XHOSA.2995.yourfood_lesson
IINDLELA YOKUXHWITHA ZENKUKU
1. Eyona ndlela ilula yokuxhwitha inkuku kuxa kanye igqiba kuxhelwa kuba sukuba ufele lwayo lusathambile.
2. Ukuba awukwazanga ukuyixhwitha kwangoko, galela amanzi abilayo phezu kwenkuku. Kodwa musa ukuyiyeka emanzini kuba ufele luza kusuka xa uxhwitha iintsiba.
3. Bamba iintsiba ezininzi kangangoko usukele ezingcanjini zazo, uxhwithe. Qala ngamaphiko, uze ngesifuba ugqibele ngomzimba.
4. Susa iintsiba ezincinane ezinenkani ngokugalela amanzi abilayo kuzo ngqo uxhwithe.
5. Xa sele uyixhwithe yonke, gcwalisa amanzi embizeni enkulu, galela icephe leviniga (okanye amanzi elamuni) wakugqiba "uyihlambe" inkuku. Oku kuza kukunceda uphelise ivumba elibi.
Funda ukupheka
noNtwenhle Mpanza
Ngaphandle kwamathandabuzo, inkuku engumleqwa yeyona imnandi! Nazi iiresiphi ezimbini eziza kuyenza inambitheke ngakumbi
IICHICKEN BITES
* 200g izifuba zenkuku, zisuswe amathambo
* 1/2 setswele, linqunqwe
* 1 icwecwe legarlic, inqunqwe
* 1 isilayi sesonka esimdaka, senziwe sibe ziimvuthuluka
* ityuwa uyigalele ivakale
* 1 iqanda
* 3 amacephe (45ml) e-oyile
1. Nqunqa inkuku uyisile.
2. Beka esityeni, ufake itswele, igarlic, iimvuthuluka zesonka, ityuwa neqanda. Dibanisa.
3. Bumba lo mxube ngesandla ubeziibhola ezingangebhola yegalufa.
4. Fudumeza i-oyile epanini. Qhotsa ezi bhola zenkuku imizuzu emi-3 ukuya kwe-4, ziguqule de zibebugolide.
5. Zibeke phezu kwekitchen paper ukuze kukhameke amafutha.
Yanela 2
ICHICKEN AND DOMBOLO
* 2 amacephe (30ml) e-oyile
* 1 itswele, linqunqwe
* 1 icwecwe legarlic, inqunqwe
* 1 itispuni (5ml) yecurry powder
* 4 amaqatha enkuku (kungakuhle xa izizifuba okanye amathanga)
* 1 itumato, inqunqwe
* 3 iminqathe, isikwe iipisi ezinkulu
* 1 ichicken stock cube
* 2 iikomityi (500ml) zamanzi ashushu
Okokwenza idombolo:
* 4 iikomityi (1 000ml) zecake flour
* 1 ikomityi (250ml) yesweetcorn
* 2 iitispuni (10ml) zetyuwa
* 1 itispuni (5ml) yeswekile
* 1 x 10g ipakethe ye-instant yeast
* 2 iikomityi (500ml) zamanzi ashushu
1. Fudumeza amafutha embizeni enkulu. Qhotsa itswele negarlic de libe bugolide.
2. Galela icurry powder, qhotsa imizuzwana eli-10.
3. Faka amaqatha enyama. Qhotsa, uyiguqule de ufele lube bugolide.
4. Galela itumato neminqathe. Nyibilikisa istock cube emanzini, ugalele phezu kwenkuku. Vala upheke ngomlilo ophantsi imizuzu engama-45.
5. Xa usenza idombolo, xubela iflawa, isweetcorn, ityuwa, iswekile neyisti esityeni. Galela ikomityi enye yamanzi, uxove. Galela eyesibini uzamise. (Intlama ingabimanzi kakhulu.)
6. Xova imizuzu esi-7. Beka imizuzu engama-45 umana uxova kancinci emva kwemizuzu eli-15.
7. Yenza amagaqa entlama angangebhola yentenetya uwafake ngalinye kumxube wenkuku ukuze angancamathelani.
8. Vala uyeke kubile kumlilo ophantsi imizuzu engama-30. Phaka kushushu.
Yanela 4 [x]
OKUMNANDI
