XHOSA.339.sisarah
BONA XHOSA - December 2005
Buz' uSis Sarah
Akabondli abantwana
Ndingumama onama-45 eminyaka otshate nendoda enama-50 eminyaka kwaye sinabantwana abathandathu.
Umyeni wam wenze nzima amabhinqa amabini atshatileyo, kwaye elinye selide laqhawul' umtshato.
Ingxaki kukuba akandondli nabantwana ngokwaneleyo. Andazi ukuba uwenza ntoni umvuzo wakhe ofanele ukuba uyalwanelisa olu sapho. Ndifanele ndiyithini le ngxaki"
nguKJN, eBhayi
lKucacile ukuba umyeni wakho unabany' abantwana abondlayo ngaphandle kwabakho, ngoko inxalenye yomvuzo wakhe iya apho...
Kuvakala ngathi anithethi ngemicimbi yemali naye, kanti nifanele nithethe ngemali.
Uyazi ukuba unamany' amabhinqa athandana nawo nanabantwana nawo, kwaye uyazi nokuba wamkela malini - ndiyacinga ke unalo nelungelo lokwazi ukuba uyenza ntoni enye imali yomvuzo wakhe kuba ucingela abantwana bakho.
Thetha naye ngemicimbi yemali, kungenjalo ucele umntu omdala wosapho akuthethele naye xa wena umoyika.
Wakufumana zonk' iinkcukacha zemali kuye, niya kukwazi ukuhlala phantsi nobabini nicebe indlela eniza kuyisebenzisa ngayo imali nicebela nabantwana benu.
Ngaba akatshatanga"
Ndineminyaka engama-37 yaye ndatshata nomhlolo ngo- 2004. Saxelelwa ukuba siya kusifumana isiqinisekiso somtshato emva kweenyanga ezintathu njengoko kusafuneka kubhaliswe umshato wethu kukhutshwe negama lenkosikazi yomyeni engasekhoyo. Emva koko senza yonk' into njengabantu abatshatileyo. Nkqu nakwiipholisi ze-inshorensi zethu sibhalise njengabantu abatshatileyo.
Emva kweenyanga ezintathu ndaya kucela iID entsha ndiye kulanda nesiqinisekiso somtshato, kodwa ndaxelelwa ukuba ngokweenkcukacha abanazo ngam anditshatanga.
Eyona nto ixakayo ke kukuba satshatela kwezo ofisi. Ndifanele ndiyithini le ngxaki"
nguNPM, eMount Frere
lXa kungekho maphepha abubungqina bokuba nitshatile kwiiofisi zeSebe lezeKhaya, ngelishwa anitshatanga.
Kukuchithel' ixesha ukuba uxambulisana namagosa eli sebe, ngoko fuman' igqwetha eliza kubhalela kweli sebe lichaze ingxaki yakho, lifune nokuba ilungiswe.
Yingxaki engaqhelekanga le kwezi ofisi, ngoko funa uncedo lwegqwetha ukuze ungayiva intlungu yokuzama ukuyisombulula ngokwakho.
Akwenzayo akuvumelekanga
Ndilibhinqa elinama-36 elinabantwana abathathu. Ndineminyaka eli-16 nditshatile. Kulo nyaka ndishiye umyeni wam nabantwana ndagoduka kuba endiphethe gadalala.
Ngoku akafuni nokuba ndithethe nabantwana bam.
Ndimthini"
nguJEK, eCarolina
lKufuneka ufumane iingcebiso zomthetho. Akafanelanga umyeni wakho akwalele ukubona nokuthetha nabantwana, kwaye into yokuba ubekuphethe gadala ifanele ikuncede xa kukhethwa umntu ofanele ahlale nabantwana.
AbeScorpion Legal Protection Services bangakunika amacebiso ngale ngxaki. Jonga isibhengezo sabo kwakule magazini, ubafowunele.
Ufuna ukumbuyisa
Ndiyintombi eneminyaka engama-20 nenomntwana oneminyaka emihlanu.Ndohlukana noyise womntwana ngo-2002, kwaye wazalisa enye intombi nayo asele ohlukene nayo.
Ngoku ufuna ukuba sibuyelane, qha mna andimthembi. Ndithini"
nguSMM, eEdenvale
lAkukho nto ndingakucebisa yona kuba nawe awumthembi. Kucacile ukuba alikho ingomso phakathi kwenu. Xa ungamthembi ngoku, akunakunceda ukubuyelana kwenu kuba akuyi kukwenza umthembe kwakhona.
Awunyanzelekanga ukuba ubuyelane naye. Umnikile ithuba lokuba nithandane, kodwa akalisebenzisa ngendlela.
Libala ngaye.
Ngoku nifanele nidityaniswe kukuba ninomntwana qha, kwaye oko kukuba ufanele amondle.
Andifiki enkcopheni
Ndineminyaka engama-42 yaye ndineminyak' eli-10
ndithandana nendoda enye. Ingxaki yam kukuba xa
sinendibano yesondo
andisafikeleli enkcopheni
yesondo, kwaye andisazi
isizathu saloo nto.
Endikwaziyo kukuba le ngxaki yaqala emva kokuba ndifumene ukuba le ndoda ineliny' ibhinqa encuma nalo.
Andazi ukuba mandithini kuba le ndoda iyandilobola.
Xa ndiyibuza ukuba ingomso lethu liyintoni, isuka ithi ndizama ukuyilawula kanti yiyo indoda!
Okumnandi kukuba asinamntwana nayo!
nguATM, Inanda
Ngathi kufuneka ukhe uzikise ukucinga ngolu thando lwenu kuba ngathi akuyithandi njengokuba ubufanele uyithande le ndoda, okanye ke awuyithandi ngendlela owawuyithanda ngayo ngaphambili.
Iimpawu ziyabonakala. Kwayinto yokuba ungafikeleli enkcopheni yesondo emva kokufumana ukuba inenye inkazana luphawu lokuba awuyithandi into eyenzileyo.Awunakulonwabela ke isondo xa kunjalo kuba ugqithisa nje umntwana kunina.
Nento yokuba ingafuni le ndoda nithethe ngengomso lenu ibonisa ukuba ayifuni kuzibophelela kuwe... yaye ifuna ukukulawula!
Ngaphezulu inenye inkazana ethandana nayo! Isakuthanda nje wena" Okanye ngaba ikulobola nje kuba selilide ithuba nithandana"
Okokugqibela ngathi uvuyile kukuba ungenamntwana nayo. Oko kubonisa ukuba nawe uvuyile kukungabi nanto "ikubophelela" ekubeni uhlale nale ndoda. Ngathi luza kuphela olwenu uthando kungentsuku zatywala. Cinga ngengomso lakho!
Ndimsulwa!
Ndinengxaki nentombi endandincuma nayo. Ndivalelwe entolongweni ngenxa yayo. Yandityhola ngokuba ndiyidlwengule, ibe ixoka. Ndibuhlungu kuba ndisayithanda yaye nayo iyayazi loo nto. Ndithini"
nguSBS, eMondeor
lAkukho nto ingako ongayenza ngaloo nto ngoku, qha wena ungafuna igqwetha eliza kubonisa ukuba awuzange uyidlwengule intombi owawuncuma nayo.
Kodwa ke uze ukhumbule ukuba umntu awumdlwenguli kuba umbambe ngenkani. Xa esithi "Akafuni" uze wena umnyanzele ulale naye kukumdlwengula oko.
Kwelokuba usayithanda le ntombi, ndibona ufanele ulibale ngayo. Uthando lwenu lwaphela mhla yakutyhola ngokuba uyidlwengule.
Kulotyolwe kubani"
Nditshatile kwaye ndinabantwan' ababini.Saqhawul' umtshato nomyeni abantwana besebancinane ndaza ndabakhulisa.
Ngoku omdala uneminyaka eli-17 yaye sele eza kutshata.
Kufanele kulotyolwe kubani"
nguAD, eSoweto
lXa intombi yakho uyikhulise wedwa uyise engayondli, kufanele kulotyolwe kuwe kuphela.
Kodwa ukuba ikhulele kuwe uyise eyondla, nifanele nahlukaniselane ngokulinganayo ngekhazi.
Kaloku ilobola
sisivumelwano phakathi kwabazali bomfana nentombi, ngoko xa omnye umzali engasekho, ngoko
akanakuba yinxalenywe yesivumelwano. [x]
Qaphelani: USis Sarah akakwazi ukunicebisa ngeengxaki zempilo. Xa unengxaki yempilo efun' unyango yiya kucel' uncedo eklinikhi okanye kugqirha.
BONA XHOSA - December 2005
Ngaba unengxaki yendibano yesondo, eyothando, okanye ngxaki yimbi ebomini" Yibhale uyithumele kum Sis Sarah, ndiza kuzama ukukucebisa indlela yokuyisombulula. Ngelishwa andinakukuce-
bisa ngokukubhalela wena ngqo, kubhetele impendulo uyijonge kula makhasi.
Khumbula, xa uyivula intliziyo yakho, ndikholo ukukunceda!
Idilesi yam ithi:
Sis Sarah,
Box 32083,
Mobeni 4060
