XHOSA.350.sis sarah
buza usis sarah
Andazani nosapho lwakhe
Ndinama-26 eminyaka ubudala, ndithandana nomfana oyintanga yam. Sele kuyiminyaka emine sithandana kwaye sinomntwana oneminyaka emibini ubudala. Kodwa noxa kunjalo akazange wandisa kowabo. Andinanxibelelwano nosapho lwakhe. Ndicela uncendo kuba lento ingasuka ibe yingxaki enkulu.
nguZF
Sekulithuba umazi lo mfana, noko ngoku bekufanele ukuba sele unento oyaziyo ngosapho lwakhe ingakumbi ke kuba unomzukulwana wabo. Ndiyibona ingaqhelekanga into yokuba ube awukadibani nosapho lwakhe. Kukhangeleka ngathi uyakufihlela. Ingaba mhlawumbi utshatile"
Kungenjalo ke, usenokuba kukho into afuna ungayazi, mhlawumbi emalunga nemvelaphi yakhe.
Ngokucacileyo le nyewe iyakukhathaza kwaye ndivumelana nawe xa usithi - iza kuba yingxaki.
Ngoko ke thethani ngayo ingeka nongameli. Mchazele ukuba kutheni ikukhathaza. Mxelele ukuba ufuna ukwazi usapho lwakhe nokuba ucinga ukuba umntwana uhluthwa ithuba lokwazana noyisemkhulu noninakhulu bakhe.
Ukudibana kwakho nosapho lwakhe ethubeni kuyakubomeleza, ubuhlobo phakathi kwenu.
Kodwa khumbula - indoda yakho ingaphatheka kakubi yile nto, kuba isizathu sokulufihla usapho lwakhe kuwe kungathi kanti yinto embi, ngoko ke lindela nantoni na!
Ilungu lobudoda elingasebenziyo
Ndilibhinqa elitshatileyo elineminyaka engama-31. Umyeni wam mdala kunam ngeminyaka, kwaye unelungu lobudoda elingasebenziyo. Sele kuyiminyaka emithathu sitshatile kwaye asinabantwana.
Andinakuhlala kulo mtshato kuba kaloku ndifuna abantwana ngoku andibafumani ngenxa yakhe. Ndikhathazekile ngomyeni wam kuba uyandithanda. Ndifuna ukumshiya - ingaba ndenza ububi ngokwenza njalo"
Noxa kukho le ngxaki ndiyamthanda. Ndicela undincede!
nguGG, ePeddie
Nobabini nisathandana nangona le ngxaki ikhona, ngoko ke andisiboni isizathu sokumshiya. Awuniki ngcaciso ingako encwadini yakho kodwa akukhangeleki ngathi nike nafuna uncedo loogqirha. Ndinicebisa ukuba niye kugqirha wosapho nimcele ukuba anithumele kugqirha oyincutshe kwiingxaki zokungafumani bantwana. Yena uzakufumanisa ukuba yintoni enganceda.
Zininzi iingxaki abakwazi ukuzisombulula oogqirha. Nceda wena nomtshato wakho ngokuya kufuna uncedo koogqirha.
Luthando olungenay' intembeko
Ndaqala ukuthandana ngo-1995 ndineminyaka eli-14. Ndiye ndakhulelwa kwakabini, kodwa zaphuncuka zombini ezo zisu. Oogqirha bathi unobangela luxinzelelo lwengqondo endandinalo. Ndandikhathazwa kukuba rhoqo xa ndikhulelwe isinqanda mathe sam sasingandihoyi. Wayesuka athandane namanye amabhinqa. Uthi uyandithanda kwaye akathethi nto kuye loo mabhinqa.
Andimthembi kodwa ndiyamthanda, akananjongo zakunditshata kuba uthi ndakusuka ndingamhloniphi, ndizibone ndinamalungelo, ndithandane namanye amadoda. Nceda!
nguKN, eKapa
Andisiboni isizathu esibangela uhlale nale ndoda kuba ayikuhloniphi. Ndiyaqonda ukuba kudala nithandana kodwa, awuboni ukuba udlala ngawe"
Ungunobangela woxinzelelo olwakhokelela ekuphuncukeni kwezisu zakho, uyakrexeza kwaye akafuni nokukutshata. Ukuba ubekuhloniphile ubeza kuyeka zonke iintombi ezisemacaleni. (Uyazi ukuba ukuthandana nabantu abaninzi ngaxesha-nye kubeka ubomi babantu esichengeni")
Enye yezinto ozibaluleyo kukuba awumthembi kodwa uyamthanda. Intembeko sisiseko sobuhlobo kwabathandanayo, ukuba ayikho intembeko.... ubuhlobo abukho, ngoko ke musa ukuziqhatha.
Ukuba kwenzekile nanomntwana kuyimbophelelo kuye ukuba amondle umntwana, elo lilungelo lakho nokuba anitshatanga.
Ingaba le mpatho ilolu hlobo uyoneliseka yiyo" Ingaba akuloxesha lihle ngoku lokuba uqhubekele phambili nobomi bakho" [x]
Qaphelani:
USis Sarah akakwazi ukunicebisa ngeengxaki zempilo. Xa unengxaki yempilo efun' unyango yiya kucel' uncedo eklinikhi okanye kugqirha.
98 BONA XHOSA - February 2008
Ingaba unengxaki yendibano yesondo, eyothando, okanye ngxaki yimbi ebomini" Yibhale uyithumele kum Sis Sarah, ndiza kuzama ukukucebisa indlela yokuyisombulula. Ngelishwa andinakukuce-bisa ngokukubhalela wena ngqo, kubhetele impendulo uyijonge kula makhasi. Khumbula, xa uyivula intliziyo yakho, ndikholo ukukunceda!
Idilesi yam ithi: Sis Sarah, Box 32083, Mobeni 4060
