xhosa.1231.health_2
Ezempilo
Uncedo!
Ndinganceda njani"
Ukwindawo ekwehle kuyo ingozi yesithuthuthu. Ungawususa umnqwazi womqhubi wesithuthuthu owonzakeleyo"
"Ungawususi umnqwazi ukuthintela ukonzakala komqala ngaphandle kokuba kuyimfuneko - xa ehlanza, onzakele kakubi entloko okanye umvala angaphefumli kakuhle," kucebisa uLinda Buys ongumbhali wencwadi ethi First Aid For The South African Home, Office And Outdoors (Struik, R99,95). "Umqhubi owonzakeleyo kufuneka ibe nguye owususayo umnqwazi kodwa xa engakwazi ukuzikhulula kufuneka umntu oza kuxhas' umqala wakhe lo gama omnye eza kuba emkhulula umnqwazi."
BONA XHOSA - August 2006
YOMELELA NGOKUDANISA
INYANISO:
Ukuxhawulana kusasaza iintsholongwane ngokuphindwe kasixhenxe kunokuthimla.
Zigcine uphilile ngamacebiso kaPatricia McCracken
UNGAYIKHOLWA OKANYE UNGAYIKHOLWA LE... Zithi iingcali guqul' indlela ozibona ngayo izinto uphelise noxinzelelo. Zithi uku-ayina yindlela yokwelapha uxinzelelo kuba xa usolula ukushwabana kwempahla nge-ayini nengqondo yakho iye icinge ngqalileyo. Ayina uxinzelelo luphele...
Isipho esihle!
"Masingalindi ihlabathi lenze umahluko - mawube kuthi umahluko," le yintetho ecatshulwe kwiOrgan Donor Foundation kuba abantu abasebenza kule ndawo babona abantu abagula kakhulu abalinde ukufakelwa amalungu omzimba.
Ngelishwa kubantu abalinde ukunikelelwa amalungu sisithathu kuphela esiwafumanayo kuba anqongophele amalungu anikelwayo.
Kwanezihlunu zolusu nezamathambo zinqongophele.
Mhlawumbi unesalamane esele silandulele eli esasinikela ngamalungu omzimba kwabany' abantu - nawe ungathath' isigqibo sokwenz' umahluko ngokutyikitya ukuba nawe uza kunikela ngamalungu omzimba.
'
INYANISO:
UYAKHUMBULA Indlela abehla ngayo emzimbeni nabomelela ngayo uFlorence Masebe noZwai Bala kwiStrictly Come Dancing eyayikuSABC 2"
UGqr Howard Lewine weHarvard Medical School owathi xa ebala wafumanisa ukuba ukudanisa okukhawulezayo kuhlis' umzimba ngeekilojoules ezili-1 600 ngeyure, ucebise ngelithi mababe ngumzekelo kuthi!
Ngolwazi oluthe vetshe tsalela lo mnxeba wasimahla 0800-22-66-11.
Intloko yomntu inobunzima obuyi-3.6 yeekhilogram.
iifoto zezakwaGREAT STOCK!
Phucula
ukuncancisa
Uninzi loomama luxhalatyiswe kukungabi nalo ubisi olwaneleyo lokuncancis' iintsana zabo, kutsho umcebisi wesondlo uPriya Lalla weSA Sugar Association - ngoko banik' iintsana zabo okuny' ukutya neziselo kwiinyanga zazo zokuqala ukuzama ukonelis' iintsana zabo.
Loo nto yenza ukuba lunciphe kakhulu ubisi ngenxa yokokuba iintsana zincanca kancinci xa zisitya okuny' ukutya.
Nkqu nokuluncancis' idami usana lwakho kulwenza lungancanci.
Kodwa xa uluncancis' ibele usana lwakho uba nobisi oluninzi.
Khumbula ukuba iWorld Health Organisation neUnited Nations Children's Fund zivuma ngazwinye ukuba iintsana mazincanciswe ibele de zibe neenyanga ezintandathu kuba libalulekile kwimpilo yazo.
Ikofu iyabhidisa
Xa amadoda esel' ikofu phambi kokutya akutya kancinane ukutya kwawo, ngokutsho kweengcali zophando zaseCanada. Ngelishwa ke akwenzeki ngolo hlobo kumabhinqa. [x]
BONA - August 2005
