xhosa.410.yourfamily_pregnancy
Yazi imini yakho yomlingo
Indlela yokubala imini othathe ngayo isisu
AMAXESHA amaninzi xa amabhinqa efumanisa ukuba akhulelwe afuna ukwazi ngqo usuku asithathe ngalo isisu. Zininzi izizathu ezingenza ukuba umntu afune ukulwazi olu suku: usenokuba ufuna ukwazi imini yokubeleka, okanye ufuna umhla esifike ngawo isipho sakhe sovuyo. Ukuba ulele namadoda ohlukeneyo ukulwazi usuku lokukhulelwa kungakunceda umazi uyise womntwana.
UGqr. Molebatsi Molefe, ongugqirha wezifo zamabhinqa, uthi ngaphandle kokuba ukhulelwe ngohlobo olukhethekileyo olufana nokufakwa imbewu yobudoda ngomatshini (artificial insemination), awunako ukulwazi ngqo usuku lokuhlala kwesisu sakho.
Oogqirha banako ukucingela ukuba ukhulelwe ngowuphi umhla ngokujonga ukuba singakanani isisu sakho besebenzisa uvavanyo lwegazi, nesipopoli i-ultrasound, nangokwazi usuku lwakho lokuqala emva kokuya exesheni okanye umhla ocingela ukuba ubuza kuqala ngawo uze ke ubale ukusuka apho ubuye umva uye kumhla esihlale ngawo isisu sakho.
INDLELA YOKUBALA
Usenokuba ucinga ukuba umhla wokukhulelwa kwakho lusuku olunye nolo lwendibano yesondo. Kusenokuba kunjalo, kodwa usenokukhulelwa emva kweentsuku ezintathu emva kwendibano yesondo kuba imbewu yobudoda iyakwazi ukuphila emzimbeni webhinqa iintsuku ezintathu, kuxhomekeke nasekubeni alunga nini amaqanda akho.
Ukhulelwa xa sele elungile.
Kumabhinqa amaninzi kunzima ukwazi ukuba amaqanda alunga nini kodwa ungacingela ngokujonga ubude bexesha lakho lokuya exesheni. Ukuba uya exesheni rhoqo emva kweentsuku ezingama-28, amaqanda adla ngokulunga emva kweentsuku ezili-14 ukuya kuma-21 emva kokuhlamba.
Umzekelo, ukuba usuku lwakho lokuqala emva kokuya exesheni belungomhla we-15 ku-Oktobha, amel' ukuba alunge amaqanda akho (ngoko maninzi amathuba okuba ukhulelwe) ukusukela ngomhla wama-29 ku-Oktobha ukuya kowesi-5 kuNovemba. Olu luqikelelo lwaxa usiya exesheni emva kweentsuku ezingama-28.
Ukuba uya exesheni ngamaxesha angafaniyo kunzima ukuqikelela. Xa usiya emva kweentsuku ezingaphezulu kwama-28, thatha i-14 wongeze usuku ngalunye olungaphezulu kuma-28.
Kubalulekile ukuya kwi-ultrasound xa usandula kukhulelwa ukuze ugqirha wakho abale ubudala bomntwana wakho. Ii-ultrasounds ziya kwazi ukubona ukuba ukhulelwe ixesha elingakanani ngokuchanileyo kusekutsha kangangeeveki ezintlanu, ngolo hlobo ke ukwazi ukuqikelela usuku okhulelwe ngalo. Zikunceda ngakumbi xa ungumntu ongayigciniyo imihla yokuya exesheni okanye ukhulelwe ungazimiselanga.
Phawula usuku lwakho lokuqala lokuya exesheni kwikhalenda yakho. Yenza le nto rhoqo ngenyanga ukuze wazi ukuba uya exesheni emva kwexesha elingakanani.
Umbhali: Kamogelo Sebola
UMZEKELO
Ukuba uya exesheni rhoqo emva kweentsuku ezingama-29, yongeza usuku kwi-14, okuthetha ukuba maninzi amathuba okukhulelwa kwiintsuku ezili-15 emva kokuhlamba.
Xa usiya exesheni emva kweentsuku ezingama-30, amaqanda akho alunga emva kweentsuku ezili-16 emva kokuhlamba.
Xa usiya exesheni emva kweentsuku ezingama-35, amaqanda alunga emva kweentsuku ezingama-21 emva kokuhlamba.
Xa usiya exesheni emva kweentsuku zakho zingaphantsi kwama-28, thatha i-14 uthabathe usuku ngalunye olunciphileyo.
Xa usiya emva kweentsuku ezingama-24, amaqanda alunga emva kweentsuku ezili-10 emva kokuhlamba.
Xa usiya emva kweentsuku ezingama-26, amaqanda alunga kwiintsuku ezili-12 emva kokuhlamba.
UKUKHULELWA KWAKHO
Eny' indlela yokuqikelela ukuba ukhulelwe nini kukwazi usuku oza kubeleka ngalo oluqikelelwa ngugqirha. Indlela ongenza ngayo;
Yongeza iinyanga ezintathu kusuku lwakho lokubeleka. Umzekelo, ubeleka ngowoku-1 kuNovemba 2009 yongeza iinyanga ezi-3, utsho ufike kowoku-1 kuFebruwari 2010.
Thabatha iintsuku ezisixhenxe kumhla woku-1 kuFebruwari utsho ufike kumhla wama-24 kuJanuwari. Olu lusuku ekuqikelelwa ukuba ubugqibela ukuhlamba ngalo.
Maninzi amathuba okuba sihlale isisu kwiintsuku ezili-14 ukuya kuma-21 emva kosuku lokugqibela usexesheni. Ngoko ke thatha umhla wama-24 wongeze iintsuku ezili-14. Utsho ufike kumhla wesi-7. Yongeza ezinye iintsuku ezisixhenxe utsho ufike kumhla we-14 Februwari 2009
Oku kuthetha ukuba ukhulelwe phakathi komhla wesi-7 ukuya kowe-14 kuFebruwari 2009
