xhosa.2955.housead
Akuzange kube mnandi kangaka ukufunda
Ingomso lelakho ngeBONA
N OKUBA ungumfundi okanye ititshala, ayifanelanga ikuphose iBONA yenyang' ezayo. Ukufumana ulwazi kuza konwabisa nokonwabisa, kwaye icandelo elitsha liza kuba noku kulandelayo:
lAmabali ngamagorha aseAfrika, anjengoShaka, uKwame Nkrumah namanye.
lImisebenzi yokuzoba nobuchwepheshe.
lIipuzzle eziza kukunceda uphucule ulwazi lwakho lolwimi.
Nezinye obungazilindelanga...
Phofu ke siseza kuqhubeka nokukuphathela amabali amnandi, iindaba zeendwalutho, amaqhawe emidlalo namabali aphanda imiba ethile ayibeke elubala eniwathandayo neniza kuwonwabela!
ZITITSHALA! Sebenzisani icandelo lethu elitsha ekongezeni izinto enifundisa ngazo. Umzekelo, imisebenzi yokuzoba neyobuchwepheshe iza kuba lula yaye ungayenza ngezinto ezisekhaya. Ngaphezulu ningasebenzisa namany' amacandelo emagazini ekufundiseni abafundi ukufunda okanye ukubhala izincoko. [x]
Ukususela kushicilelo oluzayo, siza kuniphathela icandelo elitsha elimnandi
