xhosa.454.health
Yazi imeko yakho
Ukufunyanwa ukuba unesifo seswekile kwamothusa gqitha uNtombi kwiGenerations, kodwa waba nethamsanqa kukukhawuleza asibone kunoninzi lwabantu abasibona kuba besiwa - baze bachith' ixesha elininzi bezama ukwakha ngokutsha impilo yabo.
Yiya kwagqirha okanye eklinikhi uyovavanywa ukuba akunayo na iswekile xa unezinye zezi mpawu:
o Usoloko unxanwa - uba sosela amanzi kodwa unxano alupheli.
o Usoloko uziva udiniwe.
o Unciphile emzimbeni.
o Ulusu lwakho luyarhawuzela.
o Awuboni kakuhle.
o Xa usikwe yinto kuthabatha ithuba ukuba uphole.
o Izandla neenyawo zakho zindim-ndim.
BONA XHOSA - November 2005
Ezempilo
Phila nesifo seswekile
Bamalunga nezigidi ezithathu abantu abanesifo seswekile eMzantsi Afrika yaye emnye kubo uba nezilonda ezinyaweni, nto leyo yenza angakwazi ukwenza eziny' izinto, njengokuvuk' ebhedini, ukunxiba nokunyuka ezitepsini. Kodwa iindab' ezimnandi zezokuba kukho imveliso epholisa izilonda. Iyafumaneka phantse kuzo zonk' iindawo yaye yamkelwa ziimedical aids.
INYANISO:
Imithambo yegazi emzimbeni iziikhilomitha eziyi-128 000 ubude
GREAT STOCK!
Ukucula kunced' intliziyo!
Ungavumeli abantwan' abacul' ikwaito nabacula kwikwayala yecawe bancedakale bodwa - phelisa uxinzelelo lwentliziyo namany' amalungu omzimba ngokucula, itsho ingcali yempilo noxinzelelo lwengqondo kweli uGqr. Arien van der Merwe.
"Ukucula kuphelisa uxinzelelo lwengqondo nenkxalabo, ngoko cula xa kukho into ethi cula - nokuba usemotweni, ukwigumbi lokuhlamba, nasekhaya. Ungacula ukhwaze okanye uculele phantsi okanye uculele ngaphakathi xa uthanda. Ungade udanise nokudanisa ukuze uphelise uxinzelelo lwengqondo!"
Zigcin'usempilweni ngamacebiso kaPatricia McCracken
INYANISO:
Vuselela amandla akho!
Ngaba uziva uphelelwa ngamandla njengokuba uphela unyaka" Zivuselele ngombala o-orenji, zitsho iingcali zengqondo ezinyanga ngemibala. Zithi umbala o-orenji ukwenza ube nethemba, udlamke yaye wonwabe - ngoko nawe buyisa ezo zinto ebomini bakho!
Khetha nantoni na ukususela kwintyatyambo, iskipha, okanye isibani esi-orenji kwigumbi lakho.
Xa usitya i-orenji okanye usel' iglasi yejusi ye-orenji, unik' umzimba wakho uVitamin C owomeleza amajoni omzimba uphelisa nokudinwa.
Amadoda namabhinqa asesichengeni sesifo sentliziyo aba neendlebe ezijinga kakhulu kuneziqhelekileyo.[x]
