xhosa.1225.yourbackpage_last
Ukugqibela kwam ukunxiba isithsaba...
Ngosuku olwalusemva kosuku endathweswa ngalo isithsaba sokuba nguMiss South Africa ngo-1996. Kwaba yinto enkulu kum ukuba nguMiss SA kuba kwabutshintsha ubomi bam kangangokuba ingathi ndiphila kwelinye ilizwe.
Ukugqibela kwam ukuhleka...
Ndihleka yonke imihla kuba ndithanda ukucinga okuhle ngobomi kwaye ukuhleka kondla umphefumlo wam.
Ukugqibela kwam ukwenza umqombothi...
NgeKhrismesi ekhaya eNewcastle. Ngamasiko la kuthi kwaye umama waqinisekisa ukuba uyasifundisa ezi zinto sisakhula.
Incwadi endigqibele ukuyifunda...
Yethi Barack Obama's Audacity of Hope - emva kokufunda ethi Dreams From My Father. Ndiyakuthembisa le yeyona ncwadi ekwenza uzikise ukucinga kuzo zonke iincwadi zopolitiko endakhe ndazifunda. Ukuphila kwamazwe amabini kuye - i-USA ne-Afrika - kuthetha into kum.
Ukugqibela kwam ukoyika...
Izolo ebusuku. Ndiyoyika xa ndingena egumbini elimnyama - kodwa ubusuku obumnyama abundothusi. Akuqhelekanga, kona kodwa oko ndabanjalo ukususela ndiseselula.
Umntu wokugqibela endimthandileyo...
Ngumama. Uthando lwakhe kum lolukhethekileyo alunakufaniswa nanto. Luzinzile. Ndinje ngenxa kamama. Wayesebenza ekhitshini ezamela abantwana bakhe ubomi obuhle. Xa ndandisesinaleni, wayexolela ukungabi nanto ukuze ndingasokoli.
Ndigqibele ukwenz' imithambo...
Izolo. Ndiya ejimini kane ngeveki ndize ndibaleke ngeempela-veki. Ndiqale ukubaleka ngo-2004, ngexa ndiseLondon.
Isifundo endigqibele ukusifumana...
Yimele into okholelwa kuyo. Esi sifundo kudala ndasifumana ukusukela ngeentsuku zam zokuba nguMiss SA. Xa uselula usoloko ukhuselwe, kodwa xa ufuna ukukhula kufuneka uzibonakalise.
Ukugqibela kwam ukuthenga imake-up...
Kwiinyanga ezintathu ezidlulileyo. Ndisabuthanda ubuhle, kodwa zagqitha iintsuku zokulungisa ubuso ngokupheleleyo njengonobuhle.
Imoto endigqibele ukuyirhalela...
I-Audi Q7 - kuba inamandla, intle kwaye ikhuselekile yeyona ilungileyo xa ndigoduka ndisiya kumama!
Iqhawe lam lakutshanje...
NguMadiba! Kudala waba ngumzekelo kum - undenza ndithi: "Mna ndinqandwa yintoni" Ukuba unako, nam mandenze endifanele ndikwenze." Ndinethamsanqa ke mna kuba ndikwazile ukumfumana ukuba andicebise ubuqu njengoko ndandinguMiss SA.
Iculo endigqibele ukulicula...
Lelithi Praise And Worship likaHlengiwe Mhlaba. Ndiyidlala rhoqo ekuseni xa ndisemotweni ndisiya emsebenzini.
Ukugqibela kwam ukucebisa ndithe...
"Zithembe maxa onke ubeneqhayiya ngobuwena." Zithembe ungasoloko utyhola iimeko xa ungafikeleli emaphupheni akho. Iinkokeli zethu ezininzi nazo zazihlupheka. Ikamva lakho lisezandleni zakho.
Ukugqibela kwam ukuthi bhayi-bhayi...
NgoDisemba ka-2006 - kubahlobo bam abakhethekileyo noogxa bam ebendisebenza nabo e-UK. Ndihleli khona iminyaka esixhenxe emva kokuba owayesakuba nguMongameli uTat' uMandela wandikhuthaza ukuba ndiye kufunda eYunivesithi yaseManchester waze wandilungiselela inkxaso-mali evela kwa-Investec. Ndifunde khona i-MSc in Economics, ndaze ndasebenzela i-Investec eLondon iminyaka embalwa. [x]
Umqulunqi: Patricia McCracken
IKHASI LAKHO LOKUGQIBELA
Sidlane
indlebe nowayesakuba nguMiss SA nosele ngoku eyingcali yeebhanki ephezulu, uPeggy Sue Khumalo, apha usixelela ngokumenza acule nokumenza oyike
