xhosa.2942.diabetes
Ndiza kusoyisa isifo seswekile!
Iingcamango namayeza amatsha zenza kubelula ukulawula isifo seswekile - kodwa singakubulala xa ungasihoyi
"Impilo yam iluxanduva lwam. Ugqirha uyandicebisa nje kuphela," utsho uShaleen Surtie-Richards.
INDUMASI yomdlalo kamabonakude, uShaleen Surtie-Richards noGqr Mangosuthu Buthelezi okwezopolitiko bohluke kakhulu - kodwa banento enye ebalulekileyo abafana ngayo. Kaloku bobabini sele behleli iminyaka emininzi bephila nesifo seswekile.
Sonke sikhe sive ngaso, kodwa ingaba siyintoni kanye"
Sisifo esibandakanya iswekile ekuthiwa yiglukhosi nelungu lomzimba ekuthiwa ngudakada. Ukucacisa singathi, iglukhosi luhlobo oluthile lweswekile esisiqulathi-mandla somzimba okanye ikhabhohayidrethi ebalulekileyo, ngelixa udakada wona ulilungu lomzimba elikufutshane nezintso zakho, elivelisa i-insulini ekuyiyo eyalela umzimba ukuba wamkele iglukhosi esuka egazini enika umzimba amandla.
Isifo seswekile ke siqala xa usitya ukutya okuninzi okuneekhabohayidrethi ize iglukhosi igcwale egazini kuba udakada ungakwazi ukumelana nobuninzi bayo, kwaye ube ungavelisi insulini eyaneleyo.
Umzimba wakuba kule meko uzama ezinye iindlela zokuyikhupha iglukhosi egazini, kwaye oko ke kungenza umonakalo kumalungu omzimba. Kodwa ukutya ngokuqaphela, ukwenza imithambo rhoqo nokuphumza umzimba kungamnceda umntu oneswekile ukulawula ubuninzi beglukhosi egazini lakhe.
Ngelishwa isifo seswekile siyaxhaphaka kuba abantu batya kakhulu bangawenzi umthambo, utsho uProf Francois Bonnici, oyintloko yecandelo lonyango lwesifo seswekile kwiUnivesithi yaseKapa nesibhedlela saseGroote Schuur, nongumongameli wombutho iSA Diabetic Association.
Bangaphezulu kwama-246 ezigidi abantu abaneswekile ehlabathini jikele - kwaye bangaphantsi kwezigidi ezine abantu abadala ababulawa sesi sifo ngonyaka.
Iinkonzo zezempilo eMelika ziza kuxakwa sesi sifo kwiminyaka eli-10 ezayo ukuba urhulumente akaveli nacebo, utsho uMichael Brown ongumphathi weCentre for Diabetes And Endocrinology eRhawutini - kwaye singuMzantsi Afrika silandela kanye emva kwayo.
"Sicinga ukuba bazizigidi eziyi-3,5 abantu abaneswekile kweli, kwaye siyazi ukuba eli nani liyanyuka, kodwa asinalo uphando olunokusazisa ukuba silindele ntoni na - kanti norhulumente akananto ayenzayo ngale nyewe."
Ingozi yesifo
"Eyona nto yoyikisayo kukuba isiqingatha sabantu abanesi sifo abayazi loo nto. Bathi beqabuka ube sele umonakalo umninzi, kwimithambo-luvo nasegazini," utsho uNjingalwazi Bonnici.
Xa umntu omnye kwabali-12 esecicini lokuhlaselwa sesi sifo, oko kuthetha ukuba abaninzi bethu basengozini yaso. UShaleen wafumanisa ukuba unaso emva kokuf' isiqaqa phambi kwababukeli eshicilela inkqubo ngo-2000.
"Xa iglukhosi ingalawuleki, iphazamis' okwenzeka emzimbeni wakho, ibangele umphefumlo wakho unuke. Ungaphulukana nolawulo ugxadazele kubenzima nokuhamba - abantu abaninzi bade bakucingele kakubi," ucacise watsho ugqirha wosapho.
Abantu abafunyaniswe ukuba baneswekile banakho ukuziva bebodwa, benawo nomsindo kwanomethuko ngenxa yezinto abamele bangazenzi nabacinga ukuba ziza kubenza nzima ubomi.
Abanye bade bacinge ukuba bashwatyulelwe kanti akunjalo.
Ukuphila neswekile
Isifo seswekile sisigulo oqhelanayo naso, siyakwazi ukulawuleka ngendlela yokutya elula, neepilisi kwimeko ezithile. Ngaphezulu uNjing. Marin Abrahamson weHarvard University eMelika uthi singathintelwa ukuba abantu abatyebileyo behlisa ubuncinane i-5% zokutyeba kwabo benze nemithambo rhoqo.
Uhlobo olwaziwa kakhulu - olulawulwa ngokutofa yonk' imihla - luhlobo olubizwa ngoType 1. Olu uhlobo kuxa i-insulini inqongophele kakhulu ize iglukhosi ingamkelwa ngumzimba endaweni yoko uyikhuphe nomchamo, uze uphume unuka switi. Ukuba umntu akafumani unyango, usengozini yokuba kwikhoma okanye abhubhe.
Uhlobo lukaType-1 ludla ngokuvela phambi kweminyaka engama-30 ubudala, utsho uNjing. Bonnici, kodwa ichaphazela omnye kwaba-10. Baze abali-9 bafunyanwe luhlobo lukaType 2 - olwahlukileyo kuType 1 ngonoobangela neendlela zokusilawula, ugxininise watsho.
UType 2 udla ngokufumana abantu abatyebileyo abangaphezulu kweminyaka engama-30 - noxa esithi uNjing. Bonnici ngoku uhlasela nolutsha ngenxa yokutshintsha kweendlela zokutya zaseMzantsi Afrika.
Iindaba ezimnandi ebantwini abanoType 2 kukuba banako ukuyilawula iswekile ngokutya okulungileyo nemithambo. Ngokuya bekhula, banokulufuna uncedo lweepilisi nesitofu.
"Sasikade sizama ukuba abantu abanoType 2 bangazityi kwangoko iipilisi - sasimqalisa sekukade. Ngoku sinamayeza aphucukileyo aphantse afane ne-insulini yomzimba okulula nokuwasebenzisa - umzekelo, isifuthi seempumlo.
"AbanoType 2 sibanika amayeza kwangoko ukunqanda umonakalo ongenziwa sesi sifo," utsho uNjing. Abrahamson.
Loo monakalo ke uquka ukumfameka, ukufa kwezintso, izilonda ezibangela ukunqunyulwa konyawo, isifo sentliziyo nesitrowukhu. Isiqingatha samadoda anesifo seswekile abanengxaki yokungavukelwa xa enganyangwa.
Xa sele unayo iswekile ingalawuleka kodwa ayinakunyangeka. Ngoko ke nokuba unoluphi uhlobo leswekile, kubalulekile ukulandela indlela eyiyo yokutya ukuze kulawuleke ubungakanani beglukhosi egazini, khumbula nokutya iipilisi ozinikiweyo.
Phila kakuhle
"Abantu babenxunguphala sesi sifo kuba kwakuthiwa bangakutyi ukutya okuqhelekileyo okufana nomgubo wombona, umngqusho, irayisi, ibhathanathi neetapile, izipayisi netyuwa," utsho uHlengiwe Mdletshe ongugqirha ocebisa ngendlela yokutya eKing Edward VIII eThekwini.
Kodwa uphando olutsha lubonisa ukuba ukutya kwesintu kuyanceda ukunciphis' iglukhosi egazini, eyongezwa kukutya okuziziqulathi-mandla, okugrayeka lula emzimbeni okufana nomngqusho kunye nebhathanathi.
"Umnqusho neembhotyi, umphokoqo nesityu semifuno, isityu senyama esineetapile kunye nekhaphetshu okanye iilentile nerayisi zisebenza kakuhle kunye.
"Kubalulekile ukutya imifuno kwaye ilulungele usapho lonke!"
Yitya ukutya okungenamafutha ukuthintela isifo sentliziyo. Susa amanqatha abonakalayo enyameni nofele kweyenkukhu phambi kokuyipheka, yeka ukutya okuqhotsiweyo, inyama enamafutha amaninzi njengepoloni, ukutya okuthengwa kuphekiwe neesaladi ezinongwe kakhulu, ucebisa ngelo uMdletshe.
Ungayi ngamandla etyiweni, nonga ngegalikhi, itshili, ipaprika, ikhari phawuda, igreen pepper, iceleri netswele.
Abantu abaneswekile bayakhuthazwa ngoku ukuba batye iziqhamo ezibini ukuya kwezintathu ngemini. Nkqu neziselo zeziqhamo kunye notywala, izinto ezazingafuneki ngaphambili, ngoku ziyavunyelwa - ikomityi yesiselo sesiqhamo neziselo zotywala ezimbini.
"Kubalulekile ukuthetha ngokutya okuthandayo kugqirha wakho wokutya okanye umcebisi ngesifo seswekile," utsho uMdletshe.
"Maxa wambi ndiyayiba itshokoleythi kuba ndiyithanda gqitha. Kodwa ndiyazi ukuba kufuneka ndikwenze oku ndiqaphele.
"Yonke imihla ndiyazikhumbuza ukuba ndim onoxanduva kuba ugqirha angandicebisa nje kuphela!" utsho uShaleen Surtie-Richards.[x]
XA UFUNA OLUNYE ULWAZI, qhagamshelana neDiabetes SA: ku-011-886-3765.
ibali libhalwwe nguPATRICIA McCRACKEN
Ingaba unaso isifo seswekile"
Dibana nogqirha okanye iklinikhi ekufutshane nawe ngokukhawuleza xa uqaphele ezintathu nangaphezulu oziqaphelayo kwezi mpawu zingezantsi - kuba kungenzeka sele unayo iswekile:
Xa unxanwa kakhulu
Usoloko uchama kwaye umninzi umchamo wakho kunakuqala
Uziva ubuthakathaka, udiniwe
Umzimba uzinciphela
Awuziva mnandi ngamaxesha onke
Awuboni kakuhle
Ulusu lwakho luyarhawuzela
Amanxeba nezilonda azipholi ngokukhawuleza
Uyaqapheleka ukuba utyebile
Unosuleleko olubuya rhoqo
Ulamba kakhulu
Izandla neenyawo zindindisholo.
Ifayile yezempilo
Umcebisi ngokutya angakunceda ekutshintsheni indlela otya ngayo ukuze ulawule isifo seswekile.
u
t
Xa utyebile, zama ukuthintela isifo seswekile ngokunciphi' umzimba wakho nge-5%
Ukuba nesiqu esilingeneyo uze uzingcine ungako kuyanceda ekuthinteleni isifo seswekile.
Indlela yokuyithintela
Kweli, imidaka, amandiya nabebala ngabona basemngciphekweni. Nantsi indlela yokwehlisa ubungozi:
Linganisa isinqa sakho - ukuba uyindoda kwaye ungaphezulu kwe-102cm okanye ungowasetyhini ungaphezulu kwama-88cm, zama ukwehlisa isi-5% sobukhulu bomzimba wakho
Yenza imithambo imizuzu engama-30 ngosuku, intsuku ezi-6 evekini
Yeka ukutya okuthenga kuvuthiwe - iziselo ezihlwahlwazayo, iitshipsi, izilibazisi ezinamafutha nenyama eyojiweyo.
