XHOSA.439.legal
BONA XHOSA - December 2005
Iingxaki Zomthetho
Ukutheng' imoto neengxaki zayo
Ndatheng' imoto egaraji ndahamba ngayo iiveki ezimbini yafa. Ndafowunela umthengisi wayo egaraji ndamxelela ukuba imoto ifile. Ndambuza ukuba uza kuyilungisa njani na. Wasuka wandihleka wandixelela ukuba le moto ndiyithenge neengxaki zayo ngoko ke uxanduva lokuyilungisa lolwam.
Ndaya kuye ndiye kumcela ukuba ayithathele kuye le moto andibuyisel' imali yam. Wala ukuyithatha imoto nokundibuyisel' imali yam.
Ndithini"
nguJJ, eHumansdorp
Amaxa amaninzi xa abantu bethengiselana iimpahla, umthengisi unyanzelekile ukuba anike umthengi isiqinisekiso sokuba iimpahla ezo zithengiswayo azinangxaki zingaxelwanga.
Esi siqinisekiso akufuneki sichazwe okanye sixelwe kuba kunyanzelekile ukuba sifunyanwe ngumthengi ngokomthetho waseMzantsi Afrika.
Kodwa xa imithetho nemigwaqo yesivumelwano sentengo avumelene ngaso umthengi nomthengisi sichaza ukuba imoto ithengwe neengxaki zayo, esi siqinisekiso asifumaneki.
"Ukutheng' imoto neengxaki zayo kuthetha ukuthi uyithenga injengoko injalo - uyithenga ikwimo ofike ikuyo yaye akukho siqinisekiso usifumanayo xa uyithenge ngolu hlobo.
Phantsi kwale meko ke umthengi wemoto uyibuyisa imoto aze afune imali yakhe kumthengisi kuphela xa imoto ingawenzi umsebenzi ayifunele wona naxa umthengisi eyithengise ihleli ineengxaki waza wazifihla ngabom kumthengi.
Kwimo ekumila kunje, ingxaki yemoto efihlwayo ngumthengi yinto eyonakeleyo apho emotweni ayaziyo umthengisi kodwa ayifihle kumthengi.
Ngoku into ekufuneka uyenze kukuya egaraji uye kufuna ingxelo ebhaliweyo enoluhlu lweengxaki ezisemotweni leyo uyithengileyo kwakunye namaxabiso okuzilungisa ezo ngxaki.
Umntu oza kukubhalela le ngxelo uza kuba lingqina etyaleni oza kube umangalele kulo umthengisi yaye nawe uza kunika obakho ubungqina.
Xa imoto uyithengiselwe ingakulungelanga ukuhamba endleleni okanye ingenayo ilayisensi, loo nto iza kukunceda enkundleni ibe bubungqina bokuba umthengisi ukuthengisele ezazi iingxaki zemoto kodwa wakufihlela.
Xa ukwazi ukuza nobungqina obuza kubonisa ukuba ngenene uzifihlelwe iingxaki zemoto ngaphambi kokuba uyithenge uza kuyibuyiselwa imali yakho oyithenge ngayo.
Xa ugqiba ekubeni uyilungise imoto leyo uze uqhubeke nokuyisebenzisa, ungenza ibango lemali yokuyilungisa imoto.
Eli tyala ayililo ityala ongalilwa uzimele ngenkqayi elangeni koko uza kufuna uncedo lwegqwetha ukuze uliphumelele. [x]
Niziphathelwe yiBONA nabeScorpion Legal Protection
Sizamile ukuqinisekisa ukuba iingcebiso esikunika zona zifanelekile. Kodwa ke imeko yengxaki nganye ifuna ukuphandisiswa. AbakwaScorpion Legal Protection (Pty) Ltd, amalungu eengcali ezicebisayo, iBONA nabashicileli bale magazini abanakubekwa tyala nguye nabani na osebenzisa ezi ngcebiso.
Thumel' ingxaki yakho kule dilesi: BONA Legally Yours, Box 32083, Mobeni 4060. AbakwaScorpion baza kunika wonk' umntu ofake isikhalazo sakhe ivawutsha yemizuzu engama-30 yokuncokola negqwetha e-ofisini yabo naphi na kweli okanye ngomnxeba.
