xhosa.3010.yourstyle_beauty
Indlela yokuzifakela
ngokwakho imisebe
usebenzisa
amanyathelo alula
INYATHELO 1:Qiniseka ukuba imisebe yakho icocekile kwaye ayinamafutha asuka kwimake-up kuba isinamathelisi semisebe yokuzenzela asizukunamathela.
INYATHELO 2: Khetha umbala ofana nemisebe yakho yendayo kunye nobude obufanel' ukumila kobuso bakho nobukhulu bamehlo akho.
INYATHELO 3: Faka isinamathelisi kwimisebe yokuzenzela. Ulumke ungasifaki kakhulu. Indlela ongenza ngayo kukucudisela isinamathelisi ephepheni okanye kwitin foil, uthi nkxu ukhuni lokuvungula phakathi kwisinamathelisi uyiqabe ngalo imisebe.
INYATHELO 4: Yiya esipilini sakho, uqalise ukuyifakela imisebe, uqale kwikona yelihlo engaphakathi. Cinezela kakuhle kufutshane kangangoko nalapho iqala khona imisebe yakho yendalo.
INYATHELO 5: Yakoma imisebe, sebenzisa i-eyelash curler uyigobe imisebe ukuze ifane neyendalo.
INYATHELO 6: Ukuze ugqibelele, faka i-eyeliner - nemascara. Sebenzisa ibrashi eyiyo, eza kwenza imisebe yendalo nefakelweyo idibane. [x]
IClarins Wonder Length (R215).
EZOBUHLE
Imisebe efakelwayo
Nokuba ufaka imake-up engakanani emehlweni akho, kodwa akukho nto ikwenza mhle ngathi yimisebe emide exineneyo
Imisebe emnyama exineneyo emihle, eya ngokuba mide ekugqibeleni kwamehlo: (R122).
IINDIDI ZEMISEBE YOKUZENZELA
IStrip lashes: Le iza sele ilungele ukufakwa kwaye ifakeka ngokukhawuleza. Isikakhulu isetyenziswa xa ufuna ukuswenka kanye kwitheko lasebusuku.
ISeparate flaring lashes: Zifana nezendalo. Zincinci kwaye zimfutshane, zongeza kwimisebe yakho yendalo.
Individual lashes: Zinde kwaye zihamba nganye zezokongeza. Imibala emihle ngumnyama nomdaka ongqongqo.
IINGCEBISO
Imisebe efakelwayo isuka lula ngokuthi uyincothule kuhle. Kodwa eyona ndlela: sebenzise i-eye make-up remover.
Khetha imascara eyiyo, kuhle ukhethe ezingenatywala, kuba ezinye zazo ziyayomisa imisebe.
IRevlon Cream To Powder Eyeshadow (R135).
IColours Auto-Eyeliner Pencil (R12,99), Foschini.
1. Imisebe ebhlu, eluhlaza nemnyama eza iphelele enguzikizeki ethi ndijonge (R55).
2. Imisebe ephucukile engaqhelekanga ephethwe ngeentsiba (R95).
3.Imisebe ebuthathaka emdaka ongqongqo (R55).
Imisebe emnyama emihle, ephothwe kuhle, ephethwe ngobomvu enomhombiso ogolide: (R75).
Imisebe eshiyanayo emnyama buluhlaza yanentwana kaluhlaza wengca. Iya ngokuba mide ineedayimani: (R95).
Umbhali: Lethu Nxumalo
Umfoti: Peter Whitfield
Yonke imisebe yeyakwaMakeover Central. Vula iWebsite yabo ethi makeovercentral.co.za okanye ubatsalele umnxeba ku-011-326-1525.
