xhosa.60.yourlifeguide_motivation
Amandla otshintsho
Enye imfihlelo yempumelelo ebomini kukwamkela iinguqu, nokuba zingakukhathaza kangakanani na ekuqaleni
SIPHILA kwihlabathi eliguqukayo. Izinto azihlali zingaguquki ixesh' elide. Izinto ezazingacingwa ukuba zingenzeka ngootat' omkhulu bethu, ziyenzeka kule mihla. Kodwa ke utshintsho yinto ekudala yabakhona.
Ihlabathi litshintsha mihla le. Ihlabathi lijikelez' ilanga, inyanga yona ijikelez' ihlabathi.
Nehlabathi nalo liyajikeleza, yiloo nto sinemini nobusuku.
Oko kuthetha ukuba kunzima ukuhlala endaweni enye.
Nangona kunjalo abantu abaninzi abayithandi inguqu. Kaloku isenokubambi, ikuphathise ngestresi yaye ingakonwabisi.
Kodwa ukuze usuke kwindawo okuyo noyithandayo uye kwengasentla kwayo ebomini, kufuneka ulwamkele utshintsho.
Eny' ingqondi yathi ukuphambana kukwenza into ngendlel' enye kodwa ulindele iziphumo ezingafaniyo. Ngamany' amazwi xa ungazithandi iziphumo ozifumanayo, kufuneka wenze inguqu kwindlela owenza ngayo.
Nkqu nokuba uyazifuman' iziphumo ezihle, ungazenza iinguqu ukuze ufuman' iziphumo ezihle nangakumbi.
Kukho indawo ethengis' iimoto eyayingaqhubi kakuhle. Kwaqeshwa umphathi omtsha, wafika wenza iinguqu.
Engekaqeshwa iimoto ezininzi ezithengiswayo zazimiswa ngasemva kwesakhiwo zingamiswa kwindlu ezibonakala lula kuyo ebantwini. Wathi mazipakwe kuloo ndlu zibeninzi.
Wathi isakhiwo masipeyintwe nomgangatho waso ucocwe.
Wayekholelwa ukuba indawo ethengisa imoto kufuneka ibukeke ngokungathi iqhuba kakuhle nokuba ayiqhubi kakuhle ngokuba icoceke, ibenomtsalane yaye izale iimoto.
Emva kwethutyana loo ndawo yayiyeyona ithengisa iimoto ezininzi ephondweni.
Jong' iBhayibhile: yohlulwe yayiTestamente eNdala neNtsha.
Kumawaka-waka eminyaka eyadlulayo, uThixo wasibekela imithetho nemiqathango esifanele siphile phantsi kwayo. Kwakufanele sixhele izilwanyana ezithile senze neziny' izinto xa sidumis' uThixo okanye sifun' ukuxolelwa kwizono zethu.
Kwakulungile ukunxulumana noThixo ngolo hlobo ngelo xesha.
Kodwa kwafika ixesha lokuba uThixo atshintshe iindlela Zakhe zokunxulumana nathi.
Xa indlela yokuqala yokunxulumana noThixo yayilungile, yayingenakutshintshwa. (Funda amaHebhere 8:7.)
Wawungacinga ukuba into esekwe nguThixo angaphinde Yena ayibone ifanele ukuguqulwa?
Qonda ke mlesi ukuba iindlela ebezisetyenziswa kwiminyaka edlulileyo azisasebenzi kule minyaka, kwaye ezisetyenziswa ngoku ziya kuba zingasasebenzi kwiminyak' ezayo.
Abantu abaphumelelayo ngabo bayamkelayo inguqu nabalaziyo ixesha lokuyeka iindlela ezindala ezingasasebenziyo.
Umshumayeli othile wakhupha isibhengezo sendibano yokucebisa abantu abatshatile ethembisa ngokufundisa amadoda indlela yokwenza amakhosikazi awo awaphathise okweekumkani.
Iholo ekwakubanjwe kuyo loo ndibano yazala yema ngeembambo. Loo mshumayeli waxelel' amadoda ukuba: ukuba inkosikazi yakho ikuphathise okwekumkani, kufuneka nawe umphathise okwekumkanikazi!
Ngamany' amazwi wayesithi makatshintshe indlela aphethe ngayo amakhosikazi awo kuba akubona ukuba itshintshile nabo baza kutshintsha kwindlela abaphethe ngayo amadoda.
Kodwa kufuneka sikulumkele ukwenza iinguqu ngezizathu ezingalunganga.
Ingaguquka indlela owenza ngayo izinto, kodwa mayingaguquki ingqiqo yakho. Abany' abantu bayitshintsha kaninzi kakhulu imisebenzi. Ufumana umntu eyeka umsebenzi wakhe engekawufumani omnye umsebenzi, ngaloo nto abeke esichengeni ubomi bakhe nobosapho lwakhe.
Abany' abantu baqhawula imitshato bengakhange bazame ukuyilungisa.
Kubalulekile ukuzingisa entweni ungakhawulezi ukuyincama.
IBhayibhile iyasilumkisa ngabantu "abathe phithi ziinguqu". Njengomfundisi ndifanele ndibe neendlela ezinomdla zokuthetha ngomsebenzi kaThixo kodwa ndingawuguquli umyalezo Wakhe.
Kodwa xa ufuna ukuba yinto owadalelwa yona, kufuneka utshintshe kaninzi ebomini. Kunjani ke xa uqalisa namhlanje?
Mfundisi George
Nkqu noThixo wagu-qula nendle-la Yakhe yoku-nxulu-mana nathi
INKUTHAZO
