xhosa.47.children
Uphando lweBONA
Umntwana udlala eBonne Esperance Refugee Shelter. Iimbacu eziselula ezingenabani zinyamezele ubunzima obungenambaliso kuhambo lwabo besingise eMzantsi Afrika.
BAWELA imida batyandyathe imigama emide besingise eMzantsi Africa. Endleleni banyoba onogada bemida, bahlawule abakhaphi ukuze bababoniswe indlela enqumla amahlathi neentaba. Isininzi sikwiminyaka eli-14 kodwa bakhona nabaneminyaka esi-7. Abaninzi babaleka iimfazwe, indlala, neenkxwaleko zesifo sikagawulayo (iHIV/AIDS) baze bafike baxhatshazwe xa bekwazile ukungena kweli.
Kubo uMzantsi Afrika "lilizwe lobisi nobusi", kodwa bafika "baqeshwe", ngqesho leyo inxamnye nomthetho ochasa ukuqeshwa kwabantwana, baze bahlawulwe imali engaphantsi nakwi-R200 ngeveki.
Amantombazana axhatshazwa nangakumbi kuba ahendelwa ukuba abe ngamahenyukazi.
Aba bantwana abaziwa luluntu loMzansi Afrika kuba bambalwa abadibana noonontlalo-ntle, abaninzi abafundi kwaye abanye bayabanjwa babuyiselwe emazweni abo, nto leyo ingavumelaniyo nomthetho.
Ezi nkcukacha ngabantwana ababhacela eMzantsi Afrika besuka kumazwe aseAfrika zifunyenwe kuphando olwenziwa yiYunivesithi yaseWits isenzela umbutho waseUK ojongene nokuhlangula abantwana.
Olu phando lwenzelwe eRhawutini, eMusina (kumda waseZimbambwe), eMalelane naseKomatipoort (kumda waseMozambique).
Emva kodliwano-ndlebe nabantwana abali-130 ngokuqinisekileyo liyothusa inani labantwana abawela imida bebodwa.
Emva kodliwano-ndlebe kufumaniseke ukuba abantwana abaninzi basuka eZimbabwe naseMozambique. Abalinganiselwa kwi - 50% banyoba oonogada kanti i -80% ihlawula abakhaphi ukuze bababonise indlela eza eMzantsi africa.
Abafunyanwe eRhawutini basuka kumazwe afana neDemocratic Republic of Congo, eBurundi naseRwanda.
Le ngxelo izicacisa phandle iingxaki ezijongene abangenakuzikhusela
Ukothuka okumandla
Isiqingatha sabo sibuyiselwe emva ngokungekho emthethweni ngamapolisa kanti abalithelekelelwa kwi-25% babanjiwe baphinda bakhululwa.
Enye i-25% iphila ngokuthengisa esitalatweni, ize i-14% iziphilise ngokuqokelela iiplastiki neebhotile enkunkumeni izithengise.
Kulula ukufumana abantwana abaziimbacu abazizele ngokwabo kweli loMzintsi Afrika.
UMfundisi Geraldo Garacia waseKapa nongumlawuli weHouse Of Lawrence Home eWoodstock, uthi i-19 labantwana abaziimbacu abeza behamba bodwa kweli abaphakathi kweminyaka emi-5 ukuya kwi-14 bahlala kweli khaya labantwana.
Inkoliso yabo basuka eDRC, eRwanda naseAngola, kwaye baphantsi konyango lokuphazamiseka engqondweni kunye nomothuko ongamandla obangelwa ziziganeko ezibehleleyo.
Ikhaya leembacu eligcina abasetyhini nabantwana iBonne Esperance Refugee Shelter ePhilippi lingenise abantwana abane abazimbacu labanika ikhaya.
Udushe
Omnye wabo esiza kumbiza ngoAnna une-17 leminyaka usuka eKinshasa eDRC kunye nodadewabo oneminyaka emine.
Bahambe umgama omalunga neekhilomitha ezingama-3 000 ukuya eKapa emva kokuba abazali babo banyamalala emva kodushe lopolitiko kwiminyaka emibini.
U-Anna uye wancediswa yitoliki ukubalisa ibali lakhe kuba uthetha isiFrentshi. Uthe kwanyanzeleka asiyeke isikolo adlale indima yobuzali kudadewabo omncinci ngokuthengisa iimpahla ukuziphilisa.
Wathengisa iilekese esitratweni zalapho akuphelelwa yimali zaseKinshasa. Wabonwa ngumhlobo kanina waza wamnceda ukuba abalekele eMzantsi Afrika kunye nodadewabo nabantwana ababini oneminyaka esi-8 kunye ne14.
Lwaqala ke uhambo lweentsuku ezintathu behlohlwe kwinqwelo enkulu kunye nabanye abantwana. Abanye babo kwanyanzeleka ukuba bahlawulele uhambo ngesondo.
U-Anna uthi ngethamsanqa elabo iqela lasinda kuba umhlobo kanina wabalungiselela umphako nemali yokuhlawula kodwa abanye babangamaxhoba okulalwa ngamadoda amadala indlela yonke.
"Andisokuze ndilulibale olo hambo kwaye kuza kufuneka ndiphile nazo ezi ngcinga," utsho uAnna.
Babesingise eMzantsi Afrika kwilizwe abathi lelethemba.
Bakufika eRhawutini umhlobo kanina wabathengela nje amatikiti okuya eKapa ngololiwe wabashiya.
Bafika ekuqaleni kwenyanga kaOktoba eKapa. Kungekho mntu bamaziyo nokwazi ukuthetha ulwimi lwabo. Ngethamsanqa badibana nomfo waseCongo wabanceda wabasa kwikhaya leembacu iWynberg Refugee Centre baza batshintshelwa eBonne Esperance Shelter.
Balahliwe
Noxa zininzi iimbacu ezifudukela eMzantsi Afrika incinci kakhulu ingqwalasela kweli ngabantwana abeza bengahambi namntu umdala.
UJulia Zungu weSave The Children UK uthi iimbacu eziselula zifikela eRhawutini ubukhulu becala.
Eminye imizila esetyenziswa zimbacu yile, ngosuka eZimbabwe uye eRhawutini, osuka eMozambique uye KwaZulu-Natal naseLusuthu ukuya eFicksburg eFree State.
UKaajal Ramjathan-Keogh ongumququzeleli kwilizwe jikelele kwinkqubo ejongene neembhacu nabafuduki kumbutho wamagqwetha olwela amalungelo abantu uthi akukho nkqubo ilandelwayo ngokuphathelene nabantwana abafika behamba bodwa ababhacela kweli.
Noxa kungekho balo lwenziwayo ukuqonda inani lezi mbacu ngonyaka, uRamjathan-Keogh uthi le nyewe iseyingxaki.
UTal Schreier ongumcebisi weembacu ngomtheetho kwiyunivesithi yaseKapa uyavumelana noku.
Uthi ukungabikho kwemithetho "akwaziwa" ukuba bafanele bathiweni abantwana ababhacela kweli bebodwa.
Uthi abasebenzi kumasebe afana neSebe lezeNtlalo-ntle nelezaseKhaya abanalwazi kwaye abafumani ngqeqesho yokujongana nale meko kukwanjalo nakumaqoqo abucala akhusela abantwana.
"Sidibana neemeko apho onontlalo-ntle besala ukunceda abantwana ngelithi abangabo abemi boMzantsi Afrika," utsho.
Imiceli-mngeni
Nangona umthetho uvuma ukuba abantwana mabakhuseleke kuze abasweleyo bafumane uhoyo, kodwa awutsho ukuba mazithiweni iimbacu zabantwana bamazwe angaphandle.
Zize iimbacu ezi zifumane zeyele kwezo "ntanda zomthetho ongaphelelanga".
U-Adolphine Mulanga wasePhilippi okwiziko elilikhaya likaAnna, uyazi ngqo lengxaki.
Uthi kuyingxaki ukulungisa amaphepha ezi ntsizana kangangokuba bona kunzima ukufumana amalungelo alinganayo nabantwana boMzantsi Afrika.
Ukwathe kunzima nokubabhalisa ezikolweni bengenazo iimpepha.
U-Agnes Muller ongumanejala kwiSebe leNtlalo-ntle uthe asililo isebe eliyalela oonontlalontle ukuba bangabancedi aba bantwana, koko ngabathile abazenzela unothanda.
Uthi eli sebe likwiphulo lokwakha iinkqubo eziza kujongana nabantwana ababhaca bebodwa.
Kuchasene nomthetho kwaye kunyhasha amalungelo abantwana ukubanjwa kwabo kuba bengenazo iimpepha zokuwela imida. Ubongoze amapolisa ukuba aqhagamshelane noonotlalontle ngale meko. [x]
West Cape News
BONA XHOSA - January 2008
Abantwana abanga- hathalelwanga
kubhale uPETER LUHANGA kufote uNEIL BAYNES/WCN
Abantwana abaselula babalekela eMzantsi Afrika ngenxa yemfazwe nendlala - bafike baxhatshazwe endaweni yokunikwa uncedo
Amanani abonisa ukuba liyaxhalabisa inani labantwana abaziimbhacu ezingenabani kweli loMzantsi Afrika.
BONA XHOSA - January 2008
U-Adolphine Mulanga ukhathalela abantwana abaziimbhacu.
u
t
Abanye bonontlalo-ntle bayala ukunceda abantwana abaziimbacu kuba besithi abangabo abemi boMzantsi Afrika
BONA XHOSA - January 2008
Aba bantwana basuka eKinshasha baya eKapa. Ukulungisa iimpepha zabantwana abaziimbacu ezihamba zodwa kuyingxaki enkulu.
