xhosa.494.abortion
Sityelele iklinikhi eqhomf' izisu 'ekhuselekileyo'
BONA XHOSA - March 2008
ibali libhalwe nguNTOKOZO MFUSI/MERCURY
Nangona ukuqhomf' izisu kusemthethweni eMzantsi Afrika, zisanda iindawo eziqhomf' izisu ezingekho mthethweni nezizibhengeza ngokuphandle ngeephosta namaphepha ancanyathiselwa kwizixeko zeli. Izihlomelo zalo mthetho ziza kwandisa iindawo ezisemthe-thweni, kodwa ingaba oko kuza kunqanda iintombi ezoyikayo nezibeka ubomi bazo engozini"
Iindawo zokuqhomf' izisu ezingekho mthethweni
EMVA kweentsuku ezintathu sifowunela iinombolo esizithathe kwiiphosta ezithe saa edolophini zeendawo ezithi ziqhomf' izisu "ngokukhuselekileyo ungeva neentlungu", side saya "kwindawo kagqirha" ebesixelelwa ngayo xa sibuza indawo engasinceda.
Apha besiza kudibana nendoda ethe ingu-"Gqr. Issa" efowunini kwaye besinayo indawo yokuxhalaba xa besingena kwilifti eya apho kwesinye sezakhiwo esaziwayo eThekwini.
Kubengathi asifiki kumgangatho wesi-7 ekuwo le ndawo.
Besisoyika kodwa kufuneka ndizenze intwazana enama-20 eminyaka eneeveki ezintandathu ikhulelwe, nefuna ukuqhomf' isisu bengekazi abazali. Umntu endiphangela naye yena ubeye kuba "ngumhlobo ondikhaphileyo".
Sithe xa siza kungena apho kulo "ndawo kagqirha" kwabe kukho usapho oluphumayo.
Bekuyindoda, umama nentombazana endicinge ukuba ikwiminyaka eli-18 ubudala. Ibingasemva le ntombazana kungathi kubuhlungu xa ihamba. Umama notata bebehlwile ebusweni bengayihoyanga nentombi yabo ebihamba kabuhlungu.
Ndizive ndihanjelwa ngumzimba xa ndicinga ngabazali abasa abantwana babo kwiindawo zokuqhomf' izisu ezingekho mthethweni nezingakhusele-kanga.
Kuthulekile
Singene kwigumbi elipeyintiweyo nelikhanyayo waza waphela umfanekiso-ngqondweni ebendinawo wendawo emnyama eyoyikekayo.
Igumbi esifike salinda kulo belifana nawabany' oogqirha, lineetyatyambo ezihombisileyo neemagazini ezindala.
Bekukho umakhulu obehamba nentombazana eselula ebibonakala ingumzukulwana wakhe. Sifike sababulisa sahlala ecaleni kwabo.
Emva kwemizuzu embalwa, loo makhulu ubuze kumhlobo wam ukuba ucinga ukuba lo "msebenzi" uyimalini.
Uphendule ngelithi yena waxelelwa ukuba yi-R600. Ube sebuza loo makhulu ukuba kutheni emzise apho umzukulwana wakhe engamsanga eMarie Stopes Clinic.
"Ndeva kusithiwa bona baxhomile ngexabiso," utshilo umakhulu.
Nathi sithe seva loo nto.
Kuphinde kwangabikho mntu uthethayo de loo makhulu wakhalaza ngokungancedwa ixesha elide befikile apho.
Uthe ugqirha kudala engene kwigumbi lokunyangela nenye intombazana.
Uvavanyo
Emva kwemizuzu embalwa kuphuma intombazana eselula, kwaza kwangena umakhulu nomzukulwana wakhe. Baphumile emva kwemizuzu eli-10 kwaza kwangena thina.
Indoda ebinxibe kakuhle ihempe enemikhono emide nebhulukhwe egreyi isingenise kwigumbi elihle lokunyangela.
Ngaphakathi bekukho izitulo ezithathu ezimnyama athe masihlale kuzo.
Ndithe ndim endize kuqhomf' isisu. Ndimxelele ukuba ndizivavanye ekhaya ukuba ndikhulelwe na.
Uvule idrowa wakhupha iikiti ezimbini zokuzivavanya. Undibuze ukuba ndisebenzise eyiphi" Ndakhomba leyo ndiyicinge kuqala.
Kuthe kanti ndikhethe eyona ifanelekileyo. Loo ndoda ebesiyazi ngoGqr. Issa inqwale ngentloko yakhi. "Olu vavanyo aluziphosi iziphumo," utshilo.
Uthe mandingakhathazeki kuba yonk' into iza kuhamba kakuhle.
Ixabiso
Umntu ebendihamba naye ubuze ukuba kuza kuba yimalini, wathi uGqr. Issa iza kubayi-R600.
Undibuzile umhlobo wam ukuba ndimxelele na umfana endincuma naye.
Ndithe ndimxelele qha sixabene kuba ugxeka mna ngokukhulelwa kwam.
UGqr. Issa ungqinile ukuba yimpazamo yam kuba ukuba ndandisebenzise ikhondom bendingenakukhulelwa.
Ndimbuze ukuba uza kunceda ngantoni okanye andiselise ntoni. Uthe uza kundinik' ipilisi ekufuneka ndiyiginye phambi kwakhe. Uthe ndiya kuhamba emva kwemizuzu engama-20 ndiyiginyile.
Ndithe ndiyoyika ndambuza nokuba ndiya kuva iintlungu na.
Uthe ndiza kuva iintlungu nje ezingephi ezifana naxa ndizoya exesheni. Uthe ndiza kuya kwigumbi langasese kodwa ndingothuswa ngamahlwili amnyama aphumayo.
Uthe akukho mntu uya kubona ukuba ndiqhomf' isisu, nkqu nabazali bam.
Sithe siza kuhamba size sibuye sakuba nemali.
U-Issa uthe wakuginya loo pilisi uyabuya emva kweentsuku ezimbini "uzococwa" simahla. Akatshongo ukuba wenziwa ntoni xa ucocwa.
Siphume sikhawuleza kweso sakhiwo sileqe emsebenzini.
Akukho mthethweni
Inkulu inkxalabo eviwa yintombazana yakufumana ukuba ikhulelwe.
Iqala ngokoyika ukuxelela abazali, ize ikhathazwe kukuba iza kuyifumana phi imali yokuqhomfa eso sisu.
Ibhinqa elineminyaka engama-22 elingafunanga silitsho igama lalo, lithe laqhomf' isisi kwimiminyaka emine edlulileyo lisafunda amabanga aphakamileyo.
Ithi yadandatheka emphefumlweni nangona yaya kugqirha wabucala. Yayicinga nokuba abantu baza kuthini ngayo.
"Eny' into eyayindixhalabisa kukuba ndandingazange ndimxelele nomfana endandincuma naye," itsho.
Okumangalisayo kukuba ithi xa ingakhulelwa ngoku ingaya kwiindawo ezingekho mthethweni, ayinakuya eMarie Stopes okanye kwisibhedlele sikarhulumente.
Athi akukho mntu angazi ukuba iqhomf' isisu kwindawo engekho mthethweni.
"Kuyingozi kona kodwa ndiyoyika kwaye andifuni mntu ungazi ukuba ndiqhomf' isisu."
Koku ke okwenza zande iindawo eziqhomf' isisu ngokungekho mthethweni nangona zikhona ezisemthethweni.
Le ngxaki ayikho eThekwini kuphela. Nyakenye ePitoli kubhaqwe iklinikhi eqhomf' izisu engekho mthethweni kufutshane nee-ofisi eziyintloko zeSebe lezeMpilo.
"Zininzi iindawo zokuqhomf' izisu ezivelayo eMzantsi Afrika. Le ngxaki iya ibambi kakhulu. Siyazama kona ukufundis' abantu ngeengozi zokukhuph' izisu okungekho mthethweni," utsho uJock Strachan osisithethi seMarie Stopes South Africa.
Kuyothusa
Kugqogqo olwenziwe eJohannesburg ngoJanuwari kubanjwe abaqhomfi bezisu abali-11 kuzenzele wesibhedlele.
Amapolisa ayephume iphulo lokucoca esusa iiphosta namaphetshana ancanyathiselweyo "oogqirha" abazibhengeza ukuba baqhomf' izisu.
Amagumbi esakhiwo esiseJohannesburg ayejikwe enziwa iindawo zoogqirha kwafunyanwa nezixhobo zonyango namayeza.
Inkoliso yabantu ababanjwa apho ngabase-Uganda naseMozambique.
Oko kuyagqinelana nophando esalwenza eThekwini kuba zonke iinombolo ezazikwiphosta yayizezabantu bamany' amazwe.
Ngaphezulu ezithathu kwiinombolo ezili-10 esazifowunelayo bathi abawuhoyi umthetho kuba baqhomfa nezisu esezineeveki ezingaphezulu kwama-20. Bathi bangasiqhomfa "ngokukhuselekileyo" isisu nasemva kweenyanga ezintandathu.
Xa ebuzwa ugqirha ukuba usiqhomfa njani, wathi uselisa umntu okhulelweyo iyeza waza akanaba.
"Kuyothusa ukuva umntu esithi usuka aselise umntu okhulelweyo into angayichaziyo" utshilo uJock Strachan wakwaMarie Stopes.
Uthe nangona amaxabiso abo ethe kratya kodwa bona bakunika inkonzo ekhuselekileyo ongayifumaniyo kwiindawo ezingeko mthethweni. [x]
BONA XHOSA - March 2008
u
t
BONA XHOSA - March 2008
Kuyothusa ukuva ukuba umntu okhulelweyo useliswa iyeza angalaziyo
