XHOSA.497.legalfeb
BONA XHOSA - February 2006
Iingxaki Zomthetho
Indlu evuzayo
NgoJanuwari ka-2005 ndatheng' indlu kwinkampani eyaziwayo yabathengisi bezindlu. Ndithe ndisakuyibhalisa egameni lam ndafumanis' ukuba inobumanzi. Emva kweenyanga ezintathu kwaphuma amanzi eludongeni ephumela emgangathweni.
Ndabiza inkampani ejongene nobumanzi obusendlwini yaza ingcali yabo yandixelela ukuba obu bumanzi buneminyaka bukho. Yandibonisa nendlela umnini-ndlu ebebufihla ngayo. Yathi iqinisekile ukuba nenkampani ebeyindithengisela le ndlu indifihlele obu bumanzi.
Ndathi xa ndixelel' ummelwane wandihleka watsho esithi ndim kuphela umntu obengayazi ukuba iyavuza yaye ineminyaka ivuza le ndlu.
Ukuyilungisa kuza kundityabula ngaphaya kwe-R20 000.
Ndibona ukuba umthengisi wezindlu kunye nomnini-ndlu benze ukungathembeki okukhulu ngokundithengisela indlu evuzayo baze bayifihle loo nto kum.
Andinakukwazi ukuhlawula imali yokuyilungisa le ndlu. Ndingathini bethu"
nguJW, eJoburg
lUkuvuza kwendlu ngundonakele ofihliweyo kuwe nto leyo ithetha ukuba kube ngundonakele ongabonakaliyo.
Ukufihla undonakele xa uthengisa nantoni na kuthatyathwa njengobuqhophololo. Nokuba umthengi uthenga impahla neengxaki zayo bakho abaqhitswayo.
Into ekufuneka uyenze kukubonisa ukuba le ndlu inondonakele wokuvuza ofihliweyo xa uyithengiselwa - kwanenye yezi zinto zilandelayo...
tUmthengisi wakuxelela ukuba akukho ndonakele kule ndlu okanye wathi iyeyexabiso.
tUmthengisi wayekwangumenzi okanye umvelisi wento leyo ethengiswayo ongazange ayifihlise into yokokuba unalo ikhono, ubuchule nolwazi lwayo
tUmthengisi wayesazi ukuba ukho undonakele kodwa wakufihlela okanye wakuqinisekisa ukuba awukho.
Inqaku lokuqala nelesibini kula angasentla yile nto yenzeke kuwe kanye ke. Sikholelwa ekubeni ibango lakho lembuyekezo kumthengisi wezindlu nominini-ndlu oyithengileyo lomelele kakhulu. Kweli bango kukho imali yeendleko zamagqwetha kwaneyokulungisa undonakele osendlwini. Xa kufuneka uphume endlwini lo gama isalungiswa, imali yokuhlawulela indawo oza kube uhlala kuyo iza kuphuma kwakule yembuyekezo.
Thumela ileta yesinyanzelo kumthengisi nomnini wendlu usakugqiba ukubala zonke ezi ndleko. Le leta iza kube ibanyanzelisa ukuba bahlawule ezi ndleko kwiintsuku ezintathu kungenjalo xa bengazihlawuli baza kunikwa iisamani bebizelwa enkundleni.
Xa lo mthengisi nomnini-ndlu bengafuni kukuhlawula imali yakho kuza kufuneka udibane negqwetha eliza kuwuqwalasela ngamany' amehlo lo mba wakho.
Siqinisekile ukubauza kuyifumana yonke imali yakho yembuyekezo kumnini-ndlu okanye nakumthengisi wendlu. [x]
Niziphathelwe yiBONA nabeScorpion Legal Protection
Sizamile ukuqinisekisa ukuba iingcebiso esikunika zona zifanelekile. Kodwa ke imeko yengxaki nganye ifuna ukuphandisiswa. AbakwaScorpion Legal Protection (Pty) Ltd, amalungu eengcali ezicebisayo, iBONA nabashicileli bale magazini abanakubekwa tyala nguye nabani na osebenzisa ezi ngcebiso.
Thumel' ingxaki yakho kule dilesi: BONA Legally Yours, Box 32083, Mobeni 4060. AbakwaScorpion baza kunika wonk' umntu ofake isikhalazo sakhe ivawutsha yemizuzu engama-30 yokuncokola negqwetha e-ofisini yabo naphi na kweli okanye ngomnxeba.
