xhosa.2988.yourman_coaching
UKUFAKA
amanqaku
Yaziwa nanguthathatha eyokuba ibhola yeli lizwe ibafuna ngamandla abafaki bamanqaku - nantsi indlela ootata abanganceda ngayo
UKUZE ubengumfaki-manqaku ophambili, kufuneka "uziqhelise ukukhab' ibhola iye apho ufuna iye khona". Oko kufuna ukuba niziqhelise kona rhoqo nonyana wakho. Kwenzeni ithuba lemizuzu engama-30 ukuya kwengama-45 - xa nikwenza ixesha elingaphezulu kwelo, uya kudinwa angakwazi ukumilisel' ingqondo kwinto ayenzayo.
UMike "Sporo" Mangena oyingcali yethu yebhola uthi kuhle ukuziqhelisa into ngokuyiphinda-phinda. Uthi kufuneka umqhelise oku kathathu ngeveki ebuncinaneni de akuqhele ukukhabel' ibhola apho afuna iye khona.
Qalani ngokubeka izitena ezibini zishiyane ngesithuba esizimitha ezine. Ezo zitena ke ziza kuba ziipali, wena ke ubengunozinti oza kufundisa unyana ukufak' amanqaku. [x]
Umbhali: Force Khashane
Umfoti: Shaun Smith
UQEQESHO LWEBHOLA
Amakhwenkwe adla ngokuyikhaba iphakame ibhola xa ezifundela wona ukuyikhaba. Oko kungaba ngumkhwa ombi awufundayo. Abadlali baphambili abaninzi abanamava balahl' amathuba okufaka amanqaku ngokuyiphakamisa ibhola ize iphume phezu kweepali okanye ayibambe unozinti. Oko kwenzeka xa umdlali eshiye unyawo eme ngalo emva kwebhola xa eyikhaba. Njengoko sibonisiwe, kufuneka unyawo ome ngalo lulungelelane nebhola xa uyikhaba.
IZISEKO
1KHETHA INDAWO OFUNA IYE KUYO IBHOLA. Kufuneka unyana wakho aqale afunde ukukhetha indawo afuna ibhola iye kuyo endaweni yokuyikhabela nje naphi na.
Qala ngokukhetha indawo oza kuyikhabela kuyo ibhola, emva koko amehlo akho angasuki ebholeni.
2UKUSEBENZISA IINYAWO. Unyawo ome ngalo kufuneka lujonge kwindawo okhabela kuyo ibhola. Xa lujonge kweliny' icala, ibhola ayinakuya apho ufuna iye khona.
3YIKHABE IHAMBE PHANTSI. Ukuze ibhol' ingaphakami kufuneka umkhabi wayo agobele ngaphambili xa eyikhaba. Unyawo ame ngalo malulungelelane nebhola.
Qinisekisa ukuba unyana wakho akagobeli umzimba ngasemva xa ekhab' ibhola kuba iya kuphakama.
UMduduzi Ndlovu nonyana wakhe oneminyaka eli-12, uNhlakanipho.
ICEBISO
