xhosa.3003.tattoo
Ukuvez'
ibali nemifanekiso nguKAREN LOTTER
AKUKHO mntu ulaziyo inani leendawo zokuzoba iithathu ezikweli, okanye inani labantu abanalemizobo emzimbeni, kodwa ngokuqinisekileyo - ukuveza umzimba yinto ethandwayo. Oku kuvezwe ngokucacileyo yindibano yokuqala ngqa ekuthiwa yi-African International Tattoo Fest ebise-Ocean Conference Centre eGolden Mile eThekwini, nalapho bekukho abazobi abaphambili beethathu abali-10 bamazwe angaphandle naba-12 baseMzantsi Afrika.
Igama elithi "Tattoo" lisukela kwigama lesi Tahiti elithi "tatua," nelithetha "ukuphawula."
Umatshini wokuqala wokuzoba iithathu wenziwa ngumfo waseMelika ogama linguSamuel O'Reilly ngonyaka ka-1890.
Lo mpu weenaliti osetyenziswa ngesandla unelungu elitsala amandla ombane atyhala iinaliti ezininzi ezahlukeneyo ize isebenze ngomcephe wonyawo. Ezi naliti zingena elufeleni zize zifake idayi ngokukhawuleza, amathuba anga-3 000 emzuzwini omnye.
Ucoceko lubalulekile xa usenziwa ithathu kwaye iiglavu ziyatshintshwa rhoqo xa kusenziwa omnye umntu.
Ezi-inki zikhethekileyo zifakwa kwiikomityana ekuthiwa "zii-ink caps," zize ke iinaliti zikhutshwe kwizingxobo zazo ezizigcina zicocekile, zifakwe ematshinini.
Iinaliti zicocwa ngamanzi acocekileyo ekuthiwa yidistilled water asekomityini xa kuzotywa naxa kutshintshwa umbala kuza kusetyenziswe omnye.
Isithethe
Kwiminyaka engaphezulu kwa-5 000 eyadlulayo amaYiphutha ayesaya kuhombisa imizimba yawo ngokuyizoba. Malunga neminyaka enga-2000 BC, namaTshayina ayezoba imizimba yawo.
Imizobo esemizimbeni kwamandulo yayisoloko inendima ebalulekileyo kumasiko nezithethe.
EBorneo, amakhosikazi ayezoba uphawu oluthile engalweni ukubonakalisa ubuchule obuthile anabo, kanti ke iithathu ezijikeleze isihlahla okanye iminwe kwakukholelwa ukuba zithintela ukugula.
KwiTshayina yamandulo isaphuli-mthetho sasiphawulwa ngemigca emithathu ebunzi, size sizotywe "inja" ukuba saphule umthetho amatyeli ade abamathathu.
Imibutho yezikrelemnqa zasezitratweni kwihlabathi jikelele zisebenzisa iithathu, ukwahlula amalungu ayo, amaxesha amaninzi bazizoba ezandleni nasentanyeni.
Ifashoni
UNtando Kunene waseMlazi uneminyaka engaphaya kwama-30, unabantwana ababini, ujonge ishishini lezentengiso. Uthe xa ebuzwa ukuba angayenza na ithathu, wathi: "Ngokuqinisekileyo, kodwa ndiyazoyika iintlungu."
Uthi abahlobo bakhe abaninzi baneethathu. "Andiqondi ukuba kukho into embi eyayanyaniswa neethathu kuba ngoku sele kuyifashoni."
UShaun Cele waseRhawutini ebekwi-African International Tattoo Fest eThekwini, ekhangela enye ithathu azakuyenza.
Sele enazo ezisengalweni nasesifubeni. "Ndazenziwa eZimbabwe ezi," "Kwaye ndicinga ukwenza ingalo yam yonke ngoku."
Ngenxa yokuba lemizobo isefashonini akusabuzwa ukuba kungani na abantu befuna ukuzitshintsha - koko kubuzwa ukuba kazi uzakulandelisa ngeyiphi na itattoo. [x]
Lixesha lokuzob' umzimba
umzimba yint' ekhoyo
NGASEKHOHLO: UShaun Cele uyazingca ngemizobo yakhe esemzimbeni.
EZANTSI NGASEKHOHLO: Umzobo onqindilili wohlanga oluthile.
Iithathu zakusoloko ziluphawu lwefashoni - olunamandla - likwanazo neentlungu maxa wambi...
Ngoku ke, wenza njani"
Inqanaba 1: Khetha uhlobo lwethathu .
Uhlobo lwethathu lunganguwo nawuphi na umzobo ukusukela kwiimpawu, oonobumba ukuya kwimizobo ecacileyo kuquka neyoopopayi. Ukuba unalo uhlobo lomzobo owufunayo ungawuphatha, kungenjalo umzobi akuzobele ngokwakhe.
Inqanaba 2: Ukucoca nokuchepha.
Indawo leyo ozakuzotywa kuyo ithathu iyacocwa, ixesha elininzi ikhuhlwa ngotywala. Kuze kuthi ukuba ngaba kukho uboya bususwe ngereyiza entsha ebukhali, yakugqiba ukusebenza iyalahlwa.
Inqanaba 3: Ukukhuphela umzobo.
Abazobi abaninzi basebenzisa isiqholo esingamafutha kuba siwukhuphela kakuhle umzobo. Xa iphepha ulisusa, umzobo ukhupheleka ungumbala obumfusa.
Inqanaba 4: Umphandle.
Kwenziwe umphandle womzobo ngombala omnyama. Iinaliti zifaka i-inki kumaleko wesibini wofele lwakho. Umzuzu wokuqala nguwona ubanzima. Emva koko, ufele lwakho luyaqhela luze ke lube ndindisholo wakugqitywa.
Inqanaba 5: Ukufaka umbala.
Wakuba ugqityiwe umphandle wethathu umzobi ufaka inaliti yokufaka umbala ematshinini wetattoo. Umzobi uwukhokela ngokwakhe umatshini phezu kofele, efaka ibala kumphakathi wonke womzobo.
