xhosa.373.career
Imisebenzi
Ukuba ngumsasazi
IXESHA ngu-3.30 kusasa kwaye uvela emsebenzini. Uyozela uze uvule irediyo, emva koko siphele isithukuthezi ebesikuphethe.
"Xa ukwazi ukugcin'umntu osendleleni ehleli yaye ekuphulaphule uyaz' ukuba wenz' umsebenz'omhle," utsho uThandy Kunene oqeqeshelwa ukuba ngumsasazi kwiEast Coast Radio eseThekwini.
Usasaza ngentsimbi yesi-3 ukuya kweyesi-6 kusasa ngoMgqibelo nangeCawe. Simtyelele kumagumbi osasazo eEast Coast Radio sifun' ukwazi ngomsebenzi wakhe...
Yintoni eyakwenza wakhetha lo msebenzi" Ndikhule ndiyithanda irediyo yaye ndisafunda eMonti ndineminyaka eli-16 ndafowunela isikhululo sosasazo salapho ndathi: "Molweni, ndinguThandy Kunene, ndifun' ukwenz' into enomahluko kwisikhululo senu."
Ndaphangela njengevolontiya.
Ndakupas' imatriki ndenza izifundo zesidanga sobuntatheli ndigxininise kwizifundo zosasazo ndaza ndaya kuhlala eThekwini. Ndaphangela njengeHuman Resources Officer kweny' inkampani.
Ndandiphangela kamnandi apho kodwa ndandingekayifumani into endandiyifuna. Ndaya kufun' umsebenzi kwiEast Coast Radio ndamkelwa njengomsasazi oqeqeshwayo.
Uthanda ntoni ngokuphangela kwisikhululo sosasazo" Ukwazi ukuba ndifikelela ebantwini abaninzi ngexesha elinye. Ukwazi ukuba ndinegalelo ekugcineni mntu uthile ekhuselekile endleleni. Nonxibelelwano endilwenza nabaphulaphuli xa beziva ngathi ndithetha nabo bodwa.
Uyintoni umvuzo waloo nto" Ndiyoneliseka xa abantu besithi bayayonwabela inkqubo yam.
Yiyiphi imiceli-mngeni emikhulu kulo msebenzi" Yonk' into uyenza ngekhompyutha usedesikeni yakho, kufuneka ukhawuleze ukwazi ukuyisebenzisa.
Uphendul' iminxeba, ii-email, ii-sms, ukheth' umculo oza kuwudlala, uthathe imibuliso, ucwangcise izibhengezo udlale iijingle ube uzichaza ukuba ungubani! Yonk' into oyenzayo kufuneka uvakale uyenza nje lula.
Xa ukhathazekile akufuneki uvakale kuba umphulaphuli akafuni kuva iingxaki zakho - ufun' ukonwatyiswa.
Ndingawenza umahluko
BONA XHOSA - March 2007
kubhale uGRACE KHUZWAYO
kufote uBRETT FLORENS
Ngethuba sishicilela eli nqaku uThandy ubesandul' ukonyuselwa ukuba asasaze inkqubo yakusasa ngeempela-veki. "Ndiyonwabela yomibini imisebenzi yam, kuba phakathi neveki ndiphangela kwinkampani enkulu, ndize ngeempela-veki ndenze eyona nto ndiyithandayo - ukusasaza," utsho.
UKUBA NGUMSASAZI
"Ukuze ube ngumsasazi onempumelelo kufuneka ube liyolisa, ube ngumntu abantu abathanda ukuhlala naye kwaye ube ngumntu olincoko nokwaziyo ukonwabisa abantu," utsho uNaveen Singh ongumphathi weenkqubo kwiEast Coast Radio.
"Kufuneka ube nelizwi elicacileyo, uzithembe, womelele yaye uluthethe kakuhle ulwimi esisasaza ngalo eso sikhululo."
Xa sele unamava kuya kufunwa iitheyiphu okanye iiCD ozishicilele kuzo usasaza. Xa ungenamava, zininzi izikhululo ezincinane zoluntu ongaphangela kuzo ukuze ufuman' amava.
Nokuba akunamava okusasaza kuhle ukuba netheyiphu ozishicilele kuyo usasaza ukuze abantu ofuna umsebenzi kubo bayiphulaphule.
UQEQESHO
Akukho mfuneko yokuba nesidanga okanye idiploma, kodwa imfundo ephakemeyo njengesidanga okanye idiploma kwizifundo zobuntatheli ziya kukunceda.
UMVUZO
Kunzima ukuthelekelela ukuba ungamkela umvuzo ongakanani kuba abasasazi abaninzi basebenza ngokwezivumelwano.
Abasasazi abasaqeqeshwayo bamkela imivuzo engephi ukanti abanye bangena njengamavolontiya angahlawulwayo ngoko kufuneka ungene kweso sivumelwano usazi!
Nangona kunjalo unqandwa ziinkwenkwezi wakuba yimbalasane yomsasazi - ukususela ekubeni nenkqubo yakho kuse ekubeni ngumphathi-theko kumsitho
othile. [x]
BONA - March 2007
