xhosa.444.yourlifestyle_health
Ikholera
Eyona ndlela esebenzayo yokunyang' ikholera kukuthintel' ukuphelelwa komzimba ngamanzi nangokubuyisela amanzi alahlekileyo ngomxube wamanzi anjavu-njavu ongazenzela wona ekhaya.
Galel' iitispuni ezisi-8 zeswekile nesiqingatha setispuni yetyuwa kwilitha yamanzi abilisiweyo uze uzamise.
Abantu abadala bangawusela kaninzi ngokokuthanda kwabo lo mxube, kodwa mabaqinisekise ukuba basel' iikomityi ezimbini rhoqo emva kokuya ngasese.
Abantwana neentsana zingawusela lo mxube (usana luselise isiqingatha sekomityi rhoqo emva kokuba luye ngasese). Nangona kunjalo, kubalulekile ukusa abantwana neentsana kwagqirha okanye esibhedlele xa behlaselwe sisifo esiyingozi.
1 IYINTONI? Ikholera sisifo sotyatyazo esiyingozi nesibulalayo. Esi sifo sikosulela ngokusel' amanzi amdaka anelindle nomchamo womntu. Ingakosulel' ikholera naxa utye iziqhamo okanye imifuno ehlanjwe emanzini anentsholongwane yayo.
2 WAZI NJANI UKUBA UNAYO? Uqala ngokuhambisa, emva koko uqalise ukuhlanza, uze ulahlekelwe ngamanzi emzimbeni.
Esi sifo sibahlasela ngamandla ngokukhawuleza abantwana abancinane neentsana, nabantu abalupheleyo nabagulayo okanye abangondlekanga.
3 YINTONI EYENZA IKHOLERA "IBESISIFO ESIYINGOZI"? Xa inganyangwa, utyatyazo nokuhlanza kukwenza uphelelwe ngamanz' emzimbeni. Oko kwenza umzimba ulahlekelwe zizinto ezibalulekileyo njengamanzi, iswekile netyuwa. Ingakubulala ikholera ngokukhawuleza.
4 INYANGWA NJANI?
Unyango luxhomekeka ekubeni sikuhlasele kangakanani esi sifo. Xa singakuhlaselanga ngamandla ungabuyisela amanzi alahleka emzimbeni ngokusel' umxube wamanzi ongazenzela wona (jonga ibhokisi) okanye uwuthenge ekhemesti.
Abantu abaphelelwe kakhulu ngamanzi emzimbeni mabasiwe eklinikhi ngokukhawuleza.
Baselise amanzi agalelwe iswekile netyuwa endleleni eya eklinikhi de bafakwe idriphu eklinikhi.
Ungazami ukugabha kuba oko
kuya kuyenza mandundu imeko yakho, lilumkisa ngelo iSebe lezeMpilo.
Ungaziseli neziselo ezihlwahlwazayo njengeCoke.
5 UNGAYIPHEPHA NJANI IKHOLERA? Xa uhlala kwindawo ehlaselwe ngamandla yikholera, makhulu amathuba okuba amanzi
aloo ndawo abenentsholongwane yayo. Oko kubangelwa bubuninzi babantu nokungabikho kogutyulo olululo lwelindle.
Xa ungasenako ukuthintel' ikholera, unako ukukhusel' usapho lwakowenu ngokuba lungasondeli emilanjeni nasemanzini amdaka. Okona kubalulekileyo kukuba uqinisekise ukuba usebenzisa amanzi acocekileyo okanye acociweyo.
6 INDLELA YOKUCOCA AMANZI AKHO
Wabilise amanzi okanye uwagalele iblitshi enjengeJik.
Galel' isiqingatha setispuni yeblitshi kwilitha yamanzi, uwayeke imizuzu engama-30 ngaphambi kokuwasebenzisa.
Xa emaninzi, galel' itispuni yeblitshi kwiilitha ezingama-25 zamanzi, uwazamise uze uwayeke iiyure ezimbini ebuncinaneni ngaphambi kokuwasebenzisa. (Qinisekisa ukuba i-emele enamanzi icocekile nokuba ayikhange igalele amachiza neziny' izinto eziyityhefu.)
Khumbula: zonk' iziqhamo
nemifuno mayihlanjwe ngamanzi "acocekileyo" ngaphambi kokuba ityiwe. [x]
Umbhali: Tania Sandberg
IMPILO YAKHO
ZENZEL' ELAKH' IYEZA
Izinto ezintandathu omele uzazi ngesifo sotyatyazo esiyingozi
