xhosa.449.judith
kubhale uREBECCA KAHN
Sincokole noJudith Sephuma
Uyazingca ngeengcambu zakhe
IMVUMIKAZI yejazz yaseMzantsi Afrika uJudith Sephuma uzuze iimbasa eziliqela emculweni kwaye utyelele waza wacula kumazwe ngamazwe ehlabathi kodwa uthi iLimpopo nembonakalo yomhlaba wayo uyayithanda.
"Sityebile kweli lizwe kwaye asiyazi thina loo nto. ILimpopo intle, iluhlaza yaka kwaye izolile. Ndazinik' ixesha elaneleyo lokuyihlola kwaye ndiyazi ukuba iza kuveza iziqhamo emculweni wam loo nto," utshilo.
Utyelele eMagoebaskloof nomyeni wakhe kutshanje kwaye uvuselele iinkumbulo zotyelelo losapho kule ndawo esengumntwana.
"Umakazi wam nomyeni wakhe babesizisa kule ndawo qho ngonyaka. Xa ndifika ngoku sele iphucuke kakhulu kunakuqala."
UJudith ubona yonk' into njengento aza kucula ngayo.
"Andiyenzi injengoko injalo xa ndicula ngayo into kuba akufuneki abantu baqonde ukuba ucula ngabo. Nantoni na endiyixelelwayo, endiyibonayo okanye endiyivayo mihla le iyandifundisa.
"Naphina apho ndihamba khona ndisoloko ndicula.
"Ndicinga ngesiPedi, ndibhala ngesiPedi kwaye kufanele ndenze njalo ukuze ndiphumelele," utshilo.
Ufike kudliwano-ndlebe lwethu enxibe ijin netophu entle, engathambisanga imake-up neenwele zakhe eziphothiweyo zingabotshwanga.
Ulibhinqa elifudumeleyo, elinobubele nelithetha kamnandi ngeemini zalo zobuntwana kwaye usoloko ethetha ngabantwana bakhe.
Usapho
Uthi iingoma zakhe aziqambileyo uzivavanya ebantwaneni bakhe.
"Kufuneka ziculeke iingoma. Xa abantwana bam bekwazi ukuzicula ndiye ndiqonde ukuba zilungile. Ndibadlalela ezi ngoma xa sisemotweni baze bathi xa kukho ingoma abangayithandiyo, 'Hayi Mama, ayizuthengwa mntu ke leyo.'"
Usandul' ukutyandwa enyaweni ngoko uyaqhwalela.
"Ugqirha uthe ndizakuphola msinyane. Ndaziva iintlungu zokubeleka ngoko ezi aziyonto," utshilo ephakamis' unyawo ukuze alubeke esitulweni luphumle.
UJudith wafudukela eJohannesburg ngo-1992 kodwa utyelela kowabo ePolokwane nanini na xa efuman' ithuba.
Unabantwana abane, omncinci uneenyanga ezine, omdala sele ekwishumi elivisayo. Bazama kangangoko banako nomyeni wakhe ongumfoti uSiphiwe Mhlabi ukuchith' ixesha nabantwana babo kodwa ngathi umncedisi uyafuneka.
Ukudlala
UJudith wazalelwa eVenda, usapho lwakhe lwafudukela ePolokwane esengumntwana. "Into endisayikhumbula ngeemini zam zobuntwana kukudlala. Ndandidlala noodadewethu nabantakwethu nabany' abantwana. Sasidlala ibhol' ekhatywayo nomdlalo wamatye nebhola.
"Usakhumbula indlela ekwakunothuli ngayo. Esikolweni sasikhuphisana ngeempahla ezi-ayinwe kakuhle nezihlangu ezimenyezelayo kodwa ekugqibeleni zixwebe ngenxa yothuli."
UJudith uthi esengumntwana wayengengomntu uthanda ukwenz' izinto ezinodelo-ngozi.
"Ndandingavunyelwa ukubukela iTV kwaye amaxesha amaninzi yayingenabhetri. Sasiphulaphula unomathotholo.
"Ndandisazi isiVenda kuba ndandizalelwe khona ngoko sinomama sasishicilela iingoma zeRadio Venda."
Ingaba amava awafumana apho amvulela indlela yokuba yimvumikazi"
"Hayi. Ndangena emculweni ndisakufika eJoburg. Kaloku ePolokwane umculo wawungathatyathwa njengento ongayifunda uze uziphilise ngayo. Sasiwuva kunomathotholo kuphela kwaye kwakungekho ndawo apho ufundelwa khona."
UJudith uyazingca ngeengcambu zakhe kodwa zikho izinto angazithandiyo ezenzekayo ePolokwane. "Kusekho abantu abangafuni kutshintsha nabafuna izinto zenzeke njengoko zazisenzeka kwiminyaka engama-20 eyadlulayo. Iyandicaphukisa loo nto," utshilo.
Ambalwa okanye awekho amathuba eemvumi ezisakhasayo.
"Into eyothusayo ke kukuba xa ufika eJozi udibana nabantu abakwishishini lomculo abankaba yabo iseLimpopo. Italente ikho yona koko amathuba ambalwa.
"Bendingasoze ndibe yile nto ndiyiyo ngaphandle kweengcambu zam. Abanye abantu bayijongela phantsi iLimpopo."
"Kukho abantu endibaziyo baseLimpopo othi xa ubabuza imvelaphi yabo bathi ngabaseKapa.
"Angandibetha umama xa enokundiva ndiziphika iingcambu zam." [x]
Homegrown/AENS
Utyelele amazwe ngamazwe ehlabathi kodwa iinduli nohlaza lwendawo azalelwa kuyo lumnika inkuthazo...
3RD PAGE O/FLOW HEAD (IF NECESSARY):
