Xhosa.451.yourcelebs_10qs
IMIBUZO KA-
Dosto Noge
1. Uke washiya kumabona-kude okwethutyana - ubuphi"
Bendisenza eyona nto ndiyitha-ndayo! Ndiyititshala kaloku bendititsha nangexa bendikwi-TV. Kodwa ke ngoku ndingumhlohli kwizifundo zezorhwebo.
2. Eyona nto imbi yakhe yakwehlela emsebenzini..."
Ndafumanisa ukuba ugxa wam omhlophe urhola imali eyiphinda kali-10 eyam kodwa senza umsebenzi omnye. Kwakungathi umsebenzi esasiwenza ngeelwimi zethu awuthathelwa ngqalelo kuba abaphathi bethu bengazazi iilwimi zethu.
3. Yintoni eyona uyinqwenelayo ngalo mzuzu"
Ndifuna ukuvula i-ofisi eza kunceda abathengi ngaphandle kwentlawulo.
4. Yeyiphi eyona nto imbi eyakhe yakwehlela njengomthengi"
Ucalulo ngokwebala - nokuba ndithenga izinto zosapho lwam okanye ndingena kwindawo yoshishino ndihamba neqela lam lemidaka lakumabona- kude. Kubuhlungu, kuba sinemiqulu ebhalwe amalungelo ethu kwaye siyathetha ngawo - kodwa akukho mntu uzihluphayo ngawo.
5. Yintoni eyona nto uyikhumbulayo ngesikolo"
Ukuqala kwam ukulinganisa eKeagile Higher Primary ePotch.
6. Oyena mntu ubalulekileyo ebomini bakho..."
Usapho lwam - sinoonyana ababini, omnye unama-20 omnye une-10 leminyaka, nentombi ene-12. Ngo-Okthobha mna nowakwam siza kube sigqiba iminyaka eli-15 sitshatile.
7. Wahluke njani xa usekhaya kunaxa sikubona kwi-TV"
Akukho mehluko ndingumntu nje oqhelekileyo. Nangoku ndizichebela ingca. Kwaye ndim ophekayo ekhaya ixesha elininzi.
8. Ingaba ukhe ucinge ngokuthatha isithembu"
Nakanye! Andiyiyo le ndoda ingaluvumeliyo utshintsho.
9. Yintoni ehlekisayo eyakhe yenziwa ngumntwana wakho"
Ndikhumbula kakuhle xa intombi yam yayineminyaka emithathu okanye emine: Ndafika imi phambi kwesipili iphethe ilipstikhi kanina - phofu ke ingayiqabi kuyo emilebeni yayo kodwa iyiqaba kumfanekiso wayo osesipilini!
10. Uthanda ukuyichitha njani impela-veki yakho"
NgoMgqibelo unyana wam omncinci uyandincedisa egadini. Xa sipholile, sidlala iMonopoly okanye iScrabble - size ke sibukele umdlalo webhola! NdiliKhosi elingagungqiyo! [x]
INCOKO NENDWALUTHO
LE NDWALUTHO YE-Tv ITHETHA NGOKWENZA ITHI AYISOKUZE ISITSHATE ISITHEMBU NANGAMAVA AYO OKUBA NGUMTHENGI
