xhosa.591.baby
Ngaba usana lwam luphilile"
kubhale uPRIMROSE WILLIAMS
kufote abeGREAT STOCK!
KWINKOLISO yabantu ukufumana umntwana yinto echwayitisayo neyonelisa ngendlel' engenambaliso ebomini. Kodwa ke iintsana azifiki nencwadi ekuchazelayo ukuba ziphathwa njani na kwaye umzali oqalayo ukufuman' umntwana akanamava okuba ufanele enze ntoni xa kutheni. Nazi izinto eziqhelekileyo ezidla ngokubhida abazali abaqalayo ukuba nomntwana...
Ukopha elisweni: Amehlo osana akafanelanga ophe, kodwa emva kokuzalwa ungalibona libomvu iliso kwindawo emhlophe. Oko kuya kuziphelela kunganyangwanga emva kweeveki okanye iinyanga ezimbalwa.
Igazi kwilindle: Oku akusinto iqhelekileyo, phofu ayixhalabisi njengokuba uninzi lwabazali lucinga. Kusana oluphilileyo kudla ngokuba luphawu lokuba aluvani neprotini yobisi. Ukuyeka ukutya ubisi okanye iimveliso ezinobisi komama oncancisayo okanye xa eluncancisa ubisi lwevenkile ukulutshintshela kubisi lwesoya kuya kukuphelisa oko. Qinisekisa ukuba umsa kwagqirha okanye eklinikhi.
Amaqhuma emabeleni: Aza kuziphelela ngokwawo. Ungazikhami iingono zosana lwakho.
Ukukhohlela: Iintsana nazo ziyakhohlela njengathi ukususa izikhohlela okanye izinkcwe ezivale umbhobho womoya. Ukukhohlela akuthethi kuthi luyagula. Kungabonisa ukugula xa kuhambisana nefiva okanye xa kuluphazamisa usana xa lusitya okanye lulele.
Ukulila:Iintsana ziyalila. Maxa wambi zililiswa kukulamba okanye xa zifuna ukutshintshwa ilweyile. Funda indlela elulila ngayo usana ufunde nendlela yokuluthulisa.
Ukulila kungaba luphawu lwengxaki ethile xa usana lulila lutyekeza, okanye lulila emva kokulutyisa. Xa ungakuqondi ukulila kwalo, yiya kubuza eklinikhi.
Ukulila/ukuduntsa nokuhambiseka: Ngaba usana luyahambiseka, luyalila, ukuduntsa kuyinto eqhelekileyo akulophawu lokuqhinwa. Xa usana luqhinwa ilindle lalo liyaqina, libe ngathi ngamagaqa, okanye liqine ngaphezulu kwebhotolo yamandongomane.
Iingxaki zometyiso: Inkoliso yeentsana ingaba neengxakana zesisu ezibangelwa kukukhula kometyiso wazo. Ukuqunjelwa okungephi kungapheliswa ngokuhlikihlwa rhoqo esiswini, emqolo nasezimpundu. Kodwa xa usana luhlanza okanye luba notyatyazo ngequbuliso, ukuvuthamelana kwesisu okanye igazi kwilindle lalo, luse eklinikhi ngoko nangoko.
Ukukhutywa: Nangona zininzi iindlela zokuphelisa ukukhutywa ebantwini abadala nabantwana abathe dlundlu, usana ungaluyeka lukhutywe de kuziphelele. Ukuze uthintele ukukhutywa kosana, qinisekisa ukuba aluphangi xa lusitya nokuba aluginyi umoya omninzi.
Irhashalala: Ulusu losana olusandul' ukuzalwa lusenokuthamba, kodwa lubanawo amabala. Usana luba namaqhakuva obusana kwiiveki zokuqala kodwa aphinde aziphelele. Eziny' iintsana ziba namabala amancinane amahlophe okanye atyheli ajikelezwe lulusu olubomvu. Kodwa ayaziphelela emva kweentsuku ezintathu ukuya kwezintlanu. Inkwethu iyaxobuka emashiyeni, emva kweendlebe nasemqaleni. Ungayisusa nje ngokuluhlamba ngesepha. Irhashalala efun' ingqwalasela ekhawulezileyo yevuzayo okanye ehambisana nefiva.
Ukuthimla neempumlo ezivalekileyo: Zombini ziqhelekile kwaye zibangelwa kukungavani nomsi. Makungabikho mntu utshayayo kwindlu enosana yaye zama ukuzisusa izinto ezithukuthezelayo.
Ukutyekeza: Inkoliso yeentsana ziyatyekeza, maxa wambi rhoqo xa zityiswa. Ungakhathazeki ucinge ukuba usana luza kulamba kuba into oluyityekezayo incinane kakhulu. Ukuze usana lungatyekezi xa uluncancis' ibhotile, lungqengqise kancinane uyiphakamise ngasemva ibhotile ukuze luncance ubisi lungatsali umoya. Emva kokuluncancis' ibele okanye ibhotile lubhodlise uze ulugcine luhleli nkqo imizuzu embalwa.
Ukutyekeza kuyingxaki xa usana lungakhuli, lusoloko lunochuku, lukhohlela okanye lomiwa kakhulu.
Ukuncipha emzimbeni: Imizimba yeentsana incipha nge-10 phesenti emva kweentsuku ezintathu zizelwe. Phofu ke alufanelanga lunciphe ngaphezulu koko, kwaye lufanele lubuyele kubunzima balo emva kweeveki ezimbini. Xa lungabuyelanga kubunzima balo emva kwezo veki okanye luqhubeka nokuncipha,, kungathiwa eklinikhi luncancise nobisi lwevenkile xa uluncancis' ibele kuphela.[x]
Umbuzo wabadlezana abaqalayo ukubeleka...
Kuyothusa ukubon' usana lusenza izinto ezingaqhelekanga, kodwa ubukhulu becala kuba zizinto ezinokulindeleka...
BONA XHOSA - October 2005
t
t
Makungatshaywa endlwini enosana
BONA XHOSA - October 2005
Iimpawu zeengxaki ezinobungozi
Xa usana lwakho lunezinye zezi mpawu, yiya kufun' unyango ngoko nangoko:
Xa lungakhange luzithume ilindle eliluhlaza bumnyama kwiiyure ezingama-36 luzelwe.
Xa ulusu okanye iindawo ezimhlophe zamehlo ziba tyheli.
Xa lukhonyulukela ukuhlanza okanye luhlanza rhoqo (ingasekuko ukutyekeza nje).
Lungakufuni ukutya iiyure ezintandathu ukusa kwezisibhozo.
Xa luba nefiva lungekagqibi neeveki ezintandathu luzelwe.
Xa lukhohlela rhoqo.
Xa lutefa kakhulu lusuka lulile kakhulu nje esithubeni.
lXa lusoloko lutyhafile okanye lusozela ngaphezu kwesiqhelo.
Xa imilebe okanye ubuso balo bujik' ibala.
Xa lunotyatyazo okanye lunelindle elimanzi kakhulu elingaqhelekanga.
Xa lubonakala luphelelwa ngamanzi emzimbeni.
QAPHELA: Xa kukho into ongayiqondiyo ngempilo yosana lwakho, luse kwagqirha.
