xhosa.299.muti
Lumkela ishologu
BONA XHOSA - April 2008
ANGALIGUQULA amayeza ishishini elizikayo liphumelele" Usomashishinikazi waseSaldanha eNtshona Koloni uthetha ngamahlandenyuka emeko yakhe kwezezimali. "Ndibhala le ncwadi nje ndikwiphulo lokuzama ukuzonyula ematyaleni," utsho.
Uyibona le meko njengenye yeengxaki kwezininzi ezibangelwa "yimimoya" emdaka, achithe ubomi bakhe bonke ejongene nayo.
Uthi naxa wayesebenzela omnye umntu kwakubakho iingxaki.
"Ndandisoloko ndilixhoba lentlebendwane nezityholo ezingenamva namphambili."
Kanti ke nasekuziqesheni kwam akubangakho nto intle.
"Ndiyasokola ukwenza imali nokuba sele ndizama kangakanani ukulithengisa nokulazisa ebantwini ishishini lam."
Ukholelwa ekubeni unobangela wale meko lishologu.
Uthi oosiyazi sele bemxelele amatyeli amaninzi ukuba litsalela emva nje ishishini lakhe kungenxa yesi silo esasisaya kuba sesomama othile owayesisihlobo sakhe, owabhubha kwiminyaka emininzi eyadlulayo.
Abaninzi bathi izilo ezifana neshologu okanye impundulu, ezivela ziyimo yentaka, zizisa ubutyebi xa umnini weshishini emana ukuzenzela imisebenzi rhoqo azixhelele iibhokhwe, iinkuku neenkomo.
Ngamanye amazwi ke le "nkqubo" ifanele ilandelwe ngobunjalo bayo ngumnini wesilo omtsha. Kuba ukungonwabi kwayo le mimoya kungakuphathela amashwa okanye ubenezothe emsebenzini, ekuhlaleni nasebantwini bakowenu.
Ingakumbi impundulu ingumthwalo kuba yona ifuna umniniyo axhele kaninzi ngenyanga, kungenjalo izakubakhona ingxaki.
"Ndiza kuyithathaphi imali yokuthenga iibhokhwe, iinkuku kunye nenkomo ukuze ndixhelele ishologu"" ubuza atsho umfundi waseNtshona Koloni.
Akukho qwili elinokutshabalalisa eli shologu, mhlawumbi ke likwazi nokukhulisa ingeniso yeshishini lakhe litsho liphumelele"
Ukunyoluka
Ngelishwa akululanga ngolo hlobo.
Eli nenekazi lifuna ukugxotha ishologu, kodwa alinakho ukukwenza oku xa lingenalwazi lupheleleyo ngesi silo, nokuba kwenzeka njani ukuze sibe yinxalenye yosapho lwakowalo.
Ishologu okanye impundulu akusosinyanya, kodwa ngumoya omdaka, okanye isilo esenzelwa abantu abanyolukileyo abafuna ubutyebi obukhawulezileyo.
Mna andinakukhuthaza ukuba samkelwe okanye "sithengwe" esi silo sinobusathana ngenjongo yokuzuza ubutyebi kuba obo butyebi butshabalala ngephanyazo njengokubufumana kwakho.
Ngaphezulu, abanye bathi impundulu okanye ishologu lingabeka amalungu osapho lwakho engozini ukuba alondliwa ngokwaneleyo.
Inokukhangela amaxhoba ayo kubantu abamsulwa xa iibhokhwe, iinkuku neenkomo zingekho.
Ziyingozi kumashishini, kunyango lwesintu nakuluntu ngokubanzi.
Bonana namagqirha
Amayeza esintu azisa ithamsanqa ukuze ubani aphumelele angasebenza.
Kodwa ke la mayeza ethamsanqa afumaneka phantse kuzo zonke iivenkile zamayeza esintu akancedi xa kukho impundulu ezinzileyo ekhayeni kungenjalo eshishinini lomntu.
Ndiyalikhuthaza eli nenekazi laseSaldanha ukuba lihambele amagqirha anamandla okuyitshabalalisa le mimoya.
Amagqirha afanele aqale ngokugxotha impundulu endlwini yalo phambi kokuba agxothe eminye imimoya emibi. [x]
Xa unemibuzo ngamayez' esintu, bhalela kule dilesi:
Muthi Talk, Box 473014, Parklands, 2121 okanye umthumelele i-email ku- muthi@caxton.co.za
SITHETHANGAMAYEZ'ESINTU
nguFORCE KHASHANE
