xhosa.598.heaven
UNCEDO LOMPHEFUMLO
UMfundisi George unika iingcebiso kwiingxaki zakho zomphefumlo
Ndithandana nendoda etshatileyo
Ndithandana nendoda etshatileyo kwaye nayo iyandithanda. Besike sazama ukohlukana, kodwa simana sibuyelana. Ndicebise ukuba ndiphume njani kule nto?
nguJK, eQwaQwa
JK othandekayo: Kuhle ukubona ukuba ufuna ukwenza okulungileyo. Yeka ukuthetha naye. Loo nto ithetha ukuba awumtsaleli mnxeba, awumbhaleli zi-e-mails njalo-njalo. Kuza kubanzima, kodwa uza kube uzikhusela kwiintlungu zomphefumlo ezizayo.
Ngubani owaziyo - mhlawumbi ikho indoda ezimiseleyo ecinga ngawe ngoku, kodwa ayinakuza xa icinga ukuba unomntu.
Ndincede ndifumane ibandla elingahlebiyo!
Ndilahlekelwe lukholo kuba ecaweni ndibona urhwaphilizo nezono. Ibandla lokugqibela endandililungu lalo laliyisebenzisa kakubi imali, umfundisi walo ekrexeza kukho nentlebendwane.
Kodwa ngoku ndikhumbula ukudumisa uThixo nabanye abazalwane. Ndenze njani ukuze ndifumane ibandla elilungileyo?
nguJoe Sebatie, ePolokwane
Joe othandekayo: Kubanzima xa ufumanisa ukuba abantu bayazenzisa ecaweni. Akungabo bonke abantu ababiza igama likaThixo abanyanisekileyo. Kodwa ke noxa ekhona amaxoki bakho nabanyanisekileyo.
Abekho abefundisi abangcwele, kodwa ungamfumana onyanisekileyo. Iza kubakho icawe eza kukulungela edolophini ohlala kuyo. Mhlawumbi kungenzeka ibe kude kodwa iza kukunceda umazi uThixo.
Yiba nomonde, ungangxami uThixo uza kukubonisa icawe eza kukulungela.
Ndiyabazonda abamhlophe
Abazali bam babulawa ngexesha lengcindezelo kwaye ukusukela ngoko andiphindanga ndamthanda umntu omhlophe.
Nakule mihla ndisayibona intswelo- bulungisa nocalulo; zinto ezo zindikhumbuza indlela endaphulukana ngayo nabazali bam.
Ndiwuthini lo msindo ndinawo?
nguMary Ngema, eSoweto
Mary othandekayo: Akekho omele kukwehlelwa yinto eyanehlelayo wena nabazali bakho. Abantu abakubulalela abazali balimosha izolo lakho musa ukubavumela bakumoshele nengomso. Noxa bengafanelanga baxolelwe kodwa wena zikhulule ngokubaxolela. Rhoqo xa uxolela ukhulula ibanjwa: ELINGUWE!
Thatha isigqibo, ucele kuThixo akuncede. Rhoqo xa usiva umsindo usenyuka, thandazel' abakonileyo. Awunako ukuyenza le nto uwedwa, kodwa unako xa ukunye noThixo.
Indlela yokuthandaza
Ndifuna ukufunda ukuthandaza. Ndiqala ngokuthini ndibe sele ndisithini?
nguJudith, eSebokeng.
Judith othandekayo: Umthandazo yinto elula. UThixo ukufutshane kunokuba ucinga. UYesu wasifundisa ukumbiza "Tata". Into omele uyenze kukuba uthethe naye njengomhlobo wakho. Qala ngokumbulela ngezinto zonke ezintle ebomini bakho (musa ukubala ezimbi kuphela). Mcele ke ngoku ukuba akuhlangabeze kwiimfuno zakho. Uyakwazi, khululeka phambi Kwakhe, Uyakuthanda kwaye uyafuna ukuchitha ixesha nawe! [x]
Asinandibano yesondo ngenxa kaThixo?
Owakwam wathi mandiye ecaweni ebesoloko ekhonza kuyo iinyanga ezintandathu. Nam ndavuma saze saya ecaweni sobabini. Ndiyayonwabela inkonzo ixesha elininzi, kodwa ngoku le cawe ihlohla inkosikazi yam ngolwazi oluthi indibano yesondo ayilunganga.
Ingaba indibano yesondo ayilunganga kwaye ingaba unelungelo lokwala ukuba sibe nayo?
nguPK, eThekwini
PK othandekayo: Indibano yesondo yindalo kaThixo. Kodwa ke, njengayo nayiphi na into, ingasetyenziswa ngendlela engeyiyo. Isibini esitshatileyo simelwe ukuyonwabela indibano yesondo kuba ayilohlazo (Genesis 2:25). Kwaye ngokweBhayibhile, ixesha eningazila ngalo indibano yesondo kuxa nobabini nivumelene ukuba niza kuchitha ixesha nizile ukutya nithandaza (1 Corinthians 7:1-5).
UNYANGO LOMPHEFUMLO
Indi-bano yesondo yindalo kaThixo. Isibini esitsha-tileyo simele ukuyo- nwabela
Bhalela uMfundisi George: Uncedo Lomphefumlo, Box 473014, Parklands, 2121
