XHOSA.382.muthi
kubhale uFORCE KHASHANE
KWINYANGA ephelileyo sithethe ngokuba iziqalekiso azisoloko zisuka kwizinyanya zethu. Ukungaziphathi kakuhle "izinyanya zethu zisaphila" - izalamane zethu zegazi ezisaphilayo zinako ukusenzela amashwa.
Ndiphinde ndachaza indlela isithethe sethu esikhuthaza ngayo ukuba sihloniphe abazali nabantu abadala. Ukungabahloniphi kungakwenzel' amashwa.
Konke oku kuthe qatha engqondweni yam emva kweleta endiyibhalelwe ngomnye umhlolokazi kutshanje.
Kule leta undixelela ukuba unenkolelo yokuba abantu basemzini wakhe bamqalekisile noonyana bakhe kuba wala ukungenwa ngomnye wabaninawa bendoda.
Uthi uyisezala usoloko emxelela ukuba atshate nonyana wakhe omncinane. Uthi akayithandi into eyenziwa nguyisezala kwaye akasazimiselanga kumphulaphula.
Utatazala nezalamane zifuna angenwe ngumntu wosapho ukuze ilifa elashiywa ngumyeni wakhe lingadliwa ngumntu wangaphandle.
Ngokutsho kwalo mhlolokazi, umyeni wakhe wayesesikhundleni esiphakamileyo kwinkampani owayesebenze ngaphezulu kweminyaka engama-20 kuyo.
Oko kwenza bafumana imali entle kuloo nkampani.
Uthi emva kokuba alile ukungenwa ngumninawa wendoda yakhe, usapho lwasemzini lwaxhel' igusha emnyama lwamqalekisa kunye noonyana bakhe ababini.
Ekuqaleni zaba ngathi iziqalekiso azisebenzi. Enye imali eyashiywa ngumyeni yafundisa oonyana bakhe kwaye baphumelela ezifundweni zabo.
Izinto zonakele emva kokuba oonyana bakhe bepase eyunivesithi baza bafuman' imisebenzi emihle.
Bobabini baphelelwa yimisebenzi ngenxa yokunxila.
"Babesela nje kancinane kodwa banxile bangazazi namagama abo," utsho unina.
Ukugxothw' emsebenzini kwabenza bazibona bengento baza banxila nangakumbi.
Nangona kunjalo lo mama angabafumanela uncedo oonyana bakhe.
Likho iyeza lesintu lokunceda umntu olinxila - kodwa nalo limnceda xa naye evuma ukuba unengxaki.
Ixolo lomvezu liyanceda ekwenzeni ungaburhaleli utywala. Umvezu ufumaneka kwiPhondo laseLimpopo yaye ixolo lawo likhupha igwebu elininzi xa lifakwe emanzini.
Ngaba ugabha ngalo, liyakucoca ngaphakathi.
Kufuneka ugalele amacephe amahlanu exolo eligutyiweyo lomvezu kwiilitha ezintlanu zamanzi afudumeleyo.
Lizamise iyeza elo imizuzu eli- 15 uze ugalele isiqingatha seglasi yebhiya.
Eli yeza kufuneka ugabhe ngalo kanye ngeveki iinyanga ezintandathu.
Kufuneka uyinciphise ibhiya oyigalela kweli yeza qho ngeveki de ugqibele ugabha ngomvezu wodwa.
Kubalulekile ukuba lenziwe linxila ngokwalo eli yeza ukuze lijiye kwaye lisebenze kakuhle. [x]
38 BONA XHOSA - February 2006
Okwenza umbala omnyama "ukhuseleke"
Abantu abathakathayo basebenzis' izilwanyana ukwenz' imikhuba yabo - kodwa sifanele singalumkeli izilwanyana ezimnyama kuphela. Umntu angasebenzisa nokuba sisilwanyana esinjani xa esenza umkhuba wakhe, ngoko umbala omnyama ungawuboni njengowesiqalekiso.
Umzekelo, lo mhlathi ndiwubhale ndifake amaso amnyama esihlahleni, kwaye loo maso amele abandawu, ekuzizinyanya zam ezinamandla nezindinika inkqubela.
Amaxesh' amaninzi xa igqirha lisithi yenza isiko labandawu, kudla ngokusetyenziswa izinto ezimnyama.
Sithetha ngamayeza esintu
Uqalekiswe ngabasemzini
Bhalela uForce ngemibuzo yakho ngamayeza esintu kule dilesi:
Talking Muthi, Box 473014, Parklands, 2121 okanye uthumele i-e-mail ku-forcek@caxton.co.za
