XHOSA.2980.yourmanfashion
Zintle ezinemigca
IFASHONI YAMADODA
Yiba mhle yaye ubesestayileni ngokunxiba ihempe enemigca efikelelekayo
IHEMBE enemigca ikwenza ubemhle ube unganxibanga ubunewunewu. Nazi izinto ezilula ofanele uzikhumbule xa ukheth' ihempe enemigca.
Khetha enemigca ejonge ezantsi:
Ihembe enemigca ejonge ezantsi yeyona ilungileyo kuba ikwenza ubengathi umde yaye unesiqu esincinane.
Iyathandwa imigca emincinane:
Ukuba ungumntu onganxibi nje nantoni na, iya kukufanela ihempe enemigca emincinane. Ikwifashoni nehempe enemigca emikhulu nemincinane. Xa ungayonqeni imigca emikhulu ungayinxiba.
Xuba imibala kakuhle: Ungayinxiba ihembe enemigca nesuti enemigca. Kodwa kufuneka uqinisekise ukuba isuti nehempe zinemigca engalinganiyo.
Awunakubukeka xa unxibe isuti, ihempe neqhina ezinemigca emikhulu!
Xa unokulandela esi sikhokelo, uya kuzithemba xa unxibe ihempe enemigca.
Umnxibisi: Thato-ya-Ona Lerefolo
Umfoti: Peter Whitfield
Ihempe enemikhono emide enemigca eluhlaza nemdaka (R499), Soviet.
Ihempe eluhlaza enemigca enemikhono emide (R390), Truworths.
Ihempe emdaka enemigca enemikhono emide (R790), Carducci.
Ihempe eluhlaza enemigca enemikhono emide (R499), Truworths.
