xhosa.532.Dead
BONA XHOSA - May 2007
kubhale uNOMPUMELELO MNGADI
kufote abeGREAT STOCK!
Njengoko isiya ngokuphela indawo yokungcwaba ezixekweni ezikhulu, urhulumente uzama ukufumana isisombululo sale ngxaki esiza kwamkeleka ebantwini bonke
Iphelile indawo yokungcwaba
NGABA iyaphela indawo yokungcwaba izalamane zethu" Le yingxaki ezijongene nayo izixeko ezininzi zeli. Iyaphela indawo yokungcwaba ngokutsho kukaThembinkosi Ngcobo oyintloko yecandelo elijongene neepaki, amangcwaba, ezolonwabo nenkcubeko kwisixeko saseThekwini.
Uthe kuza kufuneka kwenziwe isigqibo ngokukhawuleza sokuba oomasipala bangaqhubeka kusini na nokunika uluntu iindawo zamangcwaba.
Ngokutsho kukaNgcobo kwingingqi yaseThekwini amangcwaba azele phantse ngama-90 ekhulwini kuba baninzi abantu abangcwatyiweyo kwishumi leminyaka edlulileyo.
Le ngxaki ifuna izisombululo ezingxamisekileyo. UNgcobo uthi icebo kukumbiwa kwamangcwaba emva kweminyak' emithandathu ukuya kwelishumi ukuze amathambo abantu abangcwatywa kuwo atshiswe okanye kumbiwe ingcwaba litshone kakhulu ukuze kungcwatywe ngokutsha kulo. "Lo ngumba onyeke-nyeke ofuna ukusingathwa ngononophelo. Kodwa zikho ezinye iindlela zokungcwaba ezingaqwalaselwa," utshilo uNgcobo.
UKHOLELWA nasekubeni abantu bafanele bakhuthazwe nokuba bazitshise izidumbu endaweni yokuzingcwaba. Ukwathe umasipala waseThekwini uqwalasela iindlela ezintathu abantu abanokukhetha kuzo ukuze le nkqubo yamkeleke kwiinkolo ezahlukeneyo. Ezo ndlela zezi: ukwakha "umyezo wesikhumbuzo" apho kungangcwatywa khona amathambo; apho lungangcwatywa khona uthuthu; okanye uthuthu lulahlwe elwandle.
Mhlawumbi eyona mbono iza kususa impikiswano yeyokuba kungcwatywe abantu de babe sixhenxe engcwabeni elinye.
Enye imbono yeyokuba "kubhangiswe" ukwakhiwa kwamatye esikhumbuzo kuba adla indawo enkulu.
UNgcobo uyibethelele into yokuba nokuba sisiphi na isigqibo ekufikelelwe kuso, kuza kuba kuthetha-thethwana nabantu. "Kodwa into abantu amabayiqonde kukuba sinengxaki enkulu esifanele siyisombulule ngokukhawuleza kungenjalo siza kuhlala nezidumbu emakhaya kuba singenandawo yokuzingcwaba."
Ingingqi yaseThekwini ineehekthare ezingama-500 zomhlaba obekelwe amangcwaba. Loo mhlaba uza kuphela kungekudala njengokuba kungcwatywa abantu abali-19 000 ngonyaka.
Ukwakha iindawo ezintsha zokungcwabela akuzukunceda nganto kuba nazo ziza kugcwala ukanti zixhomile neendleko zokuzigcina zikwimeko entle. Ukunqongophala kwemali kwenza amangcwaba amaninzi angahoywa aze akhule ukhula. Ukubiwa kwamatye esikhumbuzo neziny' iimpahla zamangcwaba kuyenza ibembi nangakumbi le ngxaki.
Kwenziwa iinkqubo zokufundisa abantu ngokusetyenziswa ngokutsha kwamangcwaba amadala nangokutshiswa kwezidumbu endaweni yokuzingcwaba. "Simema izikolo, uluntu nemibutho yenkolo ukuba ize kwiindawo zethu zokutshis' izidumbu ukuze abantu babone ukuba kwenziwa njani oku," utsho uNgcobo.
IINKOKELI zenkolo yamaIslam zithi azinangxaki nokusetyenziswa ngokutsha kwamangcwaba amadala, kodwa zichasene nokumbiwa kwamangcwaba aneminyaka emi-6 ukuya kweli-10.
"Siyazi ukuba amangcwaba amadala angasetyenziswa ngokutsha, kodwa asifuni amathambo omntu akhutshwe apho ayengcwatywe khona kuba oko kunxamnye nenkolo yamaIslam," utsho uAbdul Fataag Carr osisithethi samaIslam.
"Asinangxaki nokusetyenziswa kwamangcwaba amadala kwakhona xa umntu sele ebole waphela, kodwa umntu akanakubola aphele namathambo ngeminyak' emi-6 ukuya kweli-10."
UBhishophu Barry Wood oyiVicar General of the Arch Diocese of Durban uthi iindlela zokungcwaba zifuna ukuphononongwa. "Kufuneka kuthethwe nabantu ngaphambi kokuba kwenziwe nasiphi na isigqibo. Abany' abantu abayithandi into yokutshiswa kwezidumbu kwaye ndiqinisekile abantu abanakunyanzelwa ukuba bazitshise izalamane zabo."
UMusa Sithebe oligqwetha leJustice Centre eMpangeni uthi akukho masipala unokumba amangcwaba abantu engenamvume yeentsapho zabo.
Xa umntu ethe ufuna ukutshiswa akusweleka, umele achaze kumyolelo wakhe ukuba luze luthiweni uthuthu lwakhe. Umzimba kufuneka wenziwe ngendlela atsho ngayo umnini wawo kumyolelo wakhe.
"Akukho mthetho unika igunya nabani na ukuba awumbe umzimba womntu awutshise, nkqu nokuba oko kwenziwa ngenxa yokuphela kwendawo yokungcwaba okanye naso nasiphi na isizathu," utsho uSithebe.
Xa urhulumente efuna ukwenza oko kuza kufuneka abeke umthetho okugunyazisayo. Oko kuya kufuna umthetho uqulunqwe, uvulelwe abantu bawuhlab' amadlala uze upasiswe xa bewamkela. [x]
BONA XHOSA - May 2007
IBONA iyaphanda
Uthini wena ngalo mba"
Ungasonjululwa njani lo mba unyeke-nyeke kangaka" Sibhalele usixelele iimbono zakho kule dilesi: Iileta Eziya kuMhleli, Box 32083, Mobeni 4060.
