xhosa.612.yourlifeguide_askangieEX
Fumana uncedo
lomcebisi ngobomi
USis Angie ukho ukuze aphendule imibuzo onayo, kwaye siyathemba uya kupholisa neentliziyo ezaphukileyo
Ndimvumele umyeni wam atshate umfazi wesibini?
Bhota Sis Angie: Sineminyaka engaphezulu kwe-10 sitshatile nomyeni wam. Umtshato wethu uhamba kakuhle kuba uyindoda enobubele nethembekileyo. Undiphethe kakuhle nangona ndingafumani bantwana. Malunga neminyak' emine edlulileyo ndiye ndagula, ndaza emva koko ndaphelelwa ngumdla wesondo.
Kutshanje umyeni wam ucele kum ukutshata inkosikazi yesibini. Uthe ufuna ukuba nendibano yesondo kodwa akathandi ukuba namankazana.
Andazi ukuba mandithini kuba ndiyaqonda ukuba uneemfuno zakhe zokuba yindoda, kodwa ndicinga nokuba umfazi wesibini uza kuwenza ubenjani umtshato wethu.
Ndimvumele atshate?
nguGladys Mathenjwa, eSoweto
Bhota Gladys: Ndiyayiva intlungu yakho njengebhinqa nam. Kunzima ukuba semtshatweni wesithembu, kodwa kusemthethweni ukutshat' isithembu elizweni lethu kwaye baninzi abantu abafuna ukutshata isithembu.
Unethamsanqa lokuba indoda yakho ikuxelele ngento efuna ukuyenza. Kwamany' amadoda ubuya kuva sekusithiwa iyatshata ngempela-veki!
Thetha ngokukhululeka nayo, uyixelele uloyiko onalo. Zama ukuqonda ukuba uza kuthini ngeemfuno zakho zasemzimbeni, ezomphefumlo nezemali. Ndibona nifanele nobabini niye kwingcali eza kunicebisa ngaphambi kokuthabatha inyathelo elilandelayo.
Cela iingcebiso zomntu owuqondayo umcimbi wesithembu. Kungaba ngumntu omdala ekhaya okanye umfundisi. Unako nokufun' iingcebiso kwiScorpion Legal Protection kwinombolo ethi: 0861-333-333. Kuya kukunceda ukufumana ulwazi kangangoko unako ngomtshato wesithembu.
Ungancokola kwanamanye amabhinqa atshate isithembu ukuze uve ukuba kunjani. Ungathandaza nakuThixo ukuba akukhokele. Kodwa ukhumbule ukuba nguwe oza kuvuma okanye wale ukuba umyeni wakho atshate isithembu - uyazi ukuba yintoni onokumelana nayo.
Ndikucebisa nokuba uye kugqirha ngengxaki yokungabi namdla kwakho kwisondo.
Umphathi okhohlakeleyo
Bhota Sis Angie: Ndisebenzela umphathi okhohlakeleyo nodla ngokuthi ebantwini akukho msebenzi wabo yaye bazizibhanxa. Akafuni nokumamela, xa uthetha naye ukuphazamisa usathetha angeva nokuba ubusithini.
Uninzi lwethu emsebenzini siyibona imbi into ayenzayo, kodwa asazi ukuba masithini kuba kaloku ungumphathi wethu!
nguJanine, eBhayi
Bhota Janine: Ukuthetha kubalulekile ebomini - amazwi amabi angamphoxa umntu kodwa ilizwi lenkuthazo lingakuvuselela. Kunokwenzeka ukuba umphathi wenu akangomntu okhohlakeleyo. Mhlawumbi woyiswa kukukhetha amazwi afanelekileyo okuchaza iimvakalelo zakhe.
Kungenzeka wakhula okanye wayesebenza nabantu ababethetha kanjalo kuye.
Unyanisile xa usithi niyibona ingafanelanga indlela aniphethe ngayo. Phofu ke ungafunda nto kumphathi wakho, ukuba wena ungathethi nabantu obaphetheyo ngolo hlobo.
Unako nokuthetha nomphathi wemicimbi yabasebenzi kuba yena kungenzeka abenalo icebo lokusingatha le ngxaki yakho.
Uze ukhumbule le ntetho yenziwa nguSteve Biko xa ephinda umphathi wakho ethetha rhabaxa nawe: "Ndingumntu nam njengawe. Ungavumeli ububi bomntu nawe bukwenze umntu ombi. Ungadodobaliswa yile meko: unokuzifumanela umhlobo omtsha."
Isondlo sabantwana
Bhota Sis Angie: Ndilibhinqa elinama-27 eminyaka elinabantwan' abathathu. Wasweleka uyise wabo. NdineHIV kwaye usapho lwakhe luthi wasweleka ngenxa yam. Lwayifumana imali yakhe apho wayephangela khona, kodwa alufuni ukondla abantwana bakhe. Ndiyithini le ngxaki?
nguMasabata, eVryburg
Bhota Masabata: Mandiqale ngokutsho ukuba ndikhathazekile ngempilo yakho. Ndikucebisa
ukuba uye kwiklinikhi ekufutshane ukuze ufumane unyango. Emva koko yiya kwii-ofisi zoonontlalo-ntle uye kubhalisela abantwana
inkxaso-mali karhulumente. Ubaxelele oonontlalo-ntle nangento eyenziwa ngabantu bakuloyise wabantwana.
Ndikucebisa nokuba uye kucel' uncedo kwiLegal Aid Board. Fowunela kule nombolo: 0861-053-425 (simahla) ukuze ufumane
i-ofisi yayo ekufuphi nawe.
Unontlalo-ntle uya kukwenzela nendlela yokuba ufumane
iingcebiso ngobomi. [x]
BUZ' USIS ANGIE
Sikuwe isigqibo soku-vuma nokwala
Bhalela kule dilesi:
Ask Sis Angie,
Box 473014, Parklands,
2121.
Qaphela:
USis Angie
akanako ukukunceda kwiingxaki zonyango.
