xhosa.1238.dyslexia_2
AMANDLA EMPILO
UXOLANI wayetsala nzima esikolweni xa wayeneminyaka esixhenxe ubudala. Wayengakwazi ukufunda, engakwazi nokubhala. Babemangalisiwe abazali bakhe neetitshala. Wayekrele-krele, edlamkile, ebalasele emidlalweni nakweziny' izinto ngaphandle kokubhala nokufunda.
Xa eneminyaka elithoba wayesele ethatyathwa njengomntwana osilelayo esikolweni.
Abany' abantwana esikolweni babemqhula bembiza "ngesigqogqo."
Ngethamsanqa lakhe kwabakho ititshala eyarhana ukuba kungenzeka ukuba uXolani unengxaki yokungakwazi ukufunda waza wancediswa yititshala encedisa kwezonyango bayifumana ingxaki yakhe.
Wathi esakufumana uncedo lweengcali yaphela loo ngxaki yakhe yokungakwazi ukufunda waqhubeka esikolweni.
"Ingxaki yokungakwazi ukufunda mayilungiswe kwangoko kungenjalo ibuphazamisa bonke ubomi bomntu," utsho uMarj Arslanian weAudiblox, ekuyinkqubo yehlabathi enceda iingxaki zokufunda kubafundi.
Le ngxaki ichaphazela abantwana nabantu abadala ngokwahlukeneyo.
Uninzi lwabo baba neengxaki zokufunda nokubhala ukanti xa yondele kakhulu le ngxaki abakwazi tu ukubhala nokufunda. Uninzi lwabafundi abanale ngxaki bayoyiswa zizibalo.
Ibonakala njani"
Mjonge emehlweni umntu onengxaki yokungakwazi ukufunda uza kubona into elolu hlobo...
Amagama alula uyawagqwetha umzekelo elithi RAT liyajika libe nguTAR.
Isivakalisi siyaxoveka singabinantsingiselo.
Oonobumba uyababhidanisa umzekelo u-b amenze u-d.
Thatha iphepha ulijongise esipilini uze ufunde lo mbhalo usesipilini. Abanye abantu abaneengxaki zokufunda bawufunda kanjalo umbhalo oqhelekileyo.
Iimpawu
Nazi ezinye zeempawu ezixhaphakileyo nezintama ukuba umntwana uneengxaki zokufunda yaye ufuna uncedo:
t Ukungaqiniseki ngesandla sasekhohlo nesasekunene okwenza awagqwethe amagama namanani xa efunda.
t Abantwana abanale ngxaki abakwazi ukulandelelanisa izinto njengokubala okanye ukulandelelanisa iintsuku zeveki. Bayoyiswa kukukhumbula okanye ukukwazi ukulandelelanisa izinto.
t Ukufunda aze apele amagama ngendlela engaqhelekanga. Le yingxaki eyondeleyo yokungakwazi ukufunda nebonakala ngokuqashela amagama nokuba engenantsingiselo.
t Ukuthetha kade okanye ukuthetha into engavakaliyo. Uphando lubonisa ukuba ukungakwazi kakuhle ukuthetha neengxaki zokufunda zinxibelelene.
t Ukufunda kancinci ethandabuza.
t Ukungakwazi ukubhala kakuhle.
Ongakwenza
Xa urhana ukuba umntwana unengxaki yokungakwazi ukufunda nokubhala kubalulekile ukuthetha netitshala yakhe. Uninzi lwezikolo ezikhulu zinetitshala enceda kwezonyango eqeqeshiweyo eza kumnceda umntwana wakho okanye imse kwingcali yezonyango.
Xa kukho umntu omdala onale ngxaki mfunele uncedo, usengalufumana.[x]
Ngaba umntwana wakho akakwazi ukufunda"
Le ngxaki iyamlibazisa umntwana wakho esikolweni kodwa ingasombululeka aze akwazi ukuqhubeka nobomi...
BONA XHOSA July 2008
kubhale uGRACE KHUZWAYO ifoto yeyakwaGREAT STOCK!
Ukungakwazi ukufunda nokubhala kuyamphazamisa umntwana esikolweni.
