xhosa.3023.legal
BONA XHOSA October 2008
Isincwaso sesondo
NDINEMINYAKA engama-32 yaye ndiphangela njengomchwethezi. Ndineminyak' emine ndisenza lo msebenzi kwaye ndonwabile kuwo. Unyana womphathi wam uqale ukusebenza apha naye... waqala ukubonakalisa ukundincwasa ngokwesondo.
Uthanda "ukundichwechwela" ngasemva edesikeni yam, andibonise ileta afuna ndimbhalele yona. Xa esenza loo nto ufaka nesandla sakhe ngaphakathi kwibhlawuzi okanye ilokhwe endiyinxibileyo. Ndiyasityhiliza isandla sakhe, ndize ndimxelele ngomoya ophantsi ukuba andiyithandi into ayenzayo, kodwa akayeki ukuyenza.
Akakho umphathi ojongene nemicimbi yabasebenzi (iHR). Ekuphela komntu endingakhalaza kuye ngumphathi wam, kodwa naye ndoyika ukuba angandigxotha!
Ndiyawuthanda umsebenzi wam nenkampani endiphangela kuyo. Ndingamyekisa njani into ayenzayo unyana womphathi wam?
nguSibongile K, eJoburg
ICEBISO LE-SCORPION:
Ukutshutshisana ngokwesondo kubasebenzi yinto exhaphakileyo kwii-ofisi nemizi-mveliso emininzi kulo lonke eli, kwaye umthetho ungakunceda nokuba loo nkampani ayinaye umphathi ojongene nemiba yabasebenzi.
Ngendlela umthetho ongqongqo ngayo ngalo mba ude uthi ityala liya kubekwa nakumqeshi nokuba ubengazi ukuba kukho into enjalo eqhubekayo.
Umthetho weLabour Relations Act uthi xa umqeshi engakunqandi ukutshutshisana kwabasebenzi ngokwesondo, okanye nayo nayiphi na impatho embi emsebenzini, kwaye xa kukho ubungqina bokuba kukho umsebenzi owophule loo mthetho, nomqeshi uya kuba uwophule naye.
ILabour Relations Act ikwathi umsebenzi ogxothelwe ukungamkeli ukutshutshiswa ngokwesondo ngumphathi wakhe okanye omnye umsebenzi, oko kugxothwa akukho mthethweni kuba kucalula ngokwesini!
Ngoko ufanele umxelele umphathi okwenziwa ngunyana wakhe, uze wazi ukuba umthetho ungakuwe xa ekugxotha.
Njengoko ungenamntu angakunceda emsebenzini, sikucebisa ukuba uye kumcebisi wabasebenzi okanye igqwetha elichophela iingxaki zabasebenzi.
Xa umphathi wakho enokubhalelwa incwadi emchazela ngokwenzekayo, ufanele asilungise isikhalazo sakho ngokukhawuleza. Cinga indlela aya kuba neentloni ngayo xa kufuneka achophele isityholo sokuba unyana wakhe utshutshisa ngokwesondo umsebenzi wakhe. Akanakukugxotha. Endaweni yoko uya kuzama ukuba unyana wakhe angasondeli kuwe.
Phofu ke xa "umsebenzi oncwasiweyo" ebebonisa ukuyithanda loo nto, uya kulona ityala lakhe.
Kodwa ke wena uvakala ungakhange umkhuthaze kwinto ayenzayo, kwaye xa ungalifumani igqwetha elifaneleyo, fowunela i-ofisi yeScorpion ekufutshane ucel' uncedo. [x]
Niyiphathelwe yiBONA nabeScorpion Legal Protection.
Thumela ingxaki yakho yomthetho ku -BONA Legal Advice, Box 32083, Mobeni, 4060 - uya kufumana ithuba lokuxoxa negqwetha imizuzu engama- 30 ngaphandle kokuhlawula, kwi-ofisi zalo naphi na kweli okanye emnxebeni.
Sizamile ukuqinisekisa ukuba ufumana iingcebiso ezizizo. Kodwa ityala netyala lifuna ukuphandisiswa kwaye abeScorpion Legal Protection (Pty) Ltd, igqiza labacebisi neBONA nabashicileli bayo abanakubekwa tyala ngelahleko engafunyanwa ngumntu osebenzise iingcebiso zalo mhlathi.
AMANDL' OMTHETHO
ABAFOTIWEYO BAYALINGANISA
LUMKANI BAQESHI!
Ngokomthetho ityala ngalinye lokutshutshiswa ngokwesondo okanye elokucalulwa nangayiphi na indlela lifanele lichotshelwe ngokwahlukana. Akukho ndlela inye emiselweyo yokuchophela la matyala.
Iinkampani ziyakhuthazwa ukuba zibenenkqubo ecacileyo yokuchophela amatyala anje kwaye yaziwe ngabasebenzi.
Kungakuhle nokuba kwisivumelwano sokuqeshwa kufakwe umhlathi othi ukutshutshiswa ngokwesondo akuvumelekanga kwaye uya kohlwaywa ngokukwenza.
Akusayina eso sivumelwano umsebenzi akanakuthi wayengazi ukuba yinkqubo yenkampani ukohlwaya abasebenzi abatshutshisa abanye ngokwesondo.
Ngaphandle koku, umqeshi makasoloko ekhumbuza abasebenzi bakhe ngeziphumo zokutshutshisana kwabo ngokwesondo nezinye iindlela zokucalulana.
Oko kuya kubenza bazi ukuba abayi kufumana velwano ngesenzo esingamkelekanga esiziswe ngaphambili ngomnye umsebenzi.
ABAFOTIWEYO BAYALINGANSA
BONA XHOSA August 2008
