xhosa.380.motivation
Khetha iqhawe
elililo kulo
nyaka umtsha
Sonke siyalufuna uncedo ngokuya sikhula ebomini. Kulapho ke amaqhawe engena khona. Ukusebenza nzima nokuzinikela kwawo kuyasikhuthaza kwaye kusinika ukomelela ukuze sibe zizinto esifuna ukuba zizo ebomini...
INKUTHAZO
SONKE sinaye umntu esimbona njengeqhawe. Usenokuba yindumasi, umlinganisi wemidlalo, umdlali webhola, okanye umntu esimazela kufutshane. Aba bantu bayasikhuthaza. Basenza sibe nendawo esizimisele ukufikelela kuyo. Ubulumko babo buyasikhokela. Siyafunda - sive - ngemiceli-mngeni abaye bajongane nayo size sifumane amandla okujongana nezethu iingxaki.
Yiyo loo nto sisithi "ngabantu abangumzekelo." Basibonisa indlela yokwenza izinto, nendawo emasiyithathe ebomini.
Kodwa kufuneka siqaphele xa sikhetha amaqhawe ethu...
Xa ukhetha iqhawe ozimisele ukufunda kulo, zibuze oku kuqala: kutheni ucinga ukuba loo mntu ungokhethekileyo?
Khumbula ukuba lo ngumntu ongumzekelo omhle! Umntu ongakunceda uziphuhlise!
Okulandelayo kukuzijonga wena buqu. Kuphi ukomelela kwakho? Ziintoni onobuthathaka kuzo?Ufuna ukuphucula ntoni? Ufuna ukutshintsha ntoni?
Umzekelo, unokuzibona ungumntu oneentloni. Mhlawumbi ufuna ukutshintsha loo nto. Kodwa uzitshintsha kanjani? Kulapho ke iqhawe lakho lingena khona. Usenokufunda ngomlinganisi owayeneentloni phambi kokuba abe ngumlinganisi nokuba wazoyisa njani ezo ntloni. Abe ngumzekelo omhle kuwe.
Kodwa akunyanzelekanga ibe ngumntu oyindumasi. Isenokuba ngumntu omaziyo, oxabise izinto ozixabisileyo nawe ebomini. Umntu owomeleleyo kwindawo onobuthathaka kuzo.
Enyanisweni, uza kufumanisa ukuba ukhuthazeka ngakumbi ngabantu abakufutshane kuwe. Kaloku ngabo abantu onako ukubazi bhetele.
Kuhle nokujonga ebantwini abaninzi kangangoko ufuna. Awuzukufumana zonke iimpawu ozithandayo emntwini omnye.
Khumbula, unyaniseke. Ukuba awunalizwi limnandi mancinane amathuba okuba yimvumi yeGospile ephambili elizweni. Onokukwenza kukujonga ukuzithemba kwemvumi oyithandayo nothando lwayo lomculo, okanye ukuzinikela ukuze usebenzise ezi zinto ukuphucula ukuzithemba kwakho ufikelele emaphupheni akho.
U-Oprah Winfrey uyibeka kakuhle le nto. Nanjengoko izigidi zabantu zimthabatha njengomntu ongumzekelo omhle, yena uthi: "Musa ukuzama ukuba ngu-Oprah. Uza koyisakala. Omawukwenze kukuba nguwe uzimisele kangangoko unako!" [x]
Umbhali: Neliswa Mzimba
UJonathan Butler uthathwa njengo- mzekelo omhle kuba, ukwazile ukonyukela ngasentla ebunzimeni bokukhula phantsi kwe-ntlupheko.
U-Oprah naye ungu-mzekelo omhle kwizigidi zabantu ehlabathini jikelele.
LUMKA!
Lumkela "ukuzakhela" abantu ubenze bakhulu uze ugqibele ngokubabona bekhethekile bebakhulu kunokuba kunjalo - okanye ulindele okukhulu ngokugqithisileyo kubo. Uza kuphoxeka. Musa ukubanika amandla bakongamele. Xa uzikhethela umntu oza kuba ngumzekelo omhle ukhetha iimpawu obona ukuba zizo eziza kukunceda uphumelele okanye ube ngumntu obhetele.
