Xhoza.523.yourlifeguide_muthi
Indlela ongalipholisa ngayo
INXEBA lokulahlwa
Uzame izihlandlo zade zazine ukubulala uyise
ngenxa yokuba engazange amamkele
UKUCINGA ukuba ulahlwe okwenkunkuma ngumzali wakho imel' ukuba bubuhlungu obungenakulinganiswa nanto ehlabathini liphela. Ngokuqinisekileyo linxeba elinzulu, elingapholiyo elingakufaka engxakini xa sele umdala.
Masithi indoda ilahla okanye iyamhlamba unyana wayo. Nokuba unina uzama kangakanani ukwenza umntwana azive ethandwa, kusenokwenzeka ukuba umntwana uza kuya ekuva ukungabikho kukayise.
Uza kuluflathela uthando lukanina ngenxa yokukhathazwa kukungabikho kukayise. Ubuhlungu bokulahlwa buza kumongamela. Eyona nto imbi kukuba, angafuna nokuziphindezela!
Oku angakungqina umfundi waKwaZulu-Natal.
"Ngelixa umyeni kamama wayesentolongweni, washiyeka ethandana - mna ndaze ndasisiphumo solo thando. Wathi umyeni kamama wakukhululwa wamxelela ukuba 'thatha le nkunkuma yomntwana uyigoduse iye kuyise.' Waze wenza njalo, kodwa notata wayengafuni nto yakwenza nam."
Le nkwenkwe yasiwa koomalume bayo, nalapho yaziva ingamkelekanga. Yaza yaya eBhayi, apho yafika yagula yajika ecaleni kwengcwaba.
Ukubuyela kwayo eKZN yafika unina sele engasekho.
Yaphinda kuyise nalapho yafika yakhonjwa emnyango. Phofu ke kweli tyeli, le ndoda yamphika.
"Wathi mandicele oomakazi bandikhangelise onke amadoda umama awayethandana nawo - mhlawumbi ndakutsho ndifumane utata wam wenene."
Noxa oku kungayithetheleli into ayenzayo emva koku, sicingela indlela awayeziva ngayo.
Le nkohlakalo yenza ube neentloni zokuba ngumntu, kuba ngabantu kuphela abanale mpatho inje.
Umntu uzuza ntoni ngokohlwaya umntwana ngenxa "yezono" zikanina" Uyise wale nkwenkwe wayeza kufumanisa kungekudala.
"Ndazifumanela umpu ndaze ndamlalela kwakhe ngobunye ubusuku," utsho lo mfundi. "Wathi akufika, ndamdubula."
Yasinda le ndoda. Yaze yathi isachacha njalo yaphinda yadutyulwa ngunyana wayo eyamlahlayo. Yasinda kwakhona.
"Ndizamile ukumbulala okwesithathu ndatsho phantsi kwakhona," utshilo lo mfundi. Uphinde waya esibhedlela ukuya kumgqibezela, kodwa wabanjwa.
Ngoku usentolongweni, ufuna ukuvavanywa igazi. "Ndifuna ukwazi ukuba ndingumntwana kabani. Xa ndiphuma entolongweni ndifuna ukuya kusapho lwakuthi. Okwangoku andinalo ikhaya."
Undibhalele efuna iingcebiso zam njengegqirha kwaye mna ndithi alikho iyeza kweli hlabathi elinokunceda eli tyendyana lo mfana.
Kodwa ikho into enamadla. Uthando noxolo.
Ukulahla umntwana - okanye nokuba ngowuphi umntu - akuyonto intle kodwa iyenzeka.
Kodwa ke, ukubulala umntu nako kuyinto embi.
Ukuba lo mfana woniwe nguyise ngokumlahla, naye umphendule ngokwenza okubi.
Indoda elahla igazi layo ayisokuze ibe ngutata olungileyo - ngoko akukho mfuneko yakuzama ukumtshintsha ingqondo.
Endaweni yoko, noxa kuza kuba nzima, zikhumbuze ukuba wena awenzanganto, ingxaki nguye.
Zama ukumxolela - kuba kukuphela kwendlela yokuzikhulula neza kukuphilisa.
Wakuphuma yiba ngutata olungileyo kwabanye - kuba ngoku wazi bhetele.
Usenokuba wena ubunotata okhohlakeleyo, kodwa esi ayisosizathu esingakunqanda ukuba wena ube nguyena tata olungileyo ehlabathini! [x]
Bhalela uForce Khashane kule dilesi: Muthi Talk, Box 473014, Parklands, 2121, e-mail: muthi@caxton.co.za
UNYANGO LWESINTU
Endikufunayo kukwazi ukuba ndingowakwa-bani. Xa ndiphuma entolongweni ndifuna ukuba nosapho lwasekhaya. Okwangoku andinalo ikhaya
EZAMAYEZA
AMAZWI OBULUMKO
Xa uthanda umntu, mthande yena nabantwana bakhe. Eneneni kutheni kufuneka kuhlupheke abantwana ngenxa yokungazithembi kwakho"
