xhosa.2927.sci
liqulunqwe nguWALTON GOLIGHTLY kufote uCLIVE THOMPSON
Izicimi-mlilo
UZIBONA naphi na apho uhamba khona. Kaloku nokuba zingahlala ixesha elide zingasebenzi de zilale uthuli, izicimi-mlilo zingasindisa ubomi nempahla. Kodwa ukuze sizazi ukuba zisebenza njani, kufuneka siwazi umlilo ukuba uvutha njani...
Yintoni umlilo"
Umlilo ubangelwa kukudibana kweekhemikhali, ekudla ngokuba yi-oxygen esemoyeni nento etshayo njengokhuni nepetroli.
Phofu ke ukhuni okanye ipetroli azisuki nje zivuthe kuba zikwindawo ene-oxygen. Ukuze zitshe kufuneka kubekho ubushushu...
Naku okwenzekayo emlilweni weenkuni:
lIinkuni zitshiswa yinto enobushushu obuphezulu. Ezo kungaba zizinto ezininzi eziquka ukukhuhlana okanye imatshisi evuthayo.
Obo bushushu buvuthisa inxalenye yento eyenze ukhuni. Oko kukhupha ivolatile gas engumxube wehydrogen, icarbon ne-oxygen.
lYakuba shushu ngokwaneleyo igesi, iicompound molecules ziyohlukana zize ii-atoms ziphinde zidibane ne-oxygen kwenzeke amanzi, icarbon dioxide nezinye iigesi.
lIigesi ezinyuswa ngumoya zenza amalangabi. Iicarbon atoms ezinyuka namalangabi zenza ukukhanya ngokuya zibashushu. Yiloo nto izinto ezivuthayo "zikhanyisa."
lUbushushu belangabi bugcina into etshayo ikubushushu obuthile, ngoko iya kuqhubeka nokutsha de iphele.
Njengoko ubonile ke zintathu izinto ezibalulekileyo ekuvutheni komlilo: ubushushu obuphezulu; i-oxygen (okanye igesi efana nayo); nento etshayo.
Izicimi-mlilo ke zenzelwe ukuba zisuse enye yezi zinto zivuthisa umlilo ukuze ucime.
Eyona ndlela yokuphelisa ubushushu kukugalela umlilo ngamanzi. Oko kupholisa into etshayo de ingabisatsha, nto leyo iphazamisa ukuvutha komlilo uze ucime.
Ukususa i-oxygen, ungawogquma umlilo ukuze ungawufumani umoya. Ungawogquma ngengubo (xa umlilo umncinane) okanye amalangabi uwagalele ngomhlaba.
Indlela ezisebenza ngayo
Isicimi-mlilo ziisilinda zentsimbi ezizaliswe ngamanzi okanye ngechiza elicima umlilo. Xa ucinezela indawo engaphezulu, into engaphakathi ikhutshwa luxinzelelo lomoya njengakwinkonkxa yesifutho.
Indlela eyiyo yokusebenzis' isicimi-mlilo kukuba usijongise kwinto etshayo, ungasijongisi emalangabini.
Kukho izicimi-mlilo ezahlukeneyo zokucim' imililo eyahlukeneyo. Izicimi-mlilo ezikuClass A zingacima imililo yeenkuni, eyeplastikhi okanye eyamaphepha. EzikuClass B zezokucima izinto ezinjengepetroli. EzikuClass C zezokucima imililo yombane. Izicimi-mlilo ezibhalwe u-A, u-B no-C zicima zonk' iindidi zemililo. Zinqabile izicimi-mlilo ezikuClass D ezenzelwe ukucim' umlilo weentsimbi.
Amanzi ngawona asetyenziswa kakhulu ekucimeni imililo, kwaye ngawona asebenza kunazo zonke izicimi-mlilo. Kodwa kungaba yingozi ukucim' umlilo kweziny' iimeko.
Isicimi-mlilo samanzi singasebenza ekucimeni umlilo weenkuni, owamaphepha noweebhokisi, kodwa asiwucimi umlilo wombane.
Esinye isicimi-mlilo esithandwayo yicarbon dioxide engaxutywanga nanto. Icarbon dioxide yenziwa amanzi ize igcinwe kwisilinda enoxinzelelo lomoya.
Igesi yecarbon dioxide inzima kune-oxygen, ngoko iphelisa i-oxygen kwinto etshayo. Esi sicimi-mlilo sisetyenziswa kakhulu kwiivenkile zokutyela ukuze singafaki ityhefu ezityeni zokupheka nokutya.
Inkoliso yezicimi-mlilo zinento encinane ecima umlilo nengaphela nje ngemizuzwana. Oko ke kwenza izicimi-mlilo zilungele ukucima imililo emincinane. Xa ufun' ukucim' umlilo omkhulu kufuneka usebenzise isicimi-mlilo esikhulu njengenjini yokucima imililo! [x]
NGASENTLA: Zinje ke izicimi-mlilo.
NGASENTLA EKUNENE: Indawo oyikhupha iphini uze uyicinezele xa ucima umlilo.
BONA XHOSA - December 2005
Iprojekthi yeBONA
