XHOSA.464.muthi
kubhale uFORCE KHASHANE
NGEXESHA leKrismesi abantu bachith' imali eninzi kunesiqhelo. Xa uchith' imali yakho qiniseka ukuba uyichitha ngobulumko, ungayichithi ekuthengeni iimpuku. Kubhetele uyikrazule imali yakho uyilahle kunokuthenga ngayo iimpuku.
Okundenza ndithethe ngeempuku yileta endiyibhalelwe ngumfundi ophuma eyunivesithi nobephangela waza waphelelwa ngumsebenzi nehambisa ithi: "Ndicela undixelele ukuba iimpuku ezikuzisela imali ziyayenza ngenene na imilingo yokukuzisel' imali kuba ndiyazifuna!"
Ayixhalabisi kodwa into yokuva umfundi ophuma eyunivesithi ezimisele ukuzibandakanya nobuqhetseba obunje"
Ayinguye yedwa othabathekileyo kobu buqhetseba bokuthenjiswa ngeempuku ezikuzisel' imali.
"Ndinomdla wokutheng' iimpuku ezithengiswa kwiindawo ezithile eThekwini," ubhale watsho umfundi waseBhayi.
"Ngaba ezi mpuku zingakwenza isinhanha esingawothiyo umlilo""
Aba bafundi baza kufunda kwimpazamo eyenziwa ngomye umfundi.
Omnye umfundi wabhala wathi, "Ndandifun' imali ngamandla ndaza ndabona intengiso yegqirha eyayisithi lona liyabanceda abantu abaneengxaki zemali."
"Ndayiphendula loo ntengiso laza elo gqirha landiyalela ukuba ndithenge 'iimpuku zemali' ezimbini kuba xa inye ayisebenzi."
Iimpuku ezimbini zazixabisa i-R1 700. Wayizam' imali waza wahamba waya eMthatha apho lihlala khona igqirha.
Akufika apho waxelelwa ukuba igqirha liza kwenza amasiko athile ukuze zikwazi ukusebenza ezi mpuku.
Loo nto yayiza kumtyabula i-R5 000 ngaphezulu.
"Ndayiboleka kumama loo mali," kutsho eli bhinqa.
Nonina weli bhinqa waya kudibana neli gqirha.
Lamthembis' ukuba intombi yakhe iza kufuman' umvuzo ongayiwayo.
"Ndalihlawul' imali lathi siza kubonana ngengomso ukuze lindinike iimpuku.
"Landitsalel' umnxeba ngemini elandelayo lisithi izinyanya zalo azilinikanga imvume yokundinik' iimpuku nokwenz' umlingo ofanelekileyo."
Waba nesikrokro kodwa walinda apho eMthatha ukuba izinyanya zilikhulule igqirha lakhe.
Lanyamalala igqirha.
Wanyanzeleka ukuba abuyele ekhaya kuba ephelelwa yimali.
"Xa ndilitsalel' umnxeba ndandifika ivaliwe iselfowuni okanye lindihleke," kutsho lo mfundi.
"Xa likucacele ukuthetha nam laliba krwada kanobom."
Alikayibuyisi nangoku imali eyahlawulwa nguloo mfundi.
"Ndiyagula ngoku yaye ndidandathekile ngenxa yale nto ndiyenziwa leli gqirha.
"Akusehli nobuthongo kuba ndicinga ngale nto. Ixhala lam lelokuba eli gqirha lisaqhubeka nokuqhitsa abantu abaninzi," utshilo.
Lumkela iindlela ezikwenza isityebi ngokuphanyaza kweso.
Kwezi ndlela kudlalwa ngawe kuba ungoneli yaye ngelishwa ezi zinto sele zixhaphakile emagqirheni.
Kunjalonje izenzo ezinje zingcolisa igama lamagqirha onke.
Ngaphaya koko ndiyaqonda ukuba la magqirha athi angakunika iimpuku eziza kukuzisel' imali akanalwazi ngokunyanga abantu.
Uninzi lwawo ngamagqirha obuxoki kodwa kuba besithi bangamagqirha bangcolisa igama lamagqirha okwenene.
Nditsho nokuba kuthiwa uyixakekele kangakanani na imali okanye xa ufuna ukwandis' imali yakho oyifumene xa uphelelwa ngumsebenzi, eyebhonasi okanye eyomhlala-phantsi, ungaze ucinge ukuzibandakanya nezi ndlela zobumnyama.
Uza kuqhitswa usale ungenayo nepeni emdaka!
Ungavumeli ukuqhathwa! [x]
26 BONA XHOSA - December 2006
Sithetha ngamayeza esintu
Lumkel' iimpuku zemali
Bhalela uForce ngemibuzo yakho ngamayeza esintu kule dilesi:
Talking Muthi, Box 473014, Parklands, 2121 okanye uthumele i-e-mail ku-forcek@caxton.co.za
