XHOSA.508.yourlifeguide_muthi
Ingakwenza ISITYEBI
imali YEZIPORHO"
Sibuza amagqirha asele enamava lo mbuzo otshis' ibunzi
ABAFUNDI abaninzi beli bandibhalele befuna ukudityaniswa namagqirha akwaziyo ukubona imali yeziporho.
Leyo ke yimali eyombelwa phantsi komhlaba kudala, ekungokunje ikhuselwe ziziporho.
Omnye wabafundi ubalisa ngephupha lakhe elambonisa indawo engcwatywe kuyo imali.
"Ngenene ndiyakholwa ukuba ikhona imali phaya, kodwa andikabaxeleli abanini-mzi."
U-Archbishop Elias Mashike Pitsoane oneminyaka engama-72, ongumsunguli kunye nenkokeli yebandla leBethlehem Apostolic Church, uthi ayikho imali yeziporho. Yimali eyangcwatywa ngoobawo mkhulu ngenxa yokuba kwakungekho ziibhanki ngelo xesha.
"Abantu abaza kum befuna ndibancede bafumane le mali, ndiye ndibaxelele ukuba mabathandaze kuThixo kwaye bacele ukukhanyiselwa ngabangasekhoyo. "Baza kuzibonakalisa ephupheni ukuba uthetha nabo ngendlela eyiyo kwaye bakutyhilele indawo efihlwe kuyo le mali," utshilo u-Archbishop Pitsoane okwalixhwele.
Uyavumelana no-Archbishop uPastor Timothy Maphosa, ongumprofethi oneminyaka engama-36. "Yeyabantu abadala imali engcwatyiweyo, hayi iziporho, ukuba unethamsanqa ziza kukuxelela izinyanya ukuba ifihlwephi.
Usihlalo weGauteng Traditional Healers & Faith Practitioners, uSipho Mndaweni uthi akulunganga ukuthi le mali yeyeziporho.
Ucacisa athi "yayiyimali yabantu eyangcwatywa ngembiza yesintu kuba yona ingagugi yaye loo nto yayisenziwa ngobusuku ukuze ikhuseleke. Uqhuba athi "ukuba kwakukho umntu amthembileyo utata okanye utat'omkhulu lowo osisityebi, wayemxelela ukuba uyombelephi loo mali,"
"Kodwa wayede asweleke engazange axelele 'mntu ngayo ukuba akukho mntu amthembileyo."
Utat' uMndaweni olelinye igqirha endithethe nalo, uthi kwakukunceda ukuzila phambi kokuba uqalise uphando lwakho.
"Ayinguye wonke ubani onako ukuyifumana le mali. Loo mntu kufuneka athenjwe zizinyanya kuqala. Kwaye kufuneka alandele imiyalelo yazo!"
Ucacisa athi "Xa ndithetha ngokuzila ndithetha ngokungabi neendibano zesondo, ukungasel' utywala. Ungade ungatyi, kodwa kufuneka ungatyi nokuba yintoni.
Kufuneka ubenyulu kwaye ucoceke yaye kufuneka lizile nalo igqirha elikuncedayo.
Utat' uMndaweni wongeze wathi "Eneneni kufuneka ihlonitshwe yonke into ephilayo kulo mhlaba,"
Uthi "ukuba awubahloniphi abantu abakungqongileyo, awunako ukuzihlonipha izinyanya noThixo." [x]
UNYANGO LWESINTU
Nokuba
ungazama
kangakanani,
xa zingaku-
chonganga
izinyanya
awusokuze
uyifumane
le mali!
EZAMAYEZA
IIMBONO ZABANYE
UJulia Moremi olipolisa uthi, uwubona njengobuvuvu umba wemali yeziporho, nangona ugxa wakhe okwangumhlobo wakhe ebekhe wambalisela iphupha lakhe apho ephuphe amapolisa amabini esonyuk' intaba eyokukhupha imali kwi-ATM.
ULebo Makwe uthi uphuphe esonyuka intaba noJulia kunye nesiporho esinguyise."Xa sifika ngaphezulu kwentaba siye safumana i-ATM kwaye uJulia ukhuphe i-R76 000 kuyo. Andikholelwa nakancinci kwimali yeziporho, kodwa mhlawumbi singavuzwa zizinyanya ukuba singathandaza kakhulu," wongeze ngelitshoyo.
Uyibona njengento engekhoyo imali yeziporho uBafana Ncube osebenza ngomthetho. "Into endikhathazayo kukuba abantu bomba imingxuma enzulu emakhayeni wabo bebeka ubomi babanye abantu emngciphekweni. Akukho mntu ude ayifumane imali yeziporho. Ingxaki ngulaa mngxuma unzulu uwombe ekhayeni lakho ongabangela ukudilika kwendlu yommelwane wakho kwaye abantu bangaphulukana nobomi babo."
UMfundisi Mzwandile Nkwanyane uthi: "Ndiyithatha njengentsomi imali yeziporho. Ngeliphandle, ayikho."
