa kweentombi kukuzigcina zinyulu kwaye kuyanceda nasekulweni nokusasazeka kwesifo sikagawulayo," kutsho uNkosazana Thembi Zulu-Ndlovu ongumsakwabo Kumkani Goodwill noququzelela ukuhlolwa kweentombi.
Iingcali zonyango ziyakugxeka ukuhlolwa kweentombi kuba zithi kuyawaphazamisa amabhinqa kwaye "kuyimpatho gadalala", ngokutsho kukaBeatrice Ngcobo weKomishini yeSini naMalungelo oLuntu.
"Babona njani ukuba intombi ingeniwe okanye hayi" Andibi kufuneka bayivule ubuntombi bayo - bayazisebenzisa iiglavu" - kona bayazitshintsha qho kwintombi nganye abayihlolayo"
"Le nkqubo iyonke yenzelwa phantsi kweemeko ezingacocekanga."
Abagxeki bathi ukuhlolwa kweentombi kuzibeka esichengeni.
"Kweziny' iindawo ziyaziwa iintombi ezinyulu nto leyo izibeka esichengeni sokudlwengulwa zizigila-mkhuba ezicinga ukuba ukulala nentombi enyulu kuyawunyanga ugawulayo," kutsho omnye.
Lo mba utshis' ibunzi kodwa awuyiyo ncam inxalenye yengxoxo engokuhlolwa kweentombi - iNdlu yeeNkokheli Zemveli nayo iyakukhaba ukupapashwa kweziphumo zokuhlolwa kweentombi.
UNomagugu Ngobese uthi: "Izidlwengu zidlwengula nabani na ngenxa yomoya wenkohlakalo ezinawo. Ukuhlolwa kweentombi akunguye unobangela wokudlwengulwa."
Ukuhlolwa kweentombi kunceda abantu abadala babone xa intombi iphathwa gadalala ngokwesondo baze basixele eso senzo.
"Xa zihlolwa iintombi ziyancokola namabhinqa azihlolayo ngemiba eyimfihlo yazo. Ngelo xesha siyakwazi ukubona xa intombi iphathwa gadalala ngokwesondo," utsho uNgobese.
Iintombi kufuneka zilenze ziselula eli siko, ngokutsho kukaNkosazana Zulu-Ndlovu. Intombi nganye "kufuneka iliqhele eli siko. Maxa wambi siliqala kwiinyanga ezi-6 intombi izelwe, maxa wambi xa ineminyaka emi-3 kuba ngeli xesha kulula ukubona umntwana xa edlwenguliwe."
Ingaba kuyasebenza ukuhlolwa kweentombi" Ingaba iyabonakala intombi enyulu nengekho nyulu"
Ukuhlazeka
Inkqubo yokuhlolwa kweentombi ayifani kwiindawo ngeendawo.
Abany' abantu bajonga ukuqina kweempundu namathanga nokuma kwamabele. Abanye bajonga ukuguda kolusu olusemva kwamadolo. Abanye bathi "amanzi awahlali emzimbeni wentombi... ngamaqabaza kuphela ahlalayo."
USuzanne Leclerc-Madlala oyingcali kulo mba uthi abantu abahlola iintombi "bayazoyikisa ukuze zazi ukuba xa zikhe zabelana ngesondo ziza kubhaqwa zize zihlazeke."
Uthe benza umsebenzi omhle abantu abahlola iintombi.
"Iintombi mazizingce ngobunyulu bazo kuba ugawulayo uyabhubhisa.
Ukuzila isondo makube yinto yamabhinqa namadoda.
Nkqu nokuba ungazigcina unyulu de utshate awukhuselekanga kugawulayo xa umyeni wakho enesi sifo.
Ukwanda kukagawulayo
Nokuba siyavumelana ukuba ukuhlolwa kweentombi kukhuthaza "ukuziphatha kakuhle", umbuzo omileyo uthi: ingaba kuyasebenza na"
UBeatrice Ngcobo weKomishoni elwela ukulingana kwezini uthi akusebenzi.
"Xa eli siko lavuselelwa khon' ukuze lithintele ukusasazeka kukagawulayo, kutheni le nto linyuka inani labantu abanogawulayo"
"Nolutsha olukhulelwayo luyanda.
"Abazali neetitshala mabathethe nabantwana babo ngomba wesondo babacacisele izinto abangazaziyo.
"Uninzi lwabo abafuni ukuthetha ngalo mba nabantwana babo baze babathumele kwaba bantu babahlolayo kuba besithi bafuna ukuba baziphathe kakuhle.'"
Ingxoxo
Mhlawumbi abantu abakuxhasayo ukuhlolwa kweentombi bayakubaxa bakwenze into ekungeyiyo.
Amasiko avisa abantu ubuhlungu naphatha gadalala kufanele ayekwe.
Njengoko uKumkani Goodwill esoloko esitsho, ukuhlolwa kweentombi akusosinyanzelo, akubulali mntu koko ngumbhiyozo wamaZulu obalulekileyo, ingaba loo nto ayithethi kuthi lo ngumba wamaZulu nekufanele awuxovule wona odwa kungangeneleli nabantu bezinye izizwe"
Ingaba akufanelanga ukuba siyeke amabhinqa amaZulu azikhethele wona ukuba ukuhlolwa kweentombi kunyhasha amalungelo awo na okanye lisiko ekufanelwe ligcinwe kuba liyinxalenye yembali yawo" [x]
BONA XHOSA - November 2007
Yekani isiko lethu
ingxwaba-ngxwaba yokuhlolwa kweentombi
kubhale uJOHN GUMEDE
iifoto zezakwaPICTURENET
Ingaba ukuhlolwa
kweentombi kukunyhashwa kwamalungelo oluntu"
Ingaba kukhuthaza ukuzikhwebula kwisondo kwaye kunganceda ukunqanda ukukhulelwa kolutsha nokunwenwa kweAIDS" Ufanele
angenelele urhulumente emasikweni"
Sikuphathel' izimvo
zabantu abohlukeneyo
ngalo mba utshis' ibunzi...
BONA XHOSA - November 2007
EKHOHLO: Umkhosi Womhlanga wavuselelwa nguKumkani Goodwill ngo-1984 ukuze "kubhiyozelwe imvelaphi yamaZulu azingca ngayo."
EKUNENE: "Siza kuzihlola iintombi, xa befun' ukusibamba mabaqhubeke," utsho uNomagugu Ngobese.
u
t
BONA XHOSA - November 2007
KING GOODWILL ZWELITHINI
'Thina sizwe samaZulu asizuxelelwa ukuba silenze njani isiko lethu. Asinantloni ngesithethe sethu.'
Kunxamnye nomthetho ukuhlola iintombi ezingaphantsi kwe-16 kwaye iziphumo kufuneka zingapapashwa.
u
t
Ukuzila isondo makube yinto yamabhinqa namadoda!
