XHOSA.54.yourstories_crime
ULYNN noJay Lopez babeneminyaka eli-16 betshatile yaye bonwabile emtshatweni wabo. "Sazana noJay sisebatsha. Wayefana nomntakwethu, kungangeni moya phakathi kwethu. Wayendikhusela, ndizibona ndingenakuphila ngaphandle kwakhe. Ngaloo mini yesihelegu salala njengesiqhelo, sothuswa yingxolo ethile ngentsimbi yesibini xa kusayo, waza uJay waya kujonga ukuba yingxolo yantoni. Ndamva ekhwaza ndaza ndabona indoda ime emnyango iphethe imela. UJay wazama ukuyibetha ngephini lebaseball kodwa yangabaleki. Yahlaba uJay ngemela wawa, ndatsho ngesikhalo ndiyicenga loo ndoda ukuba ihambe,"
ULynn ukhumbula loo ndoda isithi: 'Ndiza kugwetywa intambo ngesi senzo, ngoko kubhetele ndizonwabise ngawe.' Emva koko wambamba wakrazula ilokhwe yakhe yokulala, wamdlwengula kahlanu.
"Ndakhumbula ukuba uJay wayethe ndibomqwalasela umntu. Ndamjongisisa ke nomntu owayendidlwengula nangona wayezama ukuzogquma amehlo akhe. Ndamqaphela ukuba unamehlo amdaka nokuba wayenxilile enuka utywala neziyobisi."
Wahlamba umhlaseli emva kokumdlwengula, de waboleka netawuli yobuso kaLynn. Ngaphambi kokuba ahambe wathi: 'Ndishiyekelwe kukwenza izinto ezimbini. Eyokuqala kukutshisa wena, eyesibini kukutshisa le ndlu.'
"Lawo ngamazwi akhe. Emva koko wahleka wathi: 'Andiqondi ukuba ndiza kukubulala wena.' Watshisa umlilo kwigumbi lokubutha emva koko wahamba," ukhumbula atsho.
ULynn wayothuke gqitha waza waya kucel' uncedo kwammelwane. Akazikhumbuli izinto ezininzi ezenzeka emva koko ngaphandle kwepolisa elafika lamthatha lamsa esibhedlele.
Eselapho esibhedlele weva kunomathotholo ukuba kufunyenwe umzimba wendoda ibulewe.
"Emva koko ndaqonda ukuba umyeni wam undishiyile." Emva kweentsuku ezimbalwa uLynn kwafuneka aphendule imibuzo yabaphandi nangona wayesentlungwini kuba wayesazi ukuba amapolisa kufuneka amzingele ambambe umbulali.
Ethubeni amapolisa enza umfanekiso womhlaseli, kodwa abuyela kuLynn kwakungabikho mkhondo awufumanayo. Uthi wayengaqondi ukuba kanti naye ayamphanda amapolisa kuba wayesadandathekile emphefumlweni. Wancinwa ngemibuzo ngabaphandi bacela nokumenza uvavanyo lokuxoka, wavuma ngomzimba ongenaxhala.
Wayekwimeko embi gqitha ngemini yovavanyo uLynn. Emva kokoyiswa lolo vavanyo abaphandi bacinga ukuba nguye owayenze iyelenqe naloo ndoda ukuze kubulawe umyeni wakhe. Yamkhathaza kakhulu uLynn into yokurhanelwa kwakhe ngolo hlobo, babe abaphandi bona benomnqa wokuba yintoni eyenza umhlaseli wabulala umyeni wakhe, yena wangambulali. Bazixelela ukuba uLynn uyazana naloo ndoda.
"Ndaphila ubomi bonxunguphalo de kwafuneka ndincedwe yingcali yengqondo kuba ndandizenzakalisa. Nangona kunjalo ndandifun' abanjwe umntu owabulala umyeni wam. Ukurhanelwa kwam ngabaphandi kwakufana nelifu elimnyama elijinga ngaphezulu kwam. Kwakungasekho bungqina butsha bufumanekayo ngokubulawa kukaJay, kodwa ndandifun' abanjwe umbulali. Ndandisazi ukuba apho akhoyo uphila kakuhle ngokungathi akenzanganto," utsho uLynn.
Ngeny' imini ingcali yengqondo kaLynn yamcebisa ukuba acele ukubonana namapolisa e-ofisini yakhe kuba uLynn wayesoyika ukuya kwisikhululo samapolisa.
Kuloo ntlanganiso wadibana noDetective Sergeant Harry Hoover owakuqondayo ukunxunguphala kwakhe, waza walivula kwakhona ityala.
Kwaphinda kwathatyathwa ubungqina beDNA kwiingubo amdlwengulela kuzo. Obo bungqina bafakwa kuluhlu lwezaphuli-mthetho ezingaphezulu kwesigidi ezifunwayo e-US. Baza ethubeni abaphandi bamfumana umbulali kaJay: uChatsiam Adam Lioy.
UHoover wathi kuLynn makakhethe ifoto kaLioy kwiifoto zamadoda amathandathu. Babefuna ukuqinisekisa ukuba uLioy akamazi na, ngoko bakhupha ifoto kaLynn yangathi yeyomntu olahlekileyo ofunwayo. Bangena umzi ngamnye bebuza abantu ukuba bayamazi na nokuba bake bambona na. ULioy wathi wake wambona, waza wabanjwa.
Waqala waphika ukuba uyalazi elo tyala, kodwa ethubeni wavuma yonk' into. Waxelela uHoover ukuba oko wabulala uJay usoloko efikelwa ngumbono wakhe esithi kuye angamxolela xa engathetha inyaniso.
Emva kweminyak' esixhenxe efunwa wavuma ukuba nguye owabulala uJay.
ULynn uthi: "Waxelel' amapolisa ukuba wayecinga ngento embi owayenza kuthi yonk' imihla. Ndandisiya enkundleni yonk' imihla yetyala ndifike ndimjonge umbulali, kodwa yena wayengandijongi. Wagwetywa ubomi entolongweni ngokubulala uJay nangokundidlwengula. Nokuba angagwetywa kangako kuyafana nokuba nam wandigweba ubomi entolongweni.
"Ubomi bam abusenantsingiselo ngaphandle kukaJay. Akasokuze waphuma entliziyweni yam. Selilide ixesha kodwa andikapholi. Kwandinceda ukucela amapolisa ukuba avule ityala kwakhona, kungenjalo ngaba akazange abanjwe uLioy."
UDetective Jorge Fernandez owayengumphandi wokuqala welo tyala, uzithethelele izenzo zamapolisa. "Sasingaqinisekanga ukuba uLynn wayesixelela inyaniso ngokwenzekayo. Sasingazi nokuba woyiswa luvavanyo lokuxoxa kuba wayenxunguphele. Sabufumana ubungqina beDNA egazini kodwa abuzange bufane nobezaphuli-mthetho esinazo. Sasifuna ukuqonda ukuba umbulali akangomntu ebebemazi na uMnu. noNksk. Lopez."
UHoover yena wasincoma isibindi sikaLynn. "ULynn wayelindele ukuba kwenzeke nantoni na kwaye oko wawukubona emehlweni akhe. Walinda iminyaka esixhenxe ukuba sifumane loo mbulali nesidlwengu." [x]
Umbhali nomfoti: Sue Thompson/Splash News
ULWAPHULO-MTHETHO
Warhanelwa ngokubulala
umyeni wakhe
Umhlaseli wabulala umyeni womfazi, emva koko wamdlwengula kaninzi, kodwa amapolisa arhanela umfazi kuba oyiswe luvavanyo lokuxoka
1. ULynn Lopez nefoto aneqhayiya ngayo yemini yabo yomtshato.
2. ULynn nomyeni wakhe, uJay.
3. Iphini lebaseball azama ukuzilwela ngalo uJay.
4. Igumbi lokubutha elitshileyo.
5. UChatsiam Adam Lioy mhla wayebanjwa ngamapolisa.
