xhosa.584.dead
BONA - August 2005
Abangcwabi babucala benza intywenka
ABANGCWABI babucala abangenamithetho bashishina phantsi kwayo bahlawulisa iintsapho ezishiywe zizalamane zazo amawaka eerandi eendleko ezingenanto yakwenza nomngcwabo.
Loo mali ingaphezulu kwentywenka eyenziwa ngala "mashishini okufa" mihla le ngenxa yokufa kwabantu ababhuqwa ngubhubhani weHIV/AIDS.
Kaloku i-AIDS ibulele abantu abangaphezulu kwama-300 000 nyakenye kwaye uMbutho weZizwe eZimanyeneyo (iUnited Nations) uthelekelela ekubeni bangaphezulu kwezigidi ezihlanu abantu abaphila nentsholongwane yeHIV eMzantsi Afrika.
Oko kwenza abangcwabi basoloko bezenzel' imali, kwaye lo bhubhani ubenza bawaxhome phezulu kakhulu amaxabiso abo.
Loo maxabiso aquka iindleko zomngcwabo, ukugcinwa komzimba nezebhokisi yomngcwabo - ukanti maxa wambi namaxabiso ezo bhokisi ufika exhome ngomnyinge we-300 ukuya kwi-700!
"Kukunyoluka oko," utshilo omnye umngcwabi osafikayo kweli shishini.
"Abangcwabi bafun' abanye bangafumani neentsalela! Eli shishini balenze lanobuqhophololo obungummangaliso."
Abona bantu ke babethekayo kobu buqhophololo ziintsapho ezisukuba zisamokana nengxaki yokushiywa sisalamane sazo.
Njengoko abantu abantsundu bedla ngokungcwaba ngeempela-veki, oko kuthetha ukuba umzimba ugcinwa iintsuku eziliqela kumzi wabangcwabi. Ithi ifika ke imini yomngcwabo lube usapho lunetyala lamawaka eerandi ngokugcinwa nje komzimba zingekafakwa iindleko zokungcwaba.
Luthi usapho lusazama loo mali, ityala libe linyuka ngemini nganye. Lugqibela ke lungenako ukungcwaba umntu walo kuba abangcwabi bengawukhululi umzimba lingahlawulwanga lonke ityala.
UTheo Rix ongumongameli weNational Funeral Directors Association Of Southern Africa (iNFDA), uthi umbutho wakhe kudala ubongoza urhulumente ukuba amisele imithetho eza kulawula eli shishini.
I-NFDA inamalungu amalunga nama-540, kodwa bangaphezulu kwama-5 000 abangcwabi abashishina kweli.
"Ingxaki esinayo yeyokuba athi amalungu ethu ebiza i-R350 ngokugcin' umzimba, ufumane ukuba abangcwabi abangekho phantsi kwethu babiza imali ephakathi kwe-R3 000 ne-R4 000," utsho uRix.
URix uthi ukungabikho kwemithetho kweli shishini kwenza nabani na oneemoto ezininzi azibone enokuba ngumngcwabi.
"ENtshona Koloni kuphela bamalunga nama-527 abantu abazibiza ngabangcwabi. Inkoliso yabo inamaxabiso axhomileyo ukuze amashishini abo angawi," utshilo.
Umngcwabi ongavumanga silithi pahaha igama lakhe uthe eli shishini alinanzuzo ininzi njengokuba abantu becinga. [x]
Zixhomile iindleko zokungcwaba
yemali ngabantu abaswelekileyo ukanti
uninzi lwabo abanazo nkqu neefriji...
BONA XHOSA - June 2006
Baphel' abantu ngabangcwabi
kubhale uTHOKOZANI MAGAGULA
kufote uCLIVE THOMPSON
Abangcwabi abangekho mthethweni - omawukwenze...
Iintsapho zidla ngokuxhatshazwa xa zisusa umzimba womntu komnye umzi wabangcwabi ziwusa komnye.
Abangcwabi abanobuqhophololo babiza imali enkulu ukuze usapho balukhululele umzimba womntu walo.
Iintsapho zicetyiswa ukuba zisebenzise abangcwabi ababhalisiweyo phantsi kombutho wabangcwabi. Abo bangcwabi basuke bejongiwe indlela abasebenza ngayo namanqanaba omsebenzi wabo.
Xa unengxaki nabangcwabi ababhalisiweyo, umbutho uya kuyiqwalasela loo ngxaki. Abangcwabi abavunyiweyo baba nesatifiketi sobulungu esixhonywa kwii-ofisi zabo. Amalungu oluntu angabuza nokuba abangcwabi abo babhalisiwe na kumbutho ovunyiweyo wabangcwabi.
Eyona nto ibalulekileyo kukuba ubazi abangcwabi, uyazi nendlela abasebenza ngayo ngaphambi kokuba ubavumele bathathe umzimba womntu wakowenu.
Balumkele abantu "ofika benovelwano" bekuxelela nokuba yiya kwabaphi abangcwabi. Oko kungakwenza kufuneke umhlawulele loo mntu.
Ukuze ufumane eziny' iinkcukacha ngabangcwabi abavunyiweyo, tsalela uTheo Rix ku-021-975-1010.
u
BONA XHOSA - June 2006
Iingxaki Zomthetho
Niziphathelwe yiBONA nabeScorpion Legal Protection
Intombi yam yalunywa yinja
Ndityelelwe ngumfazi wam nentombi yam eneminyaka emihlanu emzini endiphangela kuwo esitiyeni. Inja yomqeshi wam yaluma intombi yam engalweni yaza yonzakala kakhulu kwafuneka ndiyise kugqirha apho yafika yathungwa izitishi ezili-12.
Le nja ayinaburhalarhume umthetho wayo kwaye umfazi wam wayedla ngokundityelela ingamlumi.
Umniniyo wala ukuhlawula iindleko zikagqirha. Wandixelela ukuba umfazi wam nentombi yam bebengenalungelo lokuba semzini wakhe kwaye wayengazi ukuba inja ingavukwa buburhalarhume ilume intombi yam njengoko isisilwanyana sosapho.
Azange akhalaze nganto mhla umfazi wam wayendityelele kuqala. Ndithini"
nguTT, eGauteng
lUmfazi wakho nentombi yakho bebengekho emzini womqeshi wakho ngokungekho semthethweni.
Umfazi wakho ubekutyelele njengoko eqhele ukwenza. Ukungavukwa buburhalarhume kwenja ngexesha wayekutyelele okokuqala akusithetheleli isenzo sayo kwaye akuyiyo indlela yokuzithethelela komniniyo.
Umthetho uthi xa isilwanyana sisenza into eyahlukileyo kweziny' izilwanyana ezifana naso naxa isilwanyana sivukwa buburhalarhume sihlasela umntu, umniniso kufanele ahlawule iindleko ezenziwe kukuhlaselwa kwaloo mntu sisilwanyana sakhe.
Xa unobungqina bokuba le nja yayifuyiwe, yeyomnini-mzi, yahlasela intombi yakho ingakhange inxwalwe kwanokuba ngenxa yaloo nto wena wonzakalelwe ngumntwana wakho kwaye unelungelo lokumhlawulisa umniniyo.
Xa sithetha ngokufuywa kwesilwanyana sithetha ngesilwanyana esiqheliswa ubomi basekhaya ngokubanzi. Ileta yakho iyacacisa ukuba le nja yayifuyiwe.
Kuza kufuneka uzigcine iirisithi zemali oyihlawulele intombi yakho koogqirha ukuze ukwazi ukufun' intlawulo.
Kwakhona kufuneka uphinde uyise kugqirha intombi yakho ukuze ixilongwe kwakhona kufunyaniswe ubunzulu bomonzakalo kwanokuba akuzufuneka ukuba ityandwe na ukuze kuzanywe ukuphelisa iziva.
Iindleko zoogqirha namayeza nazo ziyinxalenye yemali omawuyifune xa ufun' intlawulo.
Kubalulekile ukuba ugqirha akubhalele ingxelo yonyango.
Kuloo ngxelo kufuneka abhale into ayibonileyo mhla eqal' ukuyixilonga intombi yakho, abhale amayeza ayinika wona, indlela asebenza ngayo amayeza, iintlungu eziviwe yintombi yakho, iindleko akubize zona kwaneendleko zonyango ezisaza kufuneka.
Kufuneka ubhale uluhlu lweepilisi namayeza owathengele intombi yakho namaxabiso awo.
Xa sele unazo zonke ezi nkcukacha kuza kufuneka ubonane negqwetha eliza kuhlola ixabiso lomonakalo uwonke lize likhuphele umnini-nja iisamani ezimyalela ukuba ahlawule iindleko zomonakalo.
Siqinisekile ukuba uza kulilwa ngempumelelo ityala lakho nomnini wenja. [x]
Sizamile ukuqinisekisa ukuba iingcebiso esikunika zona zifanelekile. Kodwa ke imeko yengxaki nganye ifuna ukuphandisiswa. AbakwaScorpion Legal Protection (Pty) Ltd, amalungu eengcali ezicebisayo, iBONA nabashicileli bale magazini abanakubekwa tyala nguye nabani na osebenzisa ezi ngcebiso.
Thumel' ingxaki yakho kule dilesi: BONA Legally Yours, Box 32083, Mobeni 4060. AbakwaScorpion baza kunika wonk' umntu ofake isikhalazo sakhe ivawutsha yemizuzu engama-30 yokuncokola negqwetha e-ofisini yabo naphi na kweli okanye ngomnxeba.
t
Zixhomile iindleko zokungcwaba
